Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Lokwamkelwa komntwana
Imvume kunye nokurhoxiswa kwemvume
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Inkcazelo
Umntwana angamkelwa ngokusemthethweni
Ngumyeni nenkosikazi yakhe bedibene;
Ngomhlolokazi okanye umhlolo;
Ngumntu ongatshatanga okanye oqhawule umtshato (odivosileyo);
Ngumntu otshatileyo onomlingane ongumzali walo mntwana; okanye
Ngumzali wendalo womntwana ozelwe ngaphandle kwemo yomtshato.
Kufuneka ubenezinto ezaneleyo zenkxaso yokunakekela (zokusapota) umntwana nezokuhlawulela imfundo yakhe.
Kufuneka ubengumntu onegama elihle kwaye ulungele, futhi ufaneleke ukuba kungabekwa umntwana phantsi kogcino lwakho ngokuthembekileyo.
Ukubangaba umzali wendalo womntwana ungummi waseMzantsi Afrika, kukwafuneka nawe ubengummi waseMzantsi Afrika kwaye uhlale eMzantsi Afrika.
Ukubangaba awungommi waseMzantsi Afrika, kufuneka uvumeleke ubengummi okanye ube sele wenze isicelo sobumi.
Ukwamkelwa komntwana ngokusemthethweni okubizwa ngokuba lulwamkelo oluyimfihlo, apho abazali bomntwana bangavumelekanga ukuba bazi ukuba ngoobani abazali abayakwamkela umntwana njengowabo okanye uyakuhlala phi umntwana emva kokwamkelwa kwakhe, kugqaliselwa liCandelo 18 loMthetho woNakekelo loMntwana, kwaye kungenzeka kuphela xangaba inkundla yabantwana yanelisekile ukuba oku kuyakuba lolona ncedo lungcono emntwaneni.
Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe lezoBulungisa neMibandela yoMgaqo-siseko.
Inkqubo emayilandelwe
Yiya kumabhalane wenkundla yabantwana kwisithili ekuhlala kuso umntwana.
Hambisa ifom ikunye nale miqulu ilandelayo
Ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yesazisi yomenzi-sicelo ngamnye kunye nesatifiketi sokuzalwa esiluqobo lwaso okanye incwadi yesazisi eluqobo lwayo yomntwana ngamnye ozakwamkelwa ibengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni ;
Imvume yokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni kufuneka ifunyanwe:
Kubo bobabini abazali bomntwana ozelwe emtshatweni
Kumama womntwana ozelwe ngaphandle komtshato o oEmntwaneni ngokwakhe, ukubangaba uneminyaka yobudala engaphezulu kwe 10; kwaye inkundla kufuneka yaneliseke ukuba umntwana uyaluqonda uhlobo nokubaluleka kwaloo mvume
Umzali ongumhlanguli onakekela umntwana, ukubangaba umzali ongumhlanguli akenzanga sicelo sokwamkela umntwana ibengowakhe ngokusemthethweni. Ukubangaba ke kodwa, umzali ongumhlanguli akaphumeleli ukunika imvume yakhe kulwamkelo lomntwana ibengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni kwisithuba senyanga enye eceliwe ukuba enze njalo lisekela lenkundla yabantwana, inkqubo yokwamkelwa komntwana ibengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni ingaqhubeka ngaphandle kwemvume yakhe eyimfuneko.
Akukho mvume ifunekayo phantsi kwezi meko zilandelayo:
Ukubangaba umzali akakwazi ukunika imvume ngenxa yengulo yengqondo;
umbalekile umntwana kwaye akaziwa apho akhoyo;
ubethe umntwana okanye umphethe kakubi, okanye uvumele ukuba abethwe okanye aphathwe kakubi;
ubangele okanye uncedisile ekuhendweni, ekuthwalweni okanye kubuhenyukazi (ukurhweba ngomzimba) bomntwana, okanye ubangele ukuba umntwana enze izinto ezimdaka;
ungumzali womntwana obekwe kugcino lomzali wohlangulo ngokuhambisana neCandelo 16 , okanye ungumntwana wesikolo kwikhaya labantwana okanye kwisikolo samashishini; okanye ubamba imvume yakhe ngokungenangqiqo.
Imithetho esetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Inkqubo yokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni idla ngokuthabatha ixesha elide kakhulu kwaye ingatsala gqitha ukubangaba inyewe inzima.
Iindleko
Xa ubuzisa ngeendleko, nxulumana nee-arhente zokwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni, iinkundla zaBantwana kunye nee-ofisi zoPhuhliso lweNtlalo.
Uluhlu lweenkundla zikamantyi
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
