






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ushishino & Noqoqosho > Imveliso Yengqondo > Ukukhusela Imveliso Yengqondo

Ukukhusela Imveliso Yengqondo




INKCAZELO:

Xa ishishini libonakalisa ukuphila kombono walo, kwenkqubo, igama okanye imveliso, lingalikhusela eli xabiso ze lithintele nabanye abantu ekubeni bafumane iinzuzo zemali ndawo ngokuthi libhalise lo mbono njengelungelo layo eliyimveliso yeengcinga.

Ziluthotho iintlobo zemveliso yengqondo:
* ukubhaliswa kwegama
* ukubhaliswa kobuchule
* ukubhaliswa kwemveliso
* ilungelo lobunini.



UKUBHALISWA KWEGAMA


Ukubhaliswa kwegama kwenzelwa ukukhusela igama leshishini elo, umzekelo, uphawu loshishino. Xa sele ulibhalsile igama akukho namnye umntu onokulisebenzisa okanye asebenzise uphawu oluyeleleneyo kakhulu kulo.

Iwebsite yeCIPRO iqulethe ulwazi olupheleleyo ngokubhaliswa kwegama leshishini, lwazi olo luqulethe iinkcukacha:
* Ngokuba yintoni na uphawu lweshishini
* Ngenkqubo yokubhalisa
* Indlela yokufaka isicelo
* Izinto emazenziwe phambi kokufakwa kwesicelo
* Indlela yokuhlaziya isicelo
* Ukuchaswa kokubhaliswa kophawu lweshishini.

Ukukhusela Imveliso Yengqondo yakho: 21517


UKUBHALISWA KOBUCHULE


Ungayibhalias imveliso yakho yobuchule ngeenjongo zokuthintela abanye abantu ekubeni bakope loo ndlela uyenze ngayo, ukumila kwayo, inkangeleko, uhlobo, ukudalwa okanye ukubunjwa kwaloo mveliso.

Iinkcukacha ngeemveliso ezinokubhaliswa nokuba ungayibhalisa njani na imveliso yakho ziyafumaneka kwiwebsite yeCIPRO.


UKUBHALISWA KWEMVELISO


Ungayibhalisa imveliso yakho ukuthintela abanye abantu ekubeni baphinde bayivelise njengeyabo. Le ke ingayimveliso eveliswe ngobuchule obukhulu, inkqubo entsha okanye indlela entsha yokusombulula iingxaki ezilkumila kuthila. Ukuthintela ukuphinda kuveliswe imveliso yakho kuthetha ukuba loo mveliso ayinakuphinda iveliswe, isetyenziswe, isasazwe okanye ithengiswe ngeenjongo zokufumana iinzuzo zemali ngaphandle kokufumana imvume yomnini-yo.

Iinkcukacha ezigcweleyo ngokuba uyibhalisa njani na imveliso yakho nokuba ungalufumana njani uncedo ekubhaliseni le mveliso luyafumaneka kwiwebsite yeCIPRO.


IMVELISO YENGQONDO


Xa ubhale incwadi, wenze umzobo, waqamba ingonyana, wabhala inkqubo yekhompyutha okanye wenze umboniso-bhanya-bhanya okanye wenze ze ugcine amazwi omdlalo kwikhamera, sele unelungelo kuloo msebenzi njengemveliso yengqondo yakho.

Imveliso yengqondo iba kuphela kwimeko apho umsebenzi lowo ubhalwe phantsi okanye ugcinwe kwizixhobo zokugcina iimveliso zelizwi. Iimbono nje ezisemntwini azinakuthatyathwa njengemveliso yengqondo yakhe emazikhuselwe ekuphindeni zivelisweni ngabanye abantu
Ukuze ke ufumane ezinye iinkcukacha kumba wokubiwa kwemveliso yengqondo, tyelela iwebsite yeCIPRO .


IMIYALELO:

Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, tyelela iwebsite yeCIPRO okanye ke uqhagamshelane neCIPRO:kwiZiko Elamkela Iminxeba: 0861 843 384
Iminxeba Esuka Ngaphandle Kwemida yeli Lizwe: +27 11 254 9405
PO Box 429, ePitoli, 0001
Kwisakhiwo seZANZA, kwa-116 kwiSitalato iProes, ePitoli, 0002

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Leentengiso Norhwebo (The Government of South Africa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Companies and Intellectual Property Registration Office Website (Qhagamshela) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 19 uJulayi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





