Ukuphathwa nokuthuthwa kobisi
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Bhalisa inqanawa yokuloba iLayisensi yenqanawa yokuloba yelizwe langaphandle iLayisensi yenqanawa yokuloba yeli lizwe iPemethe yokuseka indawo yokwenza imveliso yeentla ilungelo lokuloba ukuthutha okanye ukuphatha ukutya
Ukuphathwa nokuthuthwa kobisi
Isicelo selungelo lokukhangela ubukho besimbiwa
Isicelo selungelo lokwemba umgodi bhalisela ukusebenzisa amanzi
Inkonzo yeposi engabekelwanga iziko elithile
Elayisensi yokuqhuba iNkonzo yePosi eBekelwe iZiko
Yenkonzo yosasazo lwezandi ekhupha imitha yamandla seLayisensi yeNkonzo yoSasazo loRhwebo
Elayisensi yenkonzo yabahlali yosasazo lwezandi
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zemibutho
Yenza isicelo sepemethe okanye selayisensi
Ukuphathwa nokuthuthwa kobisi
Isicelo sesatifiketi sokwamkeleka kokuphathwa nokuthuthwa kobisi
Inkcazelo
Iishedi ekusengelwa kuzo ziindawo ezisetyenziselwa ukukhutshwa nokuphathwa kobisi ngokucocekileyo nangokunempilo. Isicelo sesatifiketi sokwamkeleka kweshedi yokusengela kufuneka sifakwe ngencwadi ebhaliweyo. Esi sicelo kufuneka sibandakanye inkcazelo exelwe apha ngezantsi.
Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe lezeMpilo
Inkqubo emayilandelwe
Thumela isicelo esibhaliweyo kugunyaziwe wendawo kummandla apho ikhoyo okanye izakwakhiwa khona ishedi yokusengela.
Nika le nkcazelo ilandelayo:
Igama lakho (lomenzi-sicelo), idilesi kunye nenombolo yomnxeba
Inkcazo yegama lendawo
Isicwangciso sesiza ekuboniswe kuso umntla, ndawonye nazo zonke izakhiwo ezisecaleni nezikumda wale ndawo, kunye nento ezisetyenziselwa yona.
Umzobo obonisa uyilo lwale ndawo ngokweqondo lokulinganisa le 1:100 kuwo wonke amaziko eshedi yokusengela, abandakanya isicwangciso somgangatho, imbonakaliso ngokwamacandelo kunye nokunyuka okuthe nkqo.
Zilungiselele ukunika nayiphi na inkcazelo engacelwa ngugunyaziwe wendawo.
Umhloli ophuma kugunyaziwe wendawo uhlola le ndawo ineshedi ngokupheleleyo. Umhloli uthumela ingxelo kunye nesiphakamiso kugunyaziwe wendawo.
Kukhutshwa isatifiketi sokwamkeleka ukubangaba ingxelo yomhloli ithetha kakuhle ngale shedi.
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Isicelo sesatifiketi sokwamkeleka kweshedi yokusengela. Elifom lifumaneka kugunyaziwe wendawo okanye kwiSebe lezeMpilo.
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
