weNkcazelo weBhunga laseMzantsi Afrika laMagama oBume boMhlaba
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zemibutho
Isicelo sokutshintsha amagama kuVimba weNkcazelo weBhunga laseMzantsi Afrika laMagama oBume boMhlaba
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Amagama obume bomhlaba (amagama ejografi) ngamagama eembonakalo zomhlaba ezizezendalo okanye ezenziwe ngabantu zaze zaqhelaniswa nendawo. Ezi mbonakalo zomhlaba zingabanabantu abahlala kuzo okanye zingabinabantu abahlala kuzo.
Amagama obume bomhlaba awela phantsi kolawulo loorhulumente beendawo zabahlali abandakanya izitalato, izakhiwo zoomasipala kunye namabala ezikwere, iipaki zeendawo zabahlali kunye neendawo zamangcwaba, kunye nezakhiwo ezinobunikazi babucala. Amagama obume bomhlaba awela phantsi komsebenzi worhulumente welizwe abandakanya iidolophu, imimandla yeedolophu ezinkulu, iindawo ekuhleli kuzo abantu, iiposi, izikhululo, izikhululo zeenqwelomoya, amazibuko eenqanawa kunye neendlela ezinkulu neziphakamileyo, ndawonye nezakheko zomhlaba zendalo ezifana neentaba, imisinga, imilambo, amagolonxa, iincam, iziqithi, iindawo ekugwantye kuzo amanzi emigxobhozo kunye neepaki zelizwe.
Ngubani ongenza isicelo sokuvunywa kwegama: Onke amasebe karhulumente, oorhulumente bamaphondo, oogunyaziwe beendawo zabahlali, iNkonzo yePosi yaseMzantsi Afrika, abaphuhlisi beepropati okanye naliphina iqumrhu okanye umntu.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Hambisa ifom ikunye nale nkcazelo ilandelayo:
o ilwimi ekuvela kulo eli gama o imvelaphi kunye nentsingiselo yeli gama, ukubangaba uyayazi o imbonakalo yeli gama lipoposhwayo, umzekelo, iposi okanye isikhululo soololiwe o isithili esiphantsi kwegunya loomantyi kunye nephondo ekulo le ndawo o le mbonakalo ikude kangakanani kwidolophu ekufuphi okanye kummandla okufuphi wegunya loomantyi, kwaye imi ngakweliphi icala lale dolophu nalo mmandla wegunya loomantyi.
Biza igama lalo mntu wenze isiphakamiso segama elitsha.
Hambisa ifom yesicelo kuGunyaziwe weMveli okanye kuGunyaziwe weNdawo yaBahlali ukuze isayinwe okanye igximfizwe isitampu esigunyazisiweyo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Kukho ixesha lokulinda leenyanga ezintathu nangaphezulu.
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
Umntu woqhagamshelwano
Mfonomfono
ISebe lezoBugcisa neNkcubeko
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
