xhosa.533.Shoprite
B3823/03/08 Kufote: uGraeme Borchers; banxityiswe nguLinda Bean; Abalinganisi nguTony, uPatricia noLungile; iinwele nolungiso-buso nguHeather Oozthuizen.
Sibulela kuMphathi wabasebenzi bakwaShoprite eRandburg (011) 9981840
Fuman' imali
ULindiwe utsalele umnxeba udade wabo uJabulile esithi ucela imali yesikolo ngokukhawuleza.
"Ungaxhalabi," utshilo uJabulile, "Ndiza kuyithumela ngeMoney Market yakwaShoprite!" Kulula kwaye kukhuselekile, kwimizuzu nje emibini uLindiwe ube sele eyifumene imali yakhe.
Indlela esebenza ngayo le nkonzo yokuthumela imali:
Unako ngoku ukuthumela imali nakubani na, naphi na eMzantsi Afrika ngoko nangoko.
1. Thatha isazisi sakho seli loMzantsi Afrika nefotokopi yaso uye kwikhawuntari yeMoney Market kwaShoprite naphi na kweli loMzantsi Afrika. Nika umamkeli-mali isazisi nefotokopi, nemali ofuna ukuyithumela, uze uhlawule i-R9,99.
2. Khetha iinombolo zakho ezine eziyimfihlo, aze ke umamkeli-mali akunike irisithi enenombolo eyireferensi yokuthumel' imali. Wenza oku kuphela ibe sele ithunyelwa imali ngoko nangoko.
3. Xelela umntu oza kulanda imali leyo inombolo eyimfihlo nenombolo yereferensi yemali ethunyelweyo.
4. Umntu oza kulanda imali makaphathe isazisi sakhe ikopi yaso, ireferensi yemali ethunyelweyo kunye neenombolo eziyimfihlo aye nakuwuphi na uShoprite kwikhawuntari yeMoney Market ukuya kuland' imali. Awuhlawuli nepeni xa ulande imali..[x]
4.
1.
3.
Ngokukha-wuleza!
inqaku lentengiso
2.
OKUHLE
Iyakhawuleza: Ukuthumel' imali kwenzeka kanye ngeloxesha. Imali ingalandwa kwimizuzu emibini uyithumele.
Ikhuselekile: Ukhuseleko lusoloko lukho phakathi evenkileni, kunokuhamba uyiphethe ngokwakho imali.
Iyakuqinisekisa: Xa uthumela okanye usamkela imali awunakho ukuqapheleka lula kuba ufana nomntu wonke owenza okuqhelekileyo.
Iyafikeleleka: Uthumela imali efikelela kuma-R5 000 ngentlawulo ye-R9,99 nje kuphela.
