﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > B &gt Ukuzivavanya Amabele

Ukuzivavanya Amabele





Isebe Lezempilo (The Government of South Africa)



ISISHWANKATHELO

Le ncwadana iqulethe izizathu zokuzivavanya amabele rhoqo.






KHUMBULA

Ukuzivavanya amabele kungasindisa ibele lakho ze kusindise nobomi bakho. Amathumba amaninzi amabele afunyaniswa ngabantu ababhinqileyo ngokwabo. Noko kunjalo, amathumba amaninzi afunyanwa ebeleni awangomhlaza. Khuseleka, qiniseka.

AWONA MAXESHA UNOKUZIVAVANYA NGAWO

Awona maxesha akulungeleyo oku kuzivavanya kuxa kanye usandula ukuphuma exesheni, xa amabele akho engathambanga okanye engadumbanga. Ukuba akuyi rhoqo exesheni okanye mhlawumbi ngamanye amaxesha inyanga iyadlula ungakhange uye exesheni, zivavanye ngosuku oluthile olufanayo nyanga zonke.



INDLELA EYIYO YOKUZIPHENDLA-PHENDLA


1. Lala phantsi ze ubeke umqamelo ngaphantsi kwegxalaba lakho lasekunene. Beka ingalo yakho emva kwentloko yakho.
2. Sebenzisa umphambili weminwe yakho ephakathi yesandla sakho sasekhohlo ukuze ube nokuweva amaqhuma okanye iindawo eziqinileyo. Le miphakathi yeminwe yakho ke zezi ndawo ziphezulu apha emnweni, ngaphantsi kozipho lomnwe ngamnye.
3. Cinezela kakhulu de uve ukuba kukho nto ingaqhelekanga na ebeleni lakho. Ukuba akuqinisekanga ukuba mawucinezele kakhulu kangakanani, cela ugqirha okanye usomachiza wakho. Okanye ke uzame ukukopa indlela ugqirha okanye usomachiza wakho ayisebenzisa ngayo eyakhe iminwe xa azama ukufumanisa umhlaza wamabele. Zama ukufumanisa ukuba ibele lakho livakala njani na amaxesha amaninzi. Ukucinezela kakhulu kwisivongqo esisezantsi sebele ngalinye yeyona ndlela iqhelekileyo.
4. Hamba-hamba ngomnwe ucinezela ibele ngalinye ngendlela ethile. Ungakhetha ukulijikeleza (A), ukuthi uphezulu ube usezantsi kwibele ngalinye (B), okanye ke ukuqala kancinci uye uqinisa apha ekucinezeleni ndawo zonke apha ebeleni (C). Yenza oku ke ngendlela efanayo maxesha onke. Loo nto iya kukunceda uqinisekise ukuba ulicofa-cofe lonke ibele lakho, kwanokukhumbula ukuba liva njani na ibele lakho xa usenza oku.
5. Ngoku ke vavanya ibele lakho lasekhohlo usebenzisa imiphambili yeminwe yesandla sasekunene.
6. Ukuba uthi ufumanise naziphi na iinguqu, bonana nogqirha wakho ngoko nangoko.


UKHUSELEKO OLONGEZELELWEYO

Kukwafuneka udlale ngamabele akho umi phambi kwesipili emva nje kokwenza olu vavanyo kumabele akho nyanga nganye. Khangela ke ukuba kukho nguqu zikhoyo na ngokwendlela amabele akho akhangeleka ngayo, nguqu ezo zifana: nokushwabana kolusu, iinguqu kwingono, okanye ububomvu okanye ukudumba. Usenokufuna futhi ukuzivavanya amabele ngelixa usahlambayo. Izandla zakho ezinesepha ziya kutyibilika kolo lusu lumanzi, nto leyo iya kwenza kube lula ukufumanisa ukuba amabele akho anjani na.








This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Uvavanyo Lomhlaza Webele (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 22 uJuni 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





