






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ubugcisa Nenkcubeko > Amathala Eencwadi > iWebPALS: Iinkonzo Zamathala Eeencwadi Zekhompyutha

iWebPALS: Iinkonzo Zamathala Eeencwadi Zekhompyutha




INKCAZELO:

Inkonzo yeWebPALS isebenzisana namathala eencwadi alawulwa nguRhulemente wePhondo leNtshona Koloni futhi awawaquki amathala eencwadi aphantsi kolawulo lweSixeko saseKapa.

Amalungu amathala eencwadi angayisebenzisa iinternet ukuhlaziya impahla yethala leencwadi, baphendla-phendle iincwadi ngekhompyutha, okanye ke bafumane iinkcukacha ngethala leencwadi elithile.


IIMPAWU ZEWebPALS


Ukuphendla-phendla
Ngokusebenzisa iWebPALS, ungaphendla-phendla iincwadi ezikhoyo kwelo thala leencwadi ngekhompyutha, ufumane iinombolo zamaxwebhu athile nezalathiso, usebenzisa indlela yokuphendla-phendla esisiseko nekudidi oluphezulu.

Ukuba ufikelela kwiWebPALS ngokwethala leencwadi okanye isikolo sakho, indlela yokuphendla-phendla le ibeka loo ndawo ukuyo njengendawo yokuqala ophendla-phendlela kuyo; kodwa ke onke amathala eencwadi asebenzisa le WebPALS athatyathwa njengeendawo zokuqala zokukhangela

Ukuveza iinkcukacha zakho
Ungazibona zonke iincwadi nezihloko ezayanyaniswe nezo uzifunayo.

Ukuhlaziya usebenzisa ikhompyutha
Unhazihlaziya iincwadi osele uzijongile wazifumana.

Ukuboleka iindcwadi kumathala eencwadi ahlukeneyo
Ungazirhoxisa izicelo zokubolekwa iincwadi.
Ezinye iinkcuacha ngamathala eencwadi
Ungabona:
* ikhalenda yenyanga yeloo thala leencwadi namaxesha okusebenza
* iintsuku zekota okanye zesiqingatha sonyaka ithala elithile elisebenza ngazo
* iinkcukacha zokubolekisa zethala leencwadi elithile
* iinkcukacha-manani zethala leencwadi
* iinkcukacha-manani zamaxwebhu ethala leencwadi elo.



IMIYALELO:

Ukufikelela kwiinkonzo zamathala eencwadi zekhompyutha, yiya WebPALS kwiwebsite yeWebPALS.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Iinkonzo Zamathala Eencwadi (iSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Amathala Eencwadi ePhondo leNtshona Koloni (IiNkonzo)
* Iinkonzo Zamathala Eencwadi Nezoovimba-mpepha (iCandelo Likarhulumente)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 22 uJuni 2007



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





