






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > URhulumente & Nolawulo Ngentando Yesininzi > URhulumente kaMaspala/Wekhaya > Iinkonzo zikaMaspala > Amanzi Nombane Asimahla

Amanzi Nombane Asimahla




INKCAZELO:

URhulumente udize iinjongo zakhe zokubonelela ngeenkonzo zamanzi kunye nezombane ezingundoqo nezisimahla kubantu bonke. Kukwakho nenyathelo lokubonelela ngeenkonzo ezisimahla zococeko.

Noxa esi isisigqibo esithathwe ngurhulumente wesizwe nje, amanzi, ezococeko nombane zibonelelwa ngoorhulumente beedolophu ngoko ke olona xanduva lokunikezela ngezi nkonzo lulele kumaspala wakho.


AMANZI ASIMAHLA

Kwinyanga yeKhala ngo-2001, malunga nezigidi ezingama-23 zabantu baseMzantsi Afrika bebesele befumana Amanzi Angundoqo Simahla.

Eyona njongo kukubonelela amakhaya ahluphekileyo ngezibonelelelo ezingundoqo zeelitha ezingama-6 000 zamanzi akhuselekileyo ngenyanga simahla. Oku kunokwahluka ngokuxhomekeka koomaspala yaye kufuneka uqhagamshelane nomaspala wakho ngqo ukuze ufumanise ukuba kanye kanye la manzi asimahla angundoqo babonelela ngawo yintoni.

Kulindeleke ukuba uwahlawulele amanzi asetyenziswe ukugqitha lawo usifumana simahla.

Ukufumana ezinye iinkcukacha, qhagamshelana nomaspala wakho okanye uqhagamshelane no-:
Simpiwe Mashicila
kwiSebe leMicimbi Yamanzi Namahlathi
Inombolo Yomnxeba: 021 946 3666
Inombolo Yefeksi: 012 323 3877
mashics@dwaf.gov.za


UMBANE OSIMAHLA

Iinkonzo zombane ezisimahla zijoliswe ikakhulu kumakhaya ahluphekileyo. La makhaya aya kubonelelwa ngesixa esincinci sombane simahla kodwa ke kufuneka awuhlawulele nawuphi na umbane osetyenziswe ukugqitha lowo usisibonelelo esingundoqo nesisimahla.

Isixa esisacetywayo sombane osimahla ngama-50kWh kwikhaya ngalinye ngenyanga ngokwendlela ye-grid. Esi sixa sombane sesona singundoqo sinokwanela ukukhanyisa, ukusebenzisa umobonwa-kude omncinci obonisa mnyama namhlophe kunye nonomathotholo omncinci, ukolulwa kwempahla nokubiliswa kwamanzi ngeketile yombane. Ama-50Wp ombane kuya kunikezelwa ngawo kwisibonelelo esingenziwa ngendlela ye-grid kuwo onke amakhaya aqhagamshelwe kwindlela esesikweni engeyiyo eye-grid.

Abasebenzisi bombane abaneemitha zombane wamakhadi baya kuba nakho ukubona xa lowo usimahla sele bewugqibile futhi babe nakho nokuthenga omnye ngemali yabo. Abasebenzisi abaneemitha zombane ohlawulwa ngenyanga abayi kuba nakho ukubona lula xa sele bewusebenzise bawugqiba umbane wabo osimahla. Baya kutsalelwa imali yombane ogqithe kwisixa esisisibonelelo esisimahla ekupheleni kwenyanga.

Umbane Ongundoqo Ofumaneka Simahla uya kuqala ukunikezelwa ngenyanga yeKhala ku-2003, emva kokuba ooMaspala befumene iimali zabo kwiSebe looRhulumente Bamaphondo Nabeedolophu.

Ukufumana ezinye iinkcukacha, thetha nomspala wedolphu yakho okanye uqhagamshelane:
UMlawuli: Kwezokuphicothwa Komgaqo-nkqubo Nemimiselo Yombane
ISebe leZimbiwa Namandla
Private Bag x59, ePitoli, 0001
Inombolo Yomnxeba: 012 317 9519
Inombolo Yefeksi: 012 317 9539
David@mepta.pwv.gov.za


EZOCOCEKO

Kulandela ukubonela ngempumelelo ngenkqubo Yamanzi Angundoqo Simahla, iSebe leMicimbi Yamanzi Namahlathi kungoku nje likwinkqubo yokuphuhlisa Isicwangciso-qhinga Sesizwe Sezococeko Olungundoqo Simahla. Oku kwenziwa ngokwemikhomba-ndlela esuka kwiQela Lesizwe Elinikwe Uxanduva Lokujongana Namanzi Nococeko Olungundoqo Simahla, qela elo eslisihlalo walo uyi-SALGA ze umququzeleli ibe yi-DWAF. Injongo kukuphuhlisa isicwangciso-qhinga sesizwe esijonge zonke iinkalo, futhi esigaya ulwazi namava angummangaliso asuka kwicandelo lamanzi nococeko.
Xa esi sicwangciso-qhinga sele sigqityiwe, abasemagunyeni kwiidolophu nababonelela ngeenkonzo zococeko baya kuqinisekiswa ukuba siyasebenza.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:


* Isebe Lemicimbi Yamanzi Namahlathi (The Government of South Africa)
* City of Cape Town
* UMaspala Wengingqi iMatzikama
* UMaspala Wengingqi yeCederberg
* UMaspala Wengingqi yeBergrivier
* UMaspala Wengingqi iSaldanha Bay
* UMaspala Wengingqi yeSwartland
* UMaspala waseWitzenberg
* UMaspala Wengingqi yeDrakenstein
* UMaspala Wengingqi yeStellenbosch
* UMaspala Wengingqi yeBreede Valley
* UMaspala Wengingqi yeBreede River Winelands
* UMaspala Wengingqi yaseTheewaterskloof
* UMaspala Wengingqi ye-Overstrand
* UMaspala Wengingqi yeCape Agulhas
* UMaspala Wengingqi yeSwellendam
* UMaspala Wengingqi yeKannaland
* UMaspala waseHessequa
* UMaspala Wengingqi yeMossel Bay
* UMaspala Wengingqi yeGeorge
* UMaspala Wengingqi ye-Oudtshoorn
* UMaspala Wengingqi yeBitou
* UMaspala Wengingqi yeKnysna
* UMaspala Wengingqi yeLaingsburg
* UMaspala Wengingqi iPrince Albert
* UMaspala Wengingqi yeBhobhofolo





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Water Services Act (UMthetho) (File type: pdf) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Department of Water Affairs and Forestry: Free Basic Services Project (Qhagamshela) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Ukuzisa iiNkonzo ezinguNdoqo: INkqubo yeziBonelelo eziHlanganisiweyo zoMasipala- Consolidated Municipal Infrastructure Programme (CMIP) (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 25 uMeyi 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





