






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ingqesho > Abasebenzi Basemakhitshini neNgxowa-mali Yokhuselo Lwabangasaphangeliyo

Abasebenzi Basemakhitshini neNgxowa-mali Yokhuselo Lwabangasaphangeliyo




INKCAZELO:

Ukususela kwinyanga kaCanzibe ngo-2003, bonke abasebenzi basemakhitshini abasebenza iiyure ezingaphaya kwama-24 ngenyanga kufuneka babhaliselwe I-UIF. Oku kuquka abasebenza ngamaxesha athile kunye nabo basebenza isigxina.

Ukuba abasebenzi basemakhitshini ababhaliswanga kule ngxowa-mali yaye ukuba abaqeshi kunye nabasebenzi basemakhitshini abancedisi kule ngxowa-mali nyanga nganye njengoko kulindelekile, iSbebe leMisebenzi linokunyanzela ukuba bahlawule intywenka eninzi njengesohlwayo.

Ukuba umsebenzi wasemakhitshini usebenela abantu abagqithileyo kwisinye, bonke aba baqeshi kufuneka bencedisile kule Ngxowa-mali.

Ingxowa-mali le inokunikezela ngezibonelelo ezahlukeneyo
* Izibonelelo zokuba ungasaphangeli - Umsebenzi wasekhitshini oncedisileyo kule ngxowa-mali yaye omsebenzi wakhe sele uphelile unokufaka ibango leenyanga ezi-6
* Izibonelelo ngenxa yokugula - Umsebenzi wasemakhitshini ongasenakusebenza ngenxa yokugula unokufaka ibango leenyanga ezi-6
* Izibonelelo zokuswelekelwa - ukuba umsebenzi wasemakhitshini oncedisileyo kule ngxowa-mali uthi asweleke, abantu okanye abantwana abaxhomekeke kuye banokufaka amabango.
* Izibonelelo zokuhoyana nomntwana ocelwe kubanzali bakhe bemvelo njengelungu elitsha losapho lwakho - umsebenzi oncedisayo kwingxowa-mali le onikwe abantwana ukuba abakhulise njengomzali wabo omtsha, abantwana abo abangaphantsi kweminyaka emibini ubudala angafaka ibango ukuba uthatha ikhefu elingahlawulelwayo ukuya kuhoyana nomntwana/nabantwana abo.
* Izibonelelo zokukhulelwa - Umsebenzi wasemakhitshini okhulelweyo unokufaka ibango ngokukhulelwa ngaphambi nasemva kokuba umntwana lowo ebelekiwe.

Isixa onokusibanga sixhomekeke ebudeni bexesha oyincedise ngalo ingxowa-mali le. Uya kuhlawulwa ngokweepesenti (ukuya kufika kuma-58%) yomvuzo wosuku ngeentsuku ezintndaathu oziphangeleyo ngelixa uncedisa kule ngxowa-mali.


IMIYALELO:

Ukuze uzuze kule ngxowa-mali kufuneka:
* ubhalise kwingxowa-mali
* uhlawule ngesixa esiyintlawulo nyanga zonke
* ufake isicelo sezibonelelo

UKUBHALISA

Luxanduva lomqeshi ukubhalisa umsebenzi wakhe wasemakhitshini kwiNgxowa-mali Yokhuselo Lwabangasaphangeliyo.

Ungambhalisa uMsebenzi Wasemakhitshini kwi-UIF ngenye yezi ndlela zilandelayo:
* Ngokungenisa incwadi egcwaliswe ngokupheleleyo eneenkcukacha zokungaphangeli
* Ngokubhalisa ngokubatsalela umnxeba
* Ngokubhalisa ngekhompyutha.


Amaphepha Okubhalisa
Ukuze ubhalise kuya kufuneka ube nenombolo yencwadi yakho yesazisi kunye neyomsebenzi wakho wasemakhitshini kwakunye nezinye iinkcukacha. Iphetshana lesicelo u-UI8D kufuneka ligcwalisiwe kunye neenkcukacha zomqeshi kwakunye nephetshana lesicelo u-UI19D kufuneka ligcwalisiwe kunye neenkcukacha zomsebenzi wasemakhiyshini.

Unokuwafaka amaphetshana esicelo agcwalisiweyo ngokuthi
* uwase kwiZiko leMisebenzi elikufutshane nawe
* Uwathumele ngefeksi kule nombolo 012 337 1636.
* Ngokubathumela iposi ngekhompyutha kule dilesi domestics@uif.gov.za


La maphetshana esicelo asenokuthunyelwa kuwe ngefeksi. Cofa inombolo 086 712 2000 ze ulandele imiyalelo, emva koko amaphetshana esicelo ayakuthunyelwa kuwe. Ukuba la maphetshana uwafumama ngale ndlela, kufuneka uwathumele sele uwagcwalisile ngefeksi kule nombolo 086 713 3000.

Ukubhalisa ngomnxeba
Unokubhalisa ngokutsalela umnxeba kule nombolo 012 337 1680 ngamaxesha omsebenzi. Kuya kufuneka iinombolo zeencwadi zezazisi kumqeshwa nomqeshi.

Ukubhlisa ngekhompyutha
Usenako nokubhalisa ngekhompyutha. Kuya kufuneka ukuba ugcwalise iphepha lokubhalisa elikwikhompyutha. Emva koko uya kunikwa kunikwa igama lokungena kwikhompyutha kunye negama lakho eliyimfihlo lekhompyutha. I-akhawunti negama lakho lekhompyutha eliyimfihlo ziya kwenziwa zisebenze ngeeyure ezingama-48 ubhalisile. Unako ke ngoko ukuthumela iinkcukacha ngekhompyutha.

UKUNCEDISA NGOKUHLAWULA NYANGA ZONKE

Nyanga zonke umqeshi uhlawula uncedisa I-1% yesixa asihlawula umsebenzi wakhe wasemakhitshini kwingxowa-mali le. Umsebenzi wasemakhitshihni naye uhlawula I-1%. Luxanduva lomqeshi ukuqinisekisa ukuba ezi ntlawulo ziyahlawulwa.

Ezi mali zokuncedisa kufuneka zihlawulwe phambi komhla we-7 nyanga nganye. Okanye, ezi mali zisenokuhlawulwa ngaphambi kwexesha rhoqo mhlawumbi ngeenyangaq ezi-3, ezi-6 okanye ezi-12. Abaqeshi ababhaliswe ngezizathu zokuhlawula irhafu kufuneka bazenze ezabo iintlawulo kwi-ofisi yeeNkonzo zeNgeniso yoMzantsi Afrika. Abo baqeshi bangabhaliselwanga kuhlawula rhafu kufuneka iintlawulo zabo bazenze ngqo kwi-UIF. Ukuba ungathanda ukwenza iintlawulo zakho kanye ngonyaka kunanyanga zonke, kuya kufuneka uthumele isicelo kwi-annual.upfront@labour.gov.za. Kufuneka ufake nenombolo-mbhalo yomqeshi wakho kulo myalezo.

UKUFAKA ISICELO SEZIBONELELO

Ukuba ungumsebenzi wasemakhitshini obhalisiweyo kule ngxowa-mali yaye ubusoloko uzikhupha iintlawulo ezifunwayo, unokufaka izicelo zamabango okugula, ukukhulelwa, ukufumana umntwana ngokumcela kubazali bakhe uzikhulisele njengowakho kwakunye nezibonelelo zokuxhomekeka. Xa ufaka izicelo zezi zibonelelo, kuya kufuneka ube:
* nencwadana yakho yeszisi
* Iziqinisekiso zemivuzo yakho (uya kudinga iziqinisekiso zomvuzo zibe mbini ukuba uhlawulwa kanye ngenyanga, zibe ne ukuba uhlawulwa ngeveki)
* nesiqinisekiso sokusebenza esisuka kumqeshi wakho
* nephetshana lesicelo eligcwaliswe ngokupheleleyo
* nephetshana lesicelo u-UI 19 elineenkcukacha zakho.

UKUFUMANA EZINYE IINKCUKACHA
* Qhagamshelana neZiko leMisebenzi elikufutshane nawe
* Ndwendwela iwebsite yeSebe leMisebenzi
* Tsalela umneba I-UIF kwinombolo 012 337 1700.


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:


* Isebe Lezabasebenzi (The Government of South Africa)
* INgxowa-mali Yentswela-ngqesho





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Domestic Workers Sectoral Determination (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Ukufaka Ibango Kwingxowa-mali Yentswela-ngqesho (IiNkonzo)
* Unemployment Insurance Contributions: Guideline to Employers (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Unemployment Insurance Act, 63 of 2001 (UMthetho) (File type: pdf; size: 1.8 MB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Unemployment Insurance Contributions Act, 4 of 2002 (UMthetho) (File type: pdf; size: 501 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Unemployment Insurance Fund Website (Qhagamshela) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Form Ui 19: Employee Details for Domestic Worker UIF Registration (IFomu) (File type: pdf; size: 72 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Vorm UI 8D: Werkgewer Besonderhede vir Huishulp Werkloosheidversekeringsfonds Registrasie (IFomu) (File type: pdf; size: 60 KB) (ifumaneka ngesiBhulu kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 17 uMeyi 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





