xhosa.2274.yourman_coaching
AMACEBISO
SIKHE sive ngomdlali ekuthiwa unonyawo "akhaba kakuhle" ngalo kuze olunye lube "lolokuhamba" kuba akakwazi ukukhaba ngalo. Abadlali abakwazi ukudlal' ibhola ngeenyawo zombini kungabenza bazibone benxiba ijezi yeBafana Bafana ngeny' imini.
Olu qeqesho lwebhola olulandelayo lwenzelwe amakhwenkwe aphakathi kweminyak' emithandathu neli-10, kwaye elo lixesha elihle lokumfundisa ukukhaba ngeenyawo zombini ngokutsho komqeqeshi wethu, uFana Tshabangu.
Uqeqesho ngalunye maluthabathe malunga nemizuzu eli-10 ukuya kweli-15.
IZISEKO
1 ENGCENI
Unyana wakho makahlale engceni agobis' amadolo, olul' iingalo aphathe ibhola njengasefotweni yethu.
2 MAKAPHAKAMISE UNYAWO
Qinisekisa ukuba usahleli phantsi, uze uthi makaphakamise unyawo lwasekhohlo abengathi uyakhaba luze lufike kancinci ebholeni. Oku komeleza izihlunu, ngoko makangayikhabi ibhola.
3 KUPHINDE KANINZI OKU NGESANTYA
Makawuphinde lo mthambo ngonyawo lwasekunene. Ngokuya ewuqhela makawenze akhawulezise, aphakamise unyawo lwasekhohlo nolwasekunene ngokukhawuleza. Unyawo angakwazi ukukhaba ngalo luza kukhawuleza ludinwe.
4 GXININISA KUNYAWO ANGAKHABI NGALO
Xa kulunyawo lwasekunene angakwazi ukukhaba ngalo, menzise umthambo kakhulu ngalo. Oko kuluqhelisa ukukhaba
nalo.[x]
Umbhali: Force Khashane
Umfoti: Peter Whitfield
Ukukhaba ngeenyawo
ZOMBINI
Kule nyanga umqeqeshi webhola owayedlalel' iPirates neChiefs - uFana "Skhehla" Tshabangu ubonis' ootata indlela yokufundis' oonyana babo ukukhaba ngeenyawo zombini
U-Oscar Ndzunga nonyana wakhe oneminyaka eli-10, uNkanyezi.
Izinto ezimbini ezibalulekileyo:
Unyawo angakhabi ngalo malwenziswe kakhulu imithambo, kodwa maluqeqeshwe nakhaba ngalo!
Amakhwenkwe amancinane anokukruquka ngulo mthambo, ngoko kubhetele niwenze xa nizifudumeza.
UQEQESHO LWEBHOLA
