﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > K &gt Khusela Impilo Yakho: iPap Smear

Khusela Impilo Yakho: iPap Smear



2002

Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)

UMBHALI: iSebe lezempilo



ISISHWANKATHELO

Apha ke sichazela amanina abudala buyiminyaka engaphezu kwamashumi amathathu ngokuba ziintoni na ezi pap smear, nokuba kufuneka zenziwe nini futhi zisenzelwa ntoni na.





WONKE UMNTU WASETYHINI ONGAPHEZU KWAMASHUMI AMATHATHU EMINYAKA UBUDALA KUFUNEKA EVAVANYELWE AMATHUMBA AKHULA KUMNYANGO WESIBELEKO

WONKE UMNTU WASETYHINI KUFUNEKA ELUFUMENE UVAVANYO LWE-PAP SMEAR

Yintoni Uvavanyo Lwamathumba Akhula Kumnyango Wesibeleko?


* Uvavanyo lwamathumba akhula kumnyango wesibeleko lubizwa ngokuba yipap smear ngesiNgesi. Ipap smear kukuhlolwa okulula nokukhawulezileyo kukasisi ngaphantsi ukukhangela ukuba umlomo wesibeleko sakhe usesempilweni na.
* Isixhobo esikhethekileyo esibizwa ngokuba si-speculum sisestyenziselwa ukubamba umphantsi kasisi uvulekile ukuze ugqirha okanye umongikazi akwazi ukuwubona lo mnyango wesibeleko.
* Ezinye iiseli zisuswa kakuhle apha kumlomo wesibeleko ze zithunyelwe kwindlwana yophando lwenzululwazi ukuze zivavanywe.
* Iziphumo zolu vavanyo ziya kuthunyelwa kwiklinikhi yakho ngoko ke khumbula ukubuyela kuyo ukuze uzifumane.

Kutheni Kufuneka Ndiye Kuvavanyo lwePap Smear Nje?

Ipap smear ikhangela iiseli ezingaqhelekanga ezinokuthi ekuhambeni kwexesha zibe nguMhlaza Wesibeleko.

Yintoni uMhlaza Womlomo Wesibeleko?


* UMhlaza Womlomo Wesibeleko luhlobo lomhlaza oluxhaphake kakhulu kubantu basetyhini.
* UMhlaza Womlomo Wesibeleko xa uthi ukhangelwe kuselithuba unganyangwa ze uphile.
* Bonke abantu basetyhini basemngciphekweni wokuhlaselwa ngumhlaza womlomo wesibeleko.
* Umngcipheko wokuhlaselwa ngumhlaza womlomo wesibeleko uyakhula njengokuba nawe ukhula nje.
* Usesemngciphekweni nokuba:
  * awukho mninzi ekwabelaneni ngesondo
  * uyeka ukuba sexesheni ngenxa yobudala sele wayeka ukuba sexesheni ngenxa yobudala
  * awusenazinjongo zakuphinda ufumane bantwana
  * wazikhupha isibeleko, awusenakufumana bantwana
  * akubonisi zimpawu.


Kufuneka Ndiye Nini Kuvavanyo lwePap Smear?


* Kufuneka ulwenze uvavanyo lwepap smear ubuncinci rhoqo emva kweshumi leminyaka,uqale xa ukwiminyaka yamashumi amathathu ubudala.
* Kufuneka ufumane iimvavanyo ezintathu EZISIMAHLA zepap smear, lube lunye xa ukwiminyaka yamashumi amathathu ubudala, lube lunye xa ukwiminyaka yamashumi amane ze ufumane olokugqibela xa ukwiminyaka yamashumi amahlanu ubudala.
* Ezi mvavanyo ZISIMAHLA zepap smear ziyafumaneka kwiklinikhi ekufutshane nawe okanye kwiziko lakho lezempilo.

Amalungelo Akho Ezempilo

Unelungelo:
* iimvavanyo ezintathu nezisimahla zepap smear ebomini bakho, lube lunye rhoqo emva kweshumi leminyaka, uqale xa ukwiminyaka yamashumi amathathu.
* lokunyangwa ngesidima, intlonipho kwanemfihlelo xa usiya kuvavanyo lwakho lwepap smear.
* lokucela umntu okanye iziko elikubonelela ngeenkonzo zempilo ukuba likucacisele ngenkqubo yolo vavanyo.

Uxanduva Lwakho


* Kufuneka ulwamkele uxanduva lokujongana nempilo yakho.
* Kufuneka ubuyele iziphumo zovavanyo lwepap smear.
* Kufuneka uye kulo naluphi na unyango olulandela olo vavanyo ukuba ucetyiswe ukuba wenze njalo.
* Kufuneka unikezele ngeenkcukacha zakho zonxibelelwano ezinyanisekileyo ukuze ube nokufumaneka xa udinga unyango olongeziweyo.


Olu lulwazi oluthatyathwe kwiphetshana eliveliswe njengengxenye yeCervical Health Implementation Programme (CHIP).





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Uvavanyo Lomhlaza Wesizalo (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 10 uFebruwari 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





