﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ingqesho > Ukunikezela Ingxelo Ngendawo Yokusebenzela Enobungozi

Ukunikezela Ingxelo Ngendawo Yokusebenzela Enobungozi




INKCAZELO:

Umthetho I-Occupational Health and Safety Act unika abasebenzi ilungelo lokusebenzela kwindawo esempilweni nekhuselekileyo. Lo mthetho uyala abaphathi ukuba babeke abameli bezokhuseleko kunye neekomiti zokhuseleko kwiindawo zokubenzela. Ukwalawula nezinto ezifana nezindlu zangasese, amagumbi okutshintshela, izixhobo zoncedo lokuqala, amanzi okusela, iindawo zokuhlambela, impahla yokhuseleko, oomatshini, ingqokelela nokuthutha, iileli, umlilo, izixhobo ezingenisa umoya opholileyo, izinga lobushushu, ingxolo kwakunye ne-asbestos.


* 
* Uxanduva lwabasebenzi
* 
* 
* 


Uxanduva lwabasebenzi bezempilo lokunikezela ingxelo ngeemeko ezingakhuselekanga ekusetyenzwa phantsi kwazo
AMALUNGELO ABASEBENZI EZEMPILO NAWOKHUSELEKO


Lo mthetho ungentla apha ukwathi thaca amalungelo abasebenzi, aquka:
* Ilungelo lokwazi - umzekelo - iingozi zempilo nezokhuseleko kwindawo yokusebenzela kwakunye nemithetho neenkqubo zempilo neyezokhuseleko.
* Ilungelo lokuthabatha inxaxheba ekuhlolweni
* Ilungelo lokukhupha izimvo ngomthetho ze bazimele nokuzimela
* Ilungelo lokungaphathwa kakubi - umzekelo, umsebenzi akanakugxothwa ngenxa yokuba ethathe inxaxheba ekuhlolweni kwendawo ekusetyenzelwa kuyo okanye kuba enikezele ingxelo ngengozi.


Lo mthetho lo ukwathi thaca noxanduva lwabasebenzi nolwabaqeshi.

UXANDUVA LWABASEBENZI

Umsebenzi ngamnye kufuneka:
* akhathelele impilo nokhuseleko lwakhe
* athintele ukonzakala kwabanye abantu
* asebenzisane ekuphuculweni kweemeko zempilo nezokhuseleko
* anikezele ngeenkcukacha kuMhlobi wezeMisebenzi
* anxibe impahla yokhuselekookanye asebenzise izixhobo zokhuseleko apho kudingekayo
* anike ingxelo ngeemeko ezingakhuselekanga nezingekho mpilweni kumqeshi okanye kubameli bezempilo nabezokhuseleko ngoko nangoko
* anike ingxelo ngengozi kumqeshi nakubameli bezempilo nabezokhuseleko ngoko nangoko
* angonakalisi okanye adlale ngezixhobo zokhuseleko


UXANDUVA LWABAQESHI

Umqeshi kufuneka aqiniseke ukuba indawo yokusebenzela ikhuselekile yaye isempilweni futhi kufuneka angavumeli nawuphi na umsebenzi ukuba enze umsebenzi ongamonzakalisa.

Iinkcukacha noqeqesho ngeengozi - abaqeshi kufuneka:
* Bazise abasebenzi babo ngeengozi zendawo leyo yokusebenzela.
* Baqinisekise ukuba kukho izilumkiso nezaziso ngoomatshini abanobungozi.
* Baqeqeshe abasebenzi ngokusebenzisa oomatshini abayingozi.


Ukuncitshiswa kweengozi kwiindawo zokusebenzela - abaqeshi kufuneka:
* Baqinisekise ukuba izixhobo zigcinwa zikwimo ekulungeleyo ukusetyenziswa.
* Banikezele ngempahla ekhuselekileyo yokusebenza nezixhobo apho kufunekayo.
* Banciphise naziphi na iingozi zibe kwelona qondo lisezantsi phambi kokuba banikezele ngaloo mpahla ikhuselekileyo.
* Baqinisekise ukuba kukho umntu owongamele yonke imisebenzi futhi oqinisekisayo ukuba imigaqo yokhuseleko iyathotyelwa.
* Beze neendlela zokuthintela iingozi.


Abameli bezempilo nokhuseleko - abaqeshi kufuneka:
* Bazikhethele abameli bezokhuseleko (abe mnye kubasebenzi abangamashumi amabini).
* Bachaze imisebenzi noxanduva lwabameli bezokhuseleko.
* Bavuse iikomiti zokhuseleko ukuba kukho abameli bezokhuseleko abadlulileyo kwisithathu. Le komiti kufuneka idibane ubuncinci kanye ngeenyanga ezintathu yaye ixoxe ngayo yonke imiba yezokhuseleko neyezempilo echaphazela abasebenzi.


Imigaqo yokumelana neengozi - abaqeshi kufuneka:
* Baqiniseke ukuba abasebenzi bangaqhwesha basinde kwingozi xa kunyanzelekile.


Ukunika ingxelo ngeengozi okanye izehlo - abaqeshi kufuneka:
* Bagcine ingxelo yazo zonke iingozi okanye izehlo zezokhuseleko kummeli wezokhuseleko okanye zezempilo nakwiSebe lezeMisebenzi.
* Banike ingxelo ngeentlobo ezithile zeengozi okanye zezehlo


Ezi ngozi zendawo yokusebenzela zilandelayo kufuneka zixelwe kwiintsuku zokuqala ezisixhenxe emva kokuba zenzekile:
* Nakuphi na ukwenzakala okukhokelela kwinkcitho yonyango
* Nakuphi na ukwenzakala okukhokelela ekubeni umsebenzi angayi emsebenzini iintsuku ezingaphaya kwesithathu.


Kululwaphulo-mthetho ukungazixeli ezi ntlobo zeengozi.

Ukuxela ukonzakala okudinga unyango olukhawulezileyo, umqeshi kufuneka agcwalise iCandelo A kwiphetshana lengxelo u-W.CI.2.

Icandelo B leli phetshana kufuneka ligcwaliswe ngugqirha okanye isibhedlele esinyanga lo msebenzi.

Umqeshi kufuneka athumele iCandelo A leli phetshana ku:
Mkomishinala Wembuyekezo, PO Box 955, ePitoli, 0001

ABAHLOLI BEENDAWO ZOKUSEBENZELA

Abahloli beendawo zokusebenzela banomsebenzi okukuqinisekisa ukuba abaqeshi nabasebenzi bayayenza imisebenzi yabo. Abahloli beendawo zokusebenzela banokuzindwendwela iindawo zokusebenzela bahlabe nemibuzo ukufumanisa ukuba indaeo leyo yokusebenzela ikhuselekile yaye isempilweni na.

Ukuba umqeshi akayenzanga imisebenzi yakhe, umhloli unokumohlwaya loo mntu ngokumhlawulisa.

Ukuba umsebenzi uthe wonzakala emsebenzini ngenxa yokungalandelwa komgaqo wokhuseleko ngumqeshi, oko kuthetha ukuba loo mqeshi unokohlwaywa ngpkuthi ahlawuliswe ze/okanye avalelwe ejele iminyaka emibini.

UXANDUVA LWABASEBENZI BEZEMPILO LOKUNIKEZELA INGXELO NGEEMEKO EZINGEKHO MPILWENI EKUSETYENZWA PHANTSI KWAZO
Ukuba umsebenzi kwezempilo uxilonga okanye anyange umntu ngesifo acinga ukuba size ngenxa yokuqeshwa kwakhe kuloo msebenzi, umsebenzi wezepilo lo kufuneka anikezele ngengxelo ngaloo mba kumqeshi walo msebenzi nakwiSebe Lemicimbi Yabasebenzi.


IMIYALELO:

Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe ngabahloli beendawo zokusebenzela, qhagamshelana neSebe Lemicimbi Yabasebenzi:
PO Box 872, eKapa, 8000
Inombolo Yomnxeba: 021 460 5911
Inombolo Yefeksi: 021 465 7318

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezabasebenzi (The Government of South Africa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Ukufaka Ibango Lembuyekezo Ngokonzakala okanye Izigulo Ozifumene Emsebenzini (IiNkonzo)
* Occupational Health and Safety Act, 85 of 1993 (UMthetho) (File type: pdf; size: 114 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Compensation for Occupational Injuries and Diseases Act, 130 of 1993 (UMthetho) (File type: pdf; size: 183 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Compensation for Occupational Injuries and Diseases Amendment Act, 61 of 1997 (UMthetho) (File type: pdf; size: 194 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 13 uFebruwari 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





