






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > URhulumente & Nolawulo Ngentando Yesininzi > URhulumente kaMaspala/Wekhaya > Iinkonzo zikaMaspala > Iqondo likaMaspala

Iqondo likaMaspala




INKCAZELO:

Oomaspala banoxanduva lokubonelela ngeenkonzo ezingundoqo kuye nawuphi na ubani ohlala kwindaeo abalawula kuzo. Ezi nkonzo ziquka:
* Ukubonelela ngamanzi
* Ukulandwa nokulahlwa kwamanzi amdaka
* Ukusuwa kwenkukuma
* Ukubonelela ngombane nerhasi
* Ukwakhiwa nokugcinwa kweendlela zikamaspaala
* Ukuhanjiswa kwamanzi esaqhwithi
* Ukukhanyiswa kwezitalato
* Iindawo zikamaspala zokuzonwabisa nolonwabo.

Ukuze abe uyakwazi ukubonelela ngezi nkonzo, uMaspala uhlawulisa abahlali imali. Kukho iimali ezahlukeneyo zokuhlawulela iinkonzo zikaMaspala, eziquka:
* ezempahla
* ezamanzi
* ezombane.


AMANZI NOMBANE

Ezi ntlawulo zixhomekeka ekubeni uwasebenzisa kangakanani amanzi nombane. Uya kufumana ingxelo yokuzisebenzisa kwakho ezi nkonzo nyanga zonke exela ukuba utyala malini.

Ngezinye iinkcukacha koku, qhagamshelana nomaspala wakho.

IINTLAWULO ZEMPAHLA

Iintlawulo zempahla:
* ziirhafu zobunini bempahla (umhlaba nezakhiwo)
* zisekelwe kwixabiso elilawulayo jikelele lalo mpahla
* zisetyenziselwa ngoomaspala ukuncedisa ekuboneleleni ngeenkonzo ezahlukeneyo.


Iintlawulo zempahla zihlawulwa ngabanini bempahla yokwenene yeendidi zonke, kuquka eyoshishino, eyeenkampani, eyendawo yokuhlala, eyokulima nokufuya kwakunye nekarhulumente.

Iintlawulo zempahla zisekelwe kwixabiso likamaspala lempahla yakho. Iintlawulo zempahla zibekiwe, ziqokelelwe yaye zisetyenziswa kwidolophu yaloomaspala kuphela. Oku kuthetha ukuba ezi ntlawulo zahluka ngokweengingqi futhi imali eqokelelweyo isetyenziswa kwingingqi kamaspala wakho.

Ixabiso likamaspala lempahla yakho libalwa ngokuqwalaselwa kwexabiso elilawula jikelele lempahla efana naleyo yakho, eliquka umhlaba neempucuko. Izifundiswa ezizimeleyo kwezokubalwa kwamaxabiso ezibhalise kwiBhunga loMzantsi Afrika Labantu ababala Amaxabiso, ezinomsebenzi okukuqinisekisa ukuba yonke impahla inikwa ixabiso ngokungenamkhethe nangengqwalasela enkulu, zibala ze zikhuphe amaxabiso.

Emva kokuba impahla yakho ivavanyiwe, unokwenza olwakho uvavanyo ze ufake isibheno kweli xabiso linikezelweyo ukuba ucinga ukuba aliyifanelanga impahla yakho.
Ingxelo yakho yetyala leenkonzo ibonisa sonke isixa osidingayo ukuze uhlawulele unyaka wonke.


IMIYALELO:

Ukufumanisa ukuba iintlawulo zingakanani kwingingqi yakho yaye kuhlawulwa nini, phi, qhagamshelana nomaspala wakho.

Isebe lePhondo looRhulumente Beedolophu linoxanduva lokuncedisana noorhulumente beedolophu ekucaciseni nokusebenzisa imithetho elawula konkre oku.
Ukufumana iinkcukacha ezizezinye, unokuqhagamshelana no:
Mogamat Abrahams
Tel: 021 483 4509
moabraha@pgwc.gov.za

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:


* City of Cape Town
* UMaspala Wengingqi iMatzikama
* UMaspala Wengingqi yeCederberg
* UMaspala Wengingqi yeBergrivier
* UMaspala Wengingqi iSaldanha Bay
* UMaspala Wengingqi yeSwartland
* UMaspala waseWitzenberg
* UMaspala Wengingqi yeDrakenstein
* UMaspala Wengingqi yeStellenbosch
* UMaspala Wengingqi yeBreede Valley
* UMaspala Wengingqi yeBreede River Winelands
* UMaspala Wengingqi yaseTheewaterskloof
* UMaspala Wengingqi ye-Overstrand
* UMaspala Wengingqi yeCape Agulhas
* UMaspala Wengingqi yeSwellendam
* UMaspala Wengingqi yeKannaland
* UMaspala waseHessequa
* UMaspala Wengingqi yeMossel Bay
* UMaspala Wengingqi yeGeorge
* UMaspala Wengingqi ye-Oudtshoorn
* UMaspala Wengingqi yeBitou
* UMaspala Wengingqi yeKnysna
* UMaspala Wengingqi yeLaingsburg
* UMaspala Wengingqi iPrince Albert
* UMaspala Wengingqi yeBhobhofolo





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Property Rates Bill: Key Information (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Local Government Property Rates Bill - Isebe looRhulumente Bamaphondo Nabamakhaya (IMithetho Esayilwayo) (File type: pdf) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 4 uJulayi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





