﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > I &gt Iphetshana Elinikezela Iinkcukacha Ngomhlaza Webele

Iphetshana Elinikezela Iinkcukacha Ngomhlaza Webele



2003

Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)



ISISHWANKATHELO

Eli ke liphetshana elinye elinikezela ngeenkcukacha-manani kwanokugqugqisa komhlaza webele kwakunye nemiba ebeka umntu esichengeni sokuhlaselwa lolu hlobo lomhlaza.






NONOPHELA UMZIMBA WAKHO ZE WOYISE UMHLAZA WEBELE


* Izizwe zaseNtshona zizo ezithwaxwa kakhulu sisifo somhlaza webele - amashumi amathandathu ukuya kwasixhenxe kwikhulu lamawaka ngalinye lamanina.
* Umhlaza webele lolona hlobo lomhlaza lungenanto yakwenza nolusu olufumanekayo kumanina ze ube sesona sizathu sokuhlaselwa ngumhlaza kumanina aseMzantsi Afrika okwakaloku nje (16.6 %).
* Olu hlobo lomhlaza lolona luhlasela amanina amhlophe nawama-Asia (17.9% and 24.4% ngokulandelelana), ngaphandle ke komhlaza wolusu.


* Phakathi kweminyaka u-1993 no-1995 izinga lokosuleleka ngokutsha ngonyaka yayingamanina angama-3 785.
* Wonke umntu wasetyhini usecicini lokosuleleka nguMhlaza Webele. Izinga lalo mngcipheko ke lenyuka nokukhula komntu.
* Zininzi izinto esele zifunyaniswe njengezibangela uMhlaza Webele. Noko kunjalo ke kodwa, zonke ezi meko zenza kuphela isinye esithathwini kwiimeko zokosuleleka sesi sifo. Zonke ezinye iimeko zisala zingaziwa , kodwa ke kukho amaphulo ehlabathi asaziphandayo.
* Ukuza kuthi ga namhlanje, ulwazi ngezinto ezinokubeka umntu esichengeni alusetyenziswa ngeenjongo zokuthintela ukosuleleka koluntu ngulo mhlaza, ngoko ke elona cebo lingcono lokunciphisa izinga lokubulawa kwamanina ngumhlaza webele kukusifumanisa esi sifo kuselixesha.
* Izimvo ezininzi zikholelwa ekubeni ezinye zezinto ezibangela ukosuleleka sesi sifo ziquka imfuzo, iintlobo zokutya, imiba yendalo engqongileyo, iintshukumo zencindi yedlala okanye zontathu ezi meko.
* Amanina awafumana ngokwawo amathuba alithoba kwalishumi.
* Amathumba amaninzi (malunga nama-80%) awawanabungozi kodwa kodwa ithumba elinye linokuba luphawu olubonakala ngexesha elihle lokuhlaselwa ngumhlaza webele. Nayiphi na inguqu ke ngoko kufuneka ifumane iliso elibukhali likagqirha.
* Isifo sebele yinto eqhelekileyo. Siqalisa njengethumba okanye ukuqina ebeleni, bele elo kufuneka livavanywe yiklinikhi.
* Ukuzivavanya Ibele yindlela yokuzikhangela umhlaza webele onokuyisebenzisa ndawonye novavanyo lwebele ngugqirha wakho (ukufotwa kwebele).
* Licebiso eliphilileyo ke ukuba amanina angaphezu kwamashumi amane eminyaka ubudala aye kuhlolwa ukuba akanamathumba angaqhelekanga na emabeleni awo ngokuthi afotwe ngoomatshini abenzelwe oku.






This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Uvavanyo Lomhlaza Webele (IiNkonzo)
* Ukuzivavanya Amabele (IiNkcukacha Zoluntu)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 26 uJulayi 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





