






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > S &gt Iphetshana Lenkcazelo Ngomhlaza Wesibeleko Kubasebenzi Becandelo Lezempilo

Iphetshana Lenkcazelo Ngomhlaza Wesibeleko Kubasebenzi Becandelo Lezempilo



2002

Isebe Lezempilo (The Government of South Africa)

UMBHALI: iSebe Lezempilo



ISISHWANKATHELO

Eli ke liphetshana Elinikezela Ingcaciso Ngomhlaza Wesibeleko Kubasebenzi Bononophelo Lwempilo.





Iphetshana elenzelwe abasebenzi becandelo lononophelo lwempilo ngobuzaza bomhlaza wesibeleko, indlela ogqugqisa ngayo, ubudala bamanina akowona mngcipheko wokuhlaselwa sesi sifo nokuba kungenziwa ntoni na ngaso.

IINYANISO NGOMHLAZA WESIBELEKO

* Umhlaza womlomo wesibeleko lolona hlobo lomhlaza lixhaphakileyo kumanina aseMzantsi Afrika.
* Umntu ngamnye kumanina angama-41 eMzantsi Afrika uya kuthi ahlaselwe sesi sifo ekuphileni kwakhe.
* Umhlaza wesibeleko uthinteleka ngokuthi kuhlolwe isibeleko kukhangelwa ukuba asikho mngciphekweni wakuhlaseleka na, hlolo olo lunokukhangela izinto ezingaqhelekanga nezidla ngokubakho xa umntu eza kuhlaselwa sisifo somhlaza, esaziwa ngokuba sisilonda esidumbileyoesingaphakathi kwisibeleko nesele sisaziwa njengesilonda esingaphakathi kwisibeleko ngaphakathi.
* Iinkqubo zeemvavanyo ezijoliswe kubemi bamazwe ngamazwe kwihlabathi lonke jikelele zibonakalise ukwehla kweemeko ezintsha zokuhlaselwa kwamanina ngumhlaza wesibeleko, nakwiimeko apho ezi nkqubo zingakhange zigqibelele ngokomgangatho.
* Abantu basetyhini abasebatsha badla ngokuba neSIL ekumgangatho ophantsi. Uninzi lwala makhwiniba azibyela kwisimo sesiqhelo kwangokwawo. Abantu basetyhini abasele bekhulile abanala makhwiniba, noxa kunjalo, anethuba elikhulu lokukhula abe sisifo somhlaza.
* Kuthatha malunga neshumi ukuya kumashumi amabini eminyaka ukukhula kwala maqalela esi sifo de abe sisifo somhlaza wesibeleko esigqibeleleyo.

Iziphakamiso zenkqubo yesizwe yokuhlolisisa ubukho besifo somhlaza, esele yamkelwe njengomgaqo-nkqubo which has been accepted as official South African health policy, are that:

* Amanina abudala bungama-30 eminyaka nangaphezulu kufuneka afumane ezi mvavanyo zomhlaza wesibeleko kathathu . Ezi mvavanyo ke kufuneka zishiyane ngeshumi leminyaka. Ezi mvavanyo ezifana nezi zixelwe ngentla apha njengoko besele zichazwe njengezicutha ukubulawa sesi sifo ngamashumi amathandathu anesixhenxe ekhulwini yaye zithatyathwa njengeyona ndlela ingabizi kakhulu empokothweni yokulwa nesifo somhlaza wesibeleko apha eMzantsi Afrika.
* Ukuba umntu wasetyhini uneempawu ezithile okanye ukhe wenziwa uvavanyo olungakhange lufane nezinye mhlawumbi ngenxa yeempawu abe nazo okanye mhlawumbi kukho izikhokelo ezivela eklinikhi, umntu lowo angazifumana iimvavanyo ezisimahla sesifo somhlaza wesibeleko ngaphezu kwezo zintathu azifumanayo.
* Ukuba umntu othile wasetyhini ufuna iimvavanyo zesi sifo ezingaphezu kwesithathu asifumana simahla, kuya kufuneka azihlawulele ngokwakhe ezo azo zongezelelwayo.
* Ukuba umntu wasetyhini lowo unama-55 nangaphezulu eminyaka ubudala ngexesha afumana uvavanyo lwakhe lokuqala lwesifo somhlaza wesibeleko, yaye uvavanyo olo alunamakhwiniba, akufuneki kuphindwe kwenziwe zimvavanyo kuye.



INGABA SIZA KUQINISEKISA NJANI UKUBA LE NKQUBO IYASEBENZA?

* Ukufundiswa kwabasebenzi besebe lezempilo ngokubaluleka kwezi mvavanyo zesifo somhlaza wesibeleko,
* Ukuqeqeshwa kwabasebenzi becandelo lononophelo lwempilo ekuthatyathweni kwezi mvavanyo,
* Ukuqinisekisa ubukho bezixhono eziwufaneleyo lo msebenzi
* Ukuqinisekisa ukugcinwa kwamarekhodi anento yokwenza nomgangatho
* neziphumo zezi mvavanyo, kuquka nenkqubo namanye amaxesha amanina la akhe ayityelela ngawo iklinikhi, kwakunye
* Ukulandelwa kuhle kweemeko kwanokuthunyelwa kwala manina kumanye amaziko.
* Ukufundiswa koluntu ekuhlaleni ngokubaluleka kweemvavanyo zesifo somhlaza wesibeleko.



IMIBUZO:
uMarie Adamo
Inombolo Yomnxeba: 021 483 2684
Inombolo Yefeksi: 021 483 4345
madamo@pgwc.gov.za





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Uvavanyo Lomhlaza Wesizalo (IiNkonzo)
* Khusela Impilo Yakho: iPap Smear (IiNkcukacha Zoluntu)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 26 uJanuwari 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





