






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezotyelelo & Nezohambo > Ezohambo > Iziqinisekiso Zokugonylelwa iCesina eMthubi

Iziqinisekiso Zokugonylelwa iCesina eMthubi




INKCAZELO:

Ukuzama ukunqanda ukusasazeka kwecesina emthubi, abahambi abanqumla imida yamazwe apho icesina emthubi igqugqisa khona kufuneka besigonyelwe esi sifo.
* Siyintoni iSiqinisekiso seCesina eMthubi?
* Ingaba ukhona umntu ongenakuba nayo uCesina eMthubi
* wenzeka ntoni xa ungenaso esi siqinisekiso?
* Iingingqi zeCesina eMthubi

SIYINTONI ISIQINISEKISO SOKUGONYELWA ICESINA

Icesina eMthubi yintsholongwane eza nengcongconi i-Aedes ekhokelela ekufeni kumalunga nama- 25% amaxhoba ayo. Akukho lunyango luqingqiweyo lwayo, kodwa ugonyo lusebenza kakhulu.

Umthetho Wamazwe ngamazwe ufuna abahambi abanqumla imida yamazwe apho icesina emthubi isoloko ikho. Emva kokuba ugonyiwe uya kunikwa iSiqinisekiso Sokugonyelwa iCesina eMthubi.

Isiqinisekiso esi sisebenza kuphela emva kweentsuku ezilishumi emva kogonyo yaye sisebenze iminyaka elishumi emva koko.

Ukuba ubukhe wahamba-hamba kwingingqi yeCesina eMthubi kwiintsuku ezintandathu phambi kokuba ukhanuke ukundwendwela uMzantsi Afrika, kuya kufuneka ukuba ubonise Isiqinisekiso seCesina eMthubi xa ungena ilizwe eli.

INGABA UKHO UMNTU ONOKUNGASIGONYELWA ESI SIFO?

Amakhosikazi akhulelweyo, abantwana abangaphantsi konyaka ubudala nabantu abangadibaniyo nolu gonyo ngenxa yeengozi olunokuzenza empilweni yabo nasemaqandeni kuba enganyanzelekanga ukuba alufumane olu gonyo. Kuseza kufuneka ukuba usifumane isiqinisekiso kwiziko lolu gonyo esixela ukuba wena awuludingi.

KWENZEKA NTONI XA UNGENASO ESI SIQINISEKISO?

Ukuba ufika eMzantsi Afrika ngaphandle kwesiqinisekiso esibenzayo seCesina eMthubi, uya:
* kugcinwa phantsi koqwalaselo iintsuku ezintandathu ngentlawulo ephuma engxoweni yakho, okanye
* kugonyelwa iCesina eMthubi ngentlawulo ephuma engxoweni yakho.


Ukuba akukho Gosa leZibuko lezeMpilo kwindawo apho eli lizwe ulingenele khona, uyakwalelwa ukungena eMzantsi Afrika.

IINGINGQI ZECESINA EMTHUBI
La mazwe alandelayo ziingingqi seCesina eMthubi:

Angola
Bolivia

Brazil
Burundi

Burkina Faso
Benin

Cameroon
Chad

Central Africa Republic
Rwanda

Colombia
Cote d'Ivoire

Democratic Republic of Congo
Sierra Leone

Equatorial Guinea
Sudan

Ethiopia
Gabon

Gambia
Guinea

Ghana
Congo

Guinea-Bissau
Kenya

Guyana
Ecuador

Liberia
Panama

Mali
French Guinea

Peru
Togo

Sao Tome & Principe
Suriname

Senegal
Somalia

Uganda
Tanzania

Venezuela



IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezempilo (The Government of South Africa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Ukufaka Isicelo Sephepha-mvume Lokundwendwela uMzantsi Afrika (IiNkonzo)
* Impilo Kumazibuko (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 11 uMatshi 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





