






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > Y &gt Yintoni Impilo Yengqondo?

Yintoni Impilo Yengqondo?



2003

Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)



ISISHWANKATHELO

Olu ke luxwebhu oluthe ngqo nolucacileyo ngokuba kuthethwa ngantoni na xa kuthethwa ngempilo yengqondo nangokuguka engqondweni. Liphetshana elinemibuzo ngendlela abantu abamelana ngayo neenzima zobomi kwakunye neempendulo kwimibuzo ebuzwa rhoqo ngempilo yengqondo.






YINTONI IMPILO YENGQONDO?

Impilo yengqondo ayijolisanga nje ekungagulini ngengqondo, koko ngobukho bempilo ngokwengqondo nokuma kakuhle apha entloko. Impilo yengqondo ingendlela oziva ngayo ngawe, imo yobudlelwane bakho nabanye abantu kwanokuba uwamkela njani na amathuba akuvelelayo, iinzima nemiceli-mngeni yobomi bantsuku zonke.


NDINGAYIPHAKAMISA ZE NDIYIGCINE NJANI IMO YEMPILO YENGQONDO YAM UKUZE IHLALE IKWIMEKO EPHILILEYO?



Impilo Yengqondo ingokufumana ukulingana phakathi kokumelana neenzima zobomi nokusebenzisa amathuba aza nobomi ngokuphuhla okuqhubela phambili. Khawuzame ukwazi ukomelela kwakho (ze usebenzele ukukukhulisa) nemingcipheko okuyo (usebenzele ukuyoyisa okanye ukufumana inkxaso kuyo) ze ufunde ukuzazi xa ungakwazi kumelana neemfuno zobomi bakho futhi usemngciphekweni wokuphazamiseka ngendlela engekho mpilweni.


UKUMELANA NOKUNGAZINZI ENGQONDWENI


Sinokungaziva siphilile okanye sikulungele ukumelana nobomi ngokwasengqondweni ngawo onke amaxesha. Ngokuphandle, ukomelela okanye ukujuba kwethu, ngenkxaso esuka kubanye abantu, kungasinceda sibuyele empilweni eyiyo emva kwentlekele okanye imeko ephazamisana nesimo sengqondo ebesikuso, xesha elo singaziva mnandi ngalo ebomini bethu. Okunye ukuphazamiseka kunokuba ngumceli-mngeni futhi kunike umdla (ukufumana isithuba esitsha somsebenzi, uxanduva olwahlukileyo.) Kufuneka sizinqande ekuvumeleni amaqondo okuphazamiseka kweengqondo zethu ukuba afikelele kumanqanaba apho singenakumelana nobomi bethu bantsuku zonke.



UVAVANYO LOKUNGAZINZI ENGQONDWENI

Vavanya iqondo lokungazinzi kwengqondo yakho. Funda le mibuzo ilandelayo. Kwixesha ngalinye ophendula ngokuthi "ewe" kuyo, faka uphawu kule bhokisi.



Ingaba usoloko uziva udiniwe?


Ingaba ukufumana kunzima ukulala?


Ingaba uhlaselwa yintloko ebuhlungu, izilonda, okanye ukungacoleki kokutya esiswini?


Ingaba ukufumana kunzima ukuzikisa ingqondo?



Ingaba kuba luxanduva xa kufuneka uphumlile?




Ingaba uphelelwe ngumdla ekwabelaneni ngesondo?



Ingaba uphelelwe ngumdla kwizinto ozithandayo kwanezinye iintshukumo obusoloko uzonwabela?


Ingaba uphelelwe ngumdla ekutyeni okanye mhlawumbi ingaba utya ngaphezu kwesiqhelo?


Ingaba usoloko ufika emva kwexesha emsebenzini?


Ingaba awuthandi okanye awuziva mnandi xa ukunye nabantu ophangela nabo?


Ingaba uziva unomsindo, udikwa ngokukhawuleza okanye "usezantsi kakhulu ngokwenqanaba lobomi kubanye abantu"?



Ingaba uya nazo ekhaya iingxaki zasemsebenzini emva kwemini nangeempela-veki?


Ingaba wenza izigqibo ezikhawulezileyo nezingazikisisiswanga?


Ingaba ukufumana kunzima ukufikelela kwizigqibo?




Ukuba ufumana ezinye zeempawu onazo kolu vavanyo lokuphazamiseka kwengqondo, mhlawumbi kusenokuba uphazanyiswa yimiba yasemsebenzini. Abantu abaninzi kuthi baziva ngolu hlobo ixesha nje elincinci kwinqanaba elithile ebomini. Njengokuba kungekho zindlela zilula zokunyanga ezinye zezi ngxaki sithi sibe nazo, ukuthabatha amanyathelo okunciphisa oku kuphazamiseka emsebenzini ukuze sizibuyisele kwimo yesiqhelo okanye sikhusele impilo yeengqondo zethu yeyona nto ingcono umntu anokuyenza. Ukuyongamela ngokwakho le meko:


* Ungaphinda uzibekele ngokutsha izinto ezibalulekile ebomini bakho ofuna ukuzifumana kuqala, ukuba unakho: Qwalasela kuphela izinto ezibalulekileyo.

* Jonga izinto ngobunjalo bazo: Yahlula-hlula amaphulo abe yimisetyenzana onokumelana nayo, fumanisa onokumelana nongenakumelana nako.
* Nyaniseka kubalingane bakho/kumphathi wakho emsebenzini: Yiza neendlela ezinokuphucula le meko.
* Khathalela impilo yakho yomzimba, yengqondo neyeminye nje imiba yobomi bakho. Musa ukungazihoyi izihlobo nosapho lwakho.
* Sebenza kwangexesha ukwenzela ube nexesha elaneleyo lokuphumla: Funda ukuthi "hayi". Musa ukuziva unetyala ngokuzinika ixesha lokuphumla.
* Fumana inkxaso: Tyumba futhi ubazi abantu onokwabelana nabo ngeengxaki ze nizame nokufumana izisombululo.



UKUGULA NGENGQONDO


Ingxenye ebalulekileyo ekugcineni impilo yengqondo yakho ikwimeko ephilileyo ekhaya nasemsebenzini kukuzinakana xa unengxaki yempilo yengqondo okanye usemngciphekweni wokuba naloo ngxaki. Ulwazi, yaye ukuba kuyimfuneko, uvavanyo neengcebiso ngonyango zingafumaneka kwiziko lezempilo elikufutshane nawe, kugqirha okanye kumongikazi okanye iklinikhi yempilo yengqondo neyomzimba. Abasebenzi bezempilo abazisebenzela bucala njengoogqirha bengqondo, iingcali zeeklinikhi zengqondo kwanoonontlalo-ntle beeklinikhi bangaluncedo.


YINTONI INGXAKI YEMPILO YENGQONDO OKANYE UKUGULA NGENGQONDO?


Iingxaki zempilo yengqondo zidala uthotho lwezigulo ezisukela kwezingembi kuyaphi ezingumvuka weenguqu ebomini bakho ukuya kwezona zinobuzaza kakhulu ezinokunyanzelisa ukuba umntu ade aye kugcinwa esibhedlele futhi afumane nonyango oluqhubekekayo ukumenza akwazi ukumelana nobomi bantsuku zonke ekhayeni nasemsebenzini. Ezinye izigulo zinokuvela ngamaxesha athile kuphela, umzekelo, ukuphazamiseka kwengqondo emva kokubeleka koomama abatsha, ukwanda kokungazinzi kwengqondo (iDementia) kubantu abasele bekhulile. Ezinye zinokuvela nakwesiphi na isigaba sobomi.


NDINGAZINAKANA NJANI IIMPAWU ZOKUGULA NGENGQONDO?


Ezantsi apha kukho uluhlu lweempawu nemiqondiso kumanqanaba amathathu kolu thotho luphangaleleyo lweengxaki zempilo yengqondo sinokuthi sizifumane sihlaselwe zizo, ukukunceda ukhangele ubume bengqondo ngelo xesha ucinge ngalo. Apho le miqondiso okanye eminye imifuziselo ekuxhaphakeleyo yobudlelwane okanye yokuziphatha ichaphazela futhi iphazamise ukusebenza kwakho empangelweni okanye esikolweni ze ikuphazamise wena nosapho lweqabane lakho nendlela nje yokuphilisana noluntu, kusenokuba unengxaki yempilo yengqondo edinga ukunikwa ingqalelo.



Ukudakumba
Ukuba nexhala
Ukungazinzi kwengqondo

Ingaba ..... ...Usoloko uziva udangele okanye ucaphukile okanye zombini (uzive usoloko ungxola okanye unyembezana)?
...Uphelelwa ngumdla okanye akusakwazi konwabela izinto obusa kuzonwabela?
...Uziva ungenakuncedakala, ungenathemba, unetyala futhi kungasekho kwakho emhlabeni?
... akukwazi kuzinza uqondisise kwinto ethile futhi ulibala rhoqo?
?.ukufumana kunzima ukufikelela kwizigqibo?
...ucinga ngokufa okanye ukuzibulala?
Uziva udiniwe futhi ungenamandla?
Uyatyeba okanye uyehla emzimbeni (akunamdla wakutya okanye utya ngaphaya kokuqonda)?
Uneengxaki zokulala (ulala ixesha elide kakhulu okanye elincinci kakhulu), akuziva ukhe waphumla emva kokulala?
...unamaqondo okwenza izinto adungekileyo okanye ehle kakhulu (ixesha likhawuleza kakhulu)?


Ingaba
...uzifumana ungenakuzinza, ungakhululekanga, okanye ukhathazeke ngokugqithisileyo?

...unoloyiko lokusweleka okanye lokwahluleka ukulawula imeko ophantsi kwayo?
...woyika ukungakwazi kuqhwesha, yaye akufuni kuzishiya iindawo osele uziqhelile?
...uziva uphantsi koxinzelelo lweengcinga zeemeko ezingenakuba yinyaniso?
...uyazoyika futhi uyazibaleka iimeko apho kufuneka uzimanye nabantu?
...uziva unentloko ethambileyo, uphelelwa ngumphefumlo okanye unesizunguzane?
...uneentlungu zesisu, iintloko ezibuhlulngu, ukubambana kwemisipha okanye uziva undindisholo okanye urhawuzelelwa ?...



Ingaba kukho amaxesha apho uva amazwi, ubona imibono, uva okanye unukiselwe ngamavumba, nto ezo zingenzekiyo kubanye abantu?...intloko yakho iziva ingenakumelana nokucinga, iingcinga zakho zivakala zidida futhi zingavakali, zingahlangani yaye kunzima ukuzibumba?...uneenkolelo eziluqilima abanye abantu abangenakuziqonda, umzekelo, kukho abantu abafuna ukukonzakalisa, okanye unamandla nolwazi olulodwa?...ubona abanye abantu bengenakuzazi iingcinga zakho okanye wena ukwazi ukubona iingcina zabanye?....indlela oziveza ngayo ngokwasemphefumlweni ibonakala "imcambalala" okanye ingaqhelekanga kwabanye?... amandla akho okumelana nempilo nokuba sempilweni kwakho kwanemisebenzi yakho aya ephela?




UKUFUMANA UNCEDO KWINGXAKI YEMPILO YENGQONDO YAKHO?


Abantu bangakubaleka ukumelana neengxaki zempilo yengqondo yabo okanye iinzima zemiphefumlo yabo "ngokuthi bazinyange": Bangakwenza oku ngokuthi basebenzise ngokungaphaya kweqondo elamkelekileyo amachiza afumaneka ngokuthengwa kwiivenkile zamachiza okuzinyanga okanye amachiza angumyalelo kagqirha, utywala nezinye iziyobisi.

Ngelixa oku kunokukunika ukukhululeka ithutyana elingephi, kusenokukhokelela kwiingxaki zokungakwazi ukuphila ngaphandle kwaloo machiza, ngaphandle kokunyanga ingxaki le. Ungaludinga uncedo lokuyeka loo machiza ukuba ubusele uwaqalile. Abantu abanengxaki yempilo yengqondo banokungalufuni uncedo abaludingayo ngenxa yokuba ukugula ngengqondo luphawu lokuphelelwa ngamandla, ukonqena, ukungamkeleki eluntwini okanye iingcinga ezizele yiminqweno".

Iinyaniso zicacile: Izigulo zempilo yengqondo, njengezigulo zempilo yomzimba, zingachaphazela nabani na. Iingxaki zempilo yengqondo zibanga intlungu yaye zingabangela ukukhathazeka njengokonzakala emzimbeni, futhi ukufumana uncedo kwangexesha yeyona nto ingcono unokuyenza ukwenzela ukuphakamisa awona mathuba maninzi okuphila. Ukufumana uncedo ngelona thuba likhawulezileyo kukunika amathuba amaninzi nakhawulezileyo okuba ngcono. Inyathelo lokuqala ekufumaneni uncedo kukwamkela ukuba ukuya kufuna uncedo yinto ekulungele ukuba uyenze!

Uncedo okanye icebiso ngokuba ungaya phi na ngeengxaki zempilo yengqondo yakho lingafumaneka:

* kumcebisi wesikolo okanye wenkonzo yakho
* kugqirha okufutshane nawe
* iziko lasekuhlaleni lezempilo okanye kwiklinikhi ekwinqwelo ejikelezayo
* kwiklinikhi yabasebenzi okanye kumongikazi wezempilo
* oonontlalo-ntle, iingcali zempilo yengqondo, oogqirha bempilo yengqondo kwanezinye izifundiswa ngempilo yengqondo.


Isalathisi seenkonzo zempilo yengqondo kungaqhagamshelwana naso ukuze kufumaneke amanye amaziko anikezela uncedo.



IINGCINGO ZEMINXEBA YONCEDO


Usenokunqwenela ukutsalela umnxeba kucingo lomnxeba woncedo ukuze ube nokubonisana neengcali ngale nyewe.


Inombolo Yomnxeba ye-Anxiety and Depression
0800 567 567

i-Aidsline
0800 01 2322

iChildline
0800 05 5555

iLife Line
021 461 1111/4

i-Alcoholoics Anonymous
021 510 2288

iNarcotics Anonymous
088 1300 327

iHEAL (eyiHalt Elder Abuse Line)
0800 003 081



ULWAZI NGEZIBONELELO


iSA Federation for Mental Health
Private Bag X46
eBraamfontein
2017
Inombolo Yomnxeba: 011 781 1852



iCape Mental Health Society
Kwisitalato I-Ivy
e-Observatory
7700
Inombolo Yomnxeba: 021 447 9040

iWestern Cape Forum for Mental Handicap


Inombolo Yomnxeba: 021 510 4686

Iziko Lolwazi Ngempilo Yengqondo
P.O. Box 19063 Department of Psychiatry
Tygerberg University of Stellenbosch
7505 Tygerberg

Inombolo Yomnxeba: 021 938 9229


Iziko Lolwazi Ngononophelo Lwabantwana (iCCIC ngamafutshane)
Iziko Lwezibonelelo Zolwazi Loomama Nolwempilo Yabantwana (MCHIRC ngamafutshane)
Inombolo Yomnxeba: 021 689 1519

iCandelo Lempilo Yabantwana
RXH Rondebosch Mowbray Children's' Centre
Kwa-46 Kumgaqo iSawkins
eRondebosch 7700

Inombolo Yomnxeba: 021 685 4103






This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Iinkonzo Zononophelo Lwempilo Yengqondo (IiNkonzo)
* IiNkonzo Zonyango Lwenqanaba Lokuqala Lwabagula Ngengqondo (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 5 uJulayi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





