xhosa.2257.yourfamily_pregnancy
U
UKUKHULELWA KWAKHO
Xa ukhulelwe baninzi abantu abazenza oogqirha nabongikazi babumini bakuxelele le naleya kuba befuna nje ukuzenza abantu abanolwazi. Sicele iingcali zokwenene ukuba zikuchazele iinyaniso ngobuvuvu ongabuxelelwa ngabahlobo
nezalamane
kukhulelwa
iinyaniso nobuxoki
UKoluka IINWELE KUTSALA USANA NOKUSEBENZISA AMACHIZA EENWELE KUNGABA YINGOZI ELUSANENI.
Asiyonyaniso ukuba ukoluka iinwele kuchaphazela usana olukhulelweyo. Ingcali yogqirha wezifo zamabhinqa wasePietermaritzburg, uGqr.Thami Buthelezi uyasiqinisekisa ukuba "ukoluk' iinwele akuluchaphazeli usana."
Akunangxaki nokusebenzisa amachiza eenwele. Ngokutsho kweWebsite ethi: otispregnancy.org, intwana yedayi yeenwele iyafunxwa lulusu ize iphume nomchamo. Kodwa akuyongozi elusaneni olukhulelweyo.
Uthi nangona kuyingozi ebhinqeni elikhulelweyo ukusebenzisa izinto eziyingozi okanye nantoni na angaqinisekanga ngayo, ukuzenza mhle kulungile ngeli xesha linzima nelikuphathisa ngestresi.
Usana olukhulu lungaba luphawu
lwee-
ngxaki
zaxa
ubukhu-
lelwe
AWUNAKUBELEKA NGOKWENDALO XA UBUKHE WABELEKA NGOTYANDO
Ngokutsho kukaGqr. Buthelezi oku akuyonyaniso kwaphela. Amabhinqa amaninzi abeleka ngotyando ngezizathu ezithile kwaye kuyenzeka xa zisekho ezo zizathu kwixesha elizayo. Kodwa wongeze ngelithi kufuneka ibhinqa libeleke ngokwendalo esibhedlele. UGqr. Meshack Mbokota wasePitoli uthi ibhinqa alinakubeleka ngokwendalo xa likhe labeleka ngotyando kabini kuba isiva esisesibelekweni sivuleka lingekabeleki ibhinqa.
KUFUNEKA UZITYE IZINTO OZITHANDISWAYO YAYE UTYE KAKHULU UKUZE UBENOSANA OLUKHULU NOLUPHILILEYO
Ngokutsho kweengcali akuyonyaniso leyo. UGqr. Buthelezi uthi okona kubalulekileyo kukuba nosana oluphilileyo kunokuba nosana olukhulu.
"Eneneni usana olukhulu lubonisa ukuba bekuneengxaki ukukhulelwa kwakho, njengesifo seswekile esingabonwanga okanye esinganyangwanga, kwaye kungabangela iingxaki xa ibhinqa libeleka," utsho.
Ibhinqa elikhulelweyo kufuneka litye ukutya okunazo zonke izakha-mzimba, kwaye ukutya into kakhulu okanye kancinane akulunganga nakuwuphi na umntu, wongeze ngelo uGqr. Mbokota.
Ukwathe xa ukhulelwe lindela ukutyeba nge-12,5kg.
Maxa wambi ukuthanda izinto ezithile xa ukhulelwe yindlel' umzimba okuxelela ngayo ukuba unento ongayifumani ngokwaneleyo.
LUMKA
Iwebsite ethi www.kidshealth.org
ithi walumkele amacebiso owanikwa
ngabantu njengala:
Abakuxelela ukuba ungayilandeli imiyalelo kagqirha (njengokuyeka iivithamini zokukhulelwa).
Abathi sela okanye uphefumlele ngaphakathi into ongayixelelwanga ngugqirha (njengamayeza
esintu okanye iziyobisi).
Icebiso elikwenza uloyikele usana lwakho,
kaloku istresi sikamama
singaluchaphazela
nosana.
UKUSELA NALIPHI NA IYEZA NGAPHA-NDLE KWEPanado KUNGAKWENZA UPHUNCUKELWE sisisu
Oku akubobuxoki kwaphela. UGqr. Mbokota uthi ungaseli amayeza ongawanikwanga ngugqirha ingakumbi kwiiveki ezili-12 zokuqala zokukhulelwa. Oko kuquka amayeza okuhambisa nezithomalalisi zintlungu.
KUYINGOZI UKUNXIBA IIMPAHLA EZIKUBAMBAYO KUBA ZICINEZELA USANA
Akuyonyaniso leyo. Iimpahla ezikubambayo zenza ibhinqa lingakhululeki qha, utsho uGqr. Mbokota. UGqr. Buthelezi uthi usapho nabahlobo abakhathazwa koku yindlela abaxelela ngayo amabhinqa akhulelweyo ukuba anxibe kakuhle engawa-phoxi. [x]
Umbhali: Ntokozo Maseko
XA KUFUNEKA UBELEKE NGOTYANDO
UGqr.Buthelezi uthi linganga-yekwa ibhinqa libeleke ngokwe-ndalo phantsi kwezi meko:
Xa ibhinqa linesinqa esinesi-phene.
Xa usana lungaphezulu kwe-3,5kg.
Xa amathambo esinqa ebhinqa engavulekanga ngokwaneleyo ukuze kuphume intloko yosana.
Xa libeleka ngaphambi kwexesha
Xa libeleka amawele.
