﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ingqesho > Ukufaka Ibango Kwingxowa-mali Yentswela-ngqesho

Ukufaka Ibango Kwingxowa-mali Yentswela-ngqesho




INKCAZELO:


* Iyintoni iNgxowa-mali Yokhuseleko Lwabangasaphangeliyo?
* Ingxowa-mali le ibanceda njani abaqeshwa?
* Abasebenzi bangafaka ibango lemali engakanani?
* Ungasifumana isongezelelo xa sele uzisebenzisile izibonelelo zakho?


IYINTONI INGXOWA-MALI YOKHUSELEKO KWINTSWELA-NGQESHO?


Le ngxowa-mali ibonelela ngoncedo lwezimali lwexeshana kubasebenzi xa bephelelwa yimisebenzi okanye abasakwazi kusebenza ngenxa yokugula, ukuphumla okwexeshana emsebenzini ngenxa yokufumana umntwana kubazali bakhe bemvelo njengomzali omtsha. Le Ngxowa-mali ikwabanceda abantu abebexhomekeke kumsebenzi oncedisayo kuyo, ongasekhoyo.

Bonke abasebenzi abasebenza iiyure ezingaphezu kwama-24 ngenyanga (ngaphandle kwabasebenzi bakaRhulumente) kufuneka bencedisile kwiNgxowa-mali Yokhuseleko Lwabangasaphangeliyo.

Abasebenzi bahlawula I-1% yemivuzo yabo nyanga nganye. Abaqeshi babo nabo bancedisa ngenye i-1%. Kuluxanduva lwabaqeshi ukutsala le-1% kwimivuzo yabasebenzi babo nyanga nganye ze bayihlawule kuleNgxowa-mali ikhatshwa yesuka kubo bona baqeshi.

Umqeshi usenoxanduva lokuqinisekisa ukuba bonke abaqeshwa balisiwe kule Ngxowa-mali. Ukuba umqeshwa ubhalisile yaye nemali esuka kuye iyahlawulwa, loo mqeshwa unako ukufaka ibango kwiNgxowa-mali le. Umqeshwa akadingi khadi okanye nasiphi na isiqinisekiso esibonisa ukuba uncedisile kwingxowa-mali le.

INGXOWA-MALI LE IBANCEDA NJANI ABASEBENZI?

Abaqeshwa ababhalisiweyo kwiNgxowa-mali Yokhuseleko Lwabangasasebenziyo (UIF ngamafutshane) yaye abebesoloko bencedisa kule ngxowa-mali, banokufaka amabango kule ngoxowa-mali xa bephelelwa yimisebenzi okanye bengenako ukuphinda basebenze.

Kukho iindidi ezintlanu zezibonelelo ezinikezelwa yi-UIF:
* Izibonelelo zaxa ungasaphangeli
* Izibonelelo zaxa ugula
* Izibonelelo zaxa usiya kubeleka
* Izibonelelo zaxa usanda kufumana umntwana kubazali bakhe bemvelo umkhulise njengowakho
* Izibonelelo zaxa ungasekho.


Ungalifaka ibango lokubonelelwa kuba ungasaphangeli ukuba ugxothiwe okanye udendiwe okanye ukuba isibophelelo sokusenzela loo mqeshi siphelile. Awukwazi kufaka bango ukuba uziyekele kuloo msebenzi.

Unokufaka ibango lezibonelelo kuba ugula xa ungaphangeli ngenxa yokugula de iiveki zibe mbini. Izibonelelo zihlawulelwa ukusuka ngosuku ogqibelise ngalo emsebenzini.

Izibonelelo Zokubeleka zingafakelwa ukuba ukhulelwe ze uthathe ikhefu lokuba ukhulelwe. Ungalithatha ikhefu lokukhulelwa nanini na ukusuka kwiiveki ezine phambi kosuku ekulindeleke ukuba umntwana avele ngalo okanye unkungasebenzi iiveki de zibe ntandathu emva kokuvela komntwana.

Unokufaka ibango lezibonelelo zokuhoyana nomntwana osanda kumfumana kubazali bemvelo ngokusemthethweni njengomzali omtsha ukuba wamkela umntwana ongaphantsi kweminyaka emi-2 ubudala futhi ushiya umsebenzi kuba usiya kuhoyana naye. Inokuba ngumzali omnye kuphela kwaba bafumene lo mntwana ofaka isicelo sezibonelelo.

Inkosikazi/umyeni okanye umntwana oselula womntu ongasekhoyo angafaka ibango lelezibonelelo zokuswelekelwa ukuba lo ungasekhoyo ebencedisa kule Ngxowa-mali.

NGAMABANGO AMALINI LA ANOKUFAKWA NGABASEBENZI?

Ukuba ubusoloko uncedisa kuleNgxowa-mali de kube yiminyaka emine okanye ngaphezulu, ungafaka ibango leentsuku ezingama-238. Ukuba uncedise ixesha elincinci kunoku, oko kuthethe ukuba unokubanga usuku olunye ngeentsuku ezintandathu ozisebenzileyo ngelixa uncedisa kwiNgxowa-mali le.

Ukuba uthatha ikhefu kuba ukhulelwe, unokubanga iintsuku ezide zibe ngama-121.

Ingxowa-mali le ibhatala ipesenti ethile yomvuzo obuwufumana ngelixa ubuncedisa kuyo. Esona sixa sikhulu sinokuze sihlawulwe yi-58% yomvuzo obuwufumana ngosuku.

INGABA UNGONGEZELELWA XA SELE UZISEBENZISE ZONKE IZIBONELELO ZAKHO?

Ukuba uzisebenzise zonke izibonelelo zakho yaye awukaqeshwa okanye usagula, ungafaka isicelo kwi-UIF ukuba ikwandisele izibonelelo.

Ukuba awukaqeshwa, kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo u-UF139, uxela zonke iindawo ozame ukufuna umsebenzi kuzo. Eli phetshana ke kuza kufuneka lingeniswe kwiSebe LeMisebenzi.

Ukuba usagula, kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo u-UF140. Ugqirha wakho kuza kufuneka egcwalise iphetshan eliqinisekis ukuba uyagula ekuza kufuneka libe yinxalenye yesi sicelo.

Ukuba iSebe leMisebenzi licinga ukuba kukho izizathu ezibambekayo zokuba uphinde ufumane ezinye izibonelelo, liza kusiphumeza isicelo sakho kodwa oku akwenzeki rhoqo.
Kunokunceda ukubonisa ukuba:
* Wena umanxada-nxada ukhangelana nomsebenzi
* Uxhomekeke kwizibonelelo ze-UIF ngeemfuno ezifana nerente, ukutya namanzi.
* Uncedise kule ngxowa-mali iminyaka engaphezu kwemine.



IMIYALELO:

Kukho iindlela ezahlukeneyo zokufaka la mabango abonelelwayo:
* Izibonelelo zokuba ungasaphangeli
* Izibonelelo zokugula
* Izibonelelo zaxa ukhulelwe
* Izibonelelo zokuhoyana nomtwana osanda kufunyanwa kubzali bakhe bemvelo njengomntwana omtsha
* Iziboneelo zokuswelekelwa


IZIBONELELO ZAXA UNGASAPHANGELI


Ukuba ufuna ukufaka ibango kule ngxowa-mali kufuneka uye kwiZiko leMisebenzi elifutshane nawe. Apho uya kucelwa ukuba utyikitye inceadi ekugcinwa kuyo iinkcukacha zabantu abangasaphangeliyo. Uya kuxelelwa ukuba kufuneka uphinde ubuye nini. Kuya kufuneka utyikitye kanye rhoqo kwiiveki ezine ukubonisa ukuba usafuna ukufaka ibango lezibonelelo ze-UIF.

Kufuneka ubuyele kule ofisi utyikitye incwadi ekugcinwa kuyo iinkcukacha zabantu abangasaphangeliyo ngosuku oluchanekileyo. Ukuba uyagula, kufuneka uye nesiqinisekiso esisuka kugqirha wakho esixela ukuba wena uyagula kwiziko lemisebenzi.

Uya kunikwa ikhadi elimhlophe, eliza kutyikitywa ligosa le-UIF ngalo lonke ixesha utyikitya kula ncwadi yabangasaphangeliyo.

Ukuba yonke into ingendlela, kuza kufuneka uqale ukufumana imali kule Ngxowa-mali ngeeveki ezi-8 ubhalisile. Imali leyo iya kufakwa rhoqo emva kweeveki ezi-4, de kube kanti zonke izibonelelo zisetyenzisiwe.

Ukuba awuyifumani imali yakho kwiiveki ezi-8, kufuneka utsalele umnxeba iZiko leMisebenzi ubacele ukuba bajongisise ukuba kutheni ilibazisekile imali leyo. Khumbula ukunikezela ngegama lakho nenombolo yencwadi yakho yesazisi.

Uya kufumana isiqinisekiso sokuhlawulwa ngalo lonke ixesha ufumana imali ukuze wazi ukuba sele ufumene malini yaye useza kufumana malini.

Ukufaka ibango lokungaphangeli, ube ne:
* Nencwadana yakho yesazisi enekhowdi enamanani ali-13
* Iziqinisekiso zomvuzo wakho weenyanga ezi-6 ezigqithileyo
* Iinkcukacha ezisuka ku (zifakwe kwiphetshana lesicelo u-UI19)
* Isiqinisekiso sokunikezela ngeengkonzo esisuka kumqeshi
* Ubungqina bokubkalisa njengomntu ofuna umsebenzi
* Iphetshana lesicelo eligcwaliswe ngokupheleleyo.


Ukuba ufuna ukufumana izibonelelo zokuba ungasaphangeli kufuneka ube kanti ukulungele:
* Ukuya kuqeqesho okanye uncedo ngomsebenzi ukuba igosa le-UIF likucela ukuba wenze njalo.
* Kufuneka ufune ukusebenza xa umsebenzi uvela. Ukuba unikwa umsebenzi, kufuneka ukulungele ukusebenza.
* Yiya kwiinkampani ezalhukeneyo ufune umsebenzi. Uya kufumana iphetshana lesicelo ekufuneka lityikityiwe elibonisa ukuba uyile waya kufuna umsebenzi yaye bekungekabikho zithuba zivelayo.


Kufuneka ulande izibonelelo zakho zokungaphangeli kwi-ofisi yeMisebenzi. Kufuneka uye kuyilanda ngokwakho imali leyo yaye kufuneka ube uphethe ikhadi lakho elimhlophe kunye nencwadana yakho yesazisi.

UKUFAKA IBANGO LEZIBONELELO ZOKUGULA

Ukufaka isicelo sizibonelelo zokugula, kufuneka ubhalise kwi- Ziko lemiSebenzi elikufutshane nawe. Ukuba ugula kangangokuba ungakwazi kuya ngokwakho kule ofisi, isihlobo okanye ilingu losapho lingalifumana iphetshan eli lesicelo kule ofisi ze likunike ulityikitye. Iphetshana lesicelo elityikityiweyo kufuneka libuyiselwe kwi-Ofisi yeisebenzi.

Uya kudinga:
* Incwadana yakho yesazisi enenombolo yekhowdi
* Iziqinisekiso zomvuzo wakho wenyanga ezi-6 ezigqithileyo
* Iinkcukacha ezivela kumqeshi wakho (ezigcwaliswe kwiphetshana lesicelo u-UI19)
* Isiqinisekiso sokunikezela ngeenkonzo zakho esivela kumqeshi
* Ubungqina beenkcukacha zebhanki
* Isiqinisekiso sesixa osifumene kumqeshi ngexesha ugula
* Iphetshana lesicelo eligcwaliswe ngokupheleleyo
* Kufuneka futhi ungenise isiqinisekiso esisuka kugqirha esixela ukuba wena uyagula (sifakwe kwiphetshan lesicelo u-UF86). Kufuneka ufumane ugqirha wakho agcwalise icandelo elifuna yena kweli phetshana u-UF86 ze ulingenise kwigosa lamabango e-UIF kwiZiko leMisebenzi. Isebe leMisebenzi liyakusiqwalasela isicelo sakho ze likuthumele ngeposi iphetshan lesicelo u-UF87. Kufuneka uligcwalise eli phetshana yaye nogqirha wakho kufuneka elityikityile. Emva koko uyalinikezela nalo eli phetshana kwakweli gosa lamabango.


Uya kuhlawulwa izibonelelo zexesha ugqirha akuyalele ukuba ungaphangeli ngalo kodwa hayi iiveki ezimbini zokuqala kwakho ukungasebenzi. Uya kuhlawulelwa nexesha ongakhange ufumane mvuzo wesiqhelo ngalo kumqeshi wakho.

Izibonelelo zokugula uyakuzihlawulelwa ngetsheki oya kuyiposelwa.

Khumbula, awunakuzihlawulelwa izibonelelo zokugula ukuba ukugula kwakho kungenxa yokungaziphathi kakuhle kwakho okanye ukuba wala ukunyangwa ungenazizathu zibambekayo okanye awuyilandeli imiyalelo kagqirha.

Ukuba ulahlekelwe ngumsebenzi kwangelixa uguIa kangangokuba ungakwazi nokusebenza, kufuneka ulazise ngoku igosa lamabango kuba ungakwakwazi nokufaka ibango lokungabi namsebenzi kwixesha elingelilo eli lezibonelelo zokugula kwakho.

UKUFAKA IBANGO LOKUKHULELWA

Ukuze ube nako ukufaka ibango lezibonelelo zokukhulelwa, kufuneka ubhalise kwi-Ofisi yeMisebenzi ufumane isiqinisekiso sokuba uyagula ze ulifake kugqirha wakho.

Ukuze ube nako ukubhalisa kufuneka ube:
* Nencwadana yakho yesazisi enekhowdi enamanani ali-13
* neziqinisekiso zomvuzo wakho wenyanga ezi-6 ezigqithileyo
* neenkcukacha ezivela kumqeshi wakho (ezifakwe kwiphetshana lesicelo u-UI19)
* nesiqinisekiso sokunikezela ngeenkonzo zakho kumqeshi
* nobungqina beenkcukacha zakho zebhanki
* nesiqinisekiso sesixa osifumene kumqeshi ngexesha lekhefu lokukhulelwa
* nephetshan lesicelo eligcwaliswe ngokupheleleyo.


Xa ubhalisa, uya kunikwa iphetshana lesicelo u-UF92. Eli phetshan kufuneka ligcwaliswe ngugqirha wakho. Uyakuthi ungenise iphetshana elo kwigosa lamabango e-UIF kwi-Ofisi yeMisebenzien.

Ibango eli liya kuhlawulwa ngetsheki oya kuyiposelwa.

Ukuze ube ufaka isicelo sezibonelelo emva kokuzalwa komntwana, kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo u-UF95 unikezele nangeenkcukacha zogqirha oncedise ekubelekweni kwaloo mntwana.

Ukuba awukafumani msebenzi, kufuneka wazise igosa lamabango.

UKUFAKA IBANGO LOKUKHULISA UMNTWANA WOMNYE UMNTU NJENGOMZALI WAKHE OMTSHA

Ukuba ufuna ukufaka ibango lezibonelelo ngenxa yokuhoyana nalo mntwana, kufuneka ubhalise kwigosa lamabango elikwiZiko Labasebenzii elikufutshane nawe. Kuya kufuneka ube:
* nencwadana yakho yesazisi enenombolo enamanani ali-13
* neempepha eziqinisekisa umvuzo wakho wenyanga ezintandathu ezidlulileyo
* neenkcukacha ezivela kumqeshi wakho (ezifakwe kwiphetshana lesicelo u-UI19)
* nesiqinisekiso sokunikezela ngeenkonzo zakho kumqeshi
* nobungqina beenkcukacha zakho zebhanki
* nesiqinisekiso sesixa osifumene kumqeshi ngexesha lekhefu lokukhulelwa
* nesiqinisekiso sosuku lokuzalwa komntwana lowo.


Kufuneka ufake isicelo sezibonelelo kwiinyanga ezintandatthu zokuqala umfumene umntwana lowo.

Izibonelelo zokuhoyana nomntwana ocelwe kubazali bakhe ukuba ube lilungu losapho olutsha zihlawulwa ngetsheki ze ziposwe. Iphetshana lsicelo liya kukhapha lo ntlawulo. Elui phetshana kufuneka ligcwaliswe ze lithunyelwe kwigosa lamabango kwiziko lemisebenzi.

UKUFAKA IBANGO LOKUSWELEKELWA

Umyeni okanye inkosikazi yaloo msebenzi ungasekhoyo okanye nabaphi na abantwana abaselula baloo msebenzi banokufaka amabango ezibonelelo zokuswelekelwa kwi-UIF.

Kufuneka ufake isicelo sezi zibonelelokwiinyanga ezi-6 zokuqala emva kokusweleka kwaloo msebenzi.

Ukuba ubungumyeni okanye inkosikazi womsebenzi ongasekhoyo, kufuneka uye kwi-Ziko Labasebenzi ugcwalise iphetshana lesicelo u-UF126. Kuya kufuneka ube:
* nencwadana yakho yesazisi
* iziqinisekiso zomvuzo womfi kwiinyanga ezintandathu ezigqithileyo
* iinkcukacah zomqeshi kwiphetshan lesicelo u-UI19
* isiqinisekiso sokusweleka esigximfiziweyo
* isiqinisekiso somtshato wenu esigximfiziweyo
* isiqinisekiso sokusebenza esisuka kumqeshi
* ubungqina beenkcukacha zebhanki.


Ukuba ungumntwana womsebenzi ongasekhoyo, unokufaka ibango ngokugcwalisa iphetshana lesicelo u-UF127 ze ulingenise kwiZiko leMisebenzi. Uya kudinga:
* incwadana yakho yesazisi
* iziqinisekiso zomvuzo womfi weenyanga ezi-6 zokugqibela ezigqithileyo
* iinkcukacha ezisuka kumqeshi zigcwaliswe kwiphetshana lesicelo u-UI19
* isiqinisekiso sokusebenza esisuka kumqeshi
* isiqinisekiso sakho (wena mntwana) sokuzalwa
* ubungqina beenkcukacha zakho zebhanki
* isiqinisekiso sokusweleka esigximfiziweyo
* ubungqina bokuba ibingumzali wakho ngokwenene
* ubungqina bokuba wena (mntwana) ungumfundi obexhomekeke kumfi lowo


I-Ofisi Yabasebenzi iya kukunika iphetshana lesicelo u-UF128 ekufuneka ligcwaliswe ngumqeshi wokugqibela womfi ze lingeniswe kwiZiko Labasebenzi.
Isibonelelo sokuswelekelwa sisixa umsebenzi abenokusifakela ibango ukuba ebengasaphangeli. Esi sixa siba yintlawulo enikezelwa kube kanye.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:


* Isebe Lezabasebenzi (The Government of South Africa)
* INgxowa-mali Yentswela-ngqesho





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Unemployment Insurance Contributions: Guideline to Employers (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Abasebenzi Basemakhitshini neNgxowa-mali Yokhuselo Lwabangasaphangeliyo (IiNkonzo)
* Unemployment Insurance Act, 63 of 2001 (UMthetho) (File type: pdf; size: 1.8 MB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Unemployment Insurance Contributions Act, 4 of 2002 (UMthetho) (File type: pdf; size: 501 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Unemployment Insurance Fund Website (Qhagamshela) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 28 uAgasti 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





