xhosa.2255.yourlifeguide_positive
UKUTYELA UKUPHILA
UCriselda Kananda uyasinceda ukuze sazi ngokuthe vetshe ngeHIV/AIDS ukwasicebisa neendlela zokuphila nayo!
KUTHIWA ukuthintela kokona kubhetele kunokunyanga. Ukutya okunazo zonke izakha-mzimba kuyanceda ekulweni nezifo ezingahlasel' umzimba wakho xa uneHIV.
Kule nyanga siza kuthetha ngeendlela ukutya okunganceda ngayo ukunciphisa inani labantu abaswelekayo eluntwini lwakowethu, ukanti kwinyang' ezayo siza kuthetha ngokuba zinceda njani ii-ARV ekulweni nolwamvila lweHIV.
Njengoko nemoto ingahambi xa ingenapetroli, nemizimba yethu ayinako ukulwa nezifo xa singatyi ukutya okufanelekileyo. Imizimba yethu ifun' izondlo ezithile ezinjengeeprotini, iikhabhohayidrethi, iivithamini nezinye ukuze ibesempilweni.
Zonke ke ezi zakha-mzimba sizifumana ekutyeni kwaye kubalulekile ukuba imizimba yethu izifumane ngokwaneleyo ukuze amajoni omzimba omelele akwazi ukulwa nokusulelwa komzimba zizifo.
Ukutya okungenamafutha kakhulu akugcini imizimba yethu isebenza kuphela, kuko nokwenza sibeneziqu ezisempilweni, ingakumbi xa unentsholongwane ye-HIV.
Ukutya okungenazo zonke izakha-mzimba okunamafutha neswekile kakhulu nokungenayo imifuno neziqhamo akuwancedi amajoni omzimba.
Ukutya okunazo zonk' izakha-mzimba kufanele kubenezi zinto: amafutha alingeneyo; iikhabhohayidrethi ezininzi ezifumaneka kwizonka, irayisi neetapile; imifuno neziqhamo ezitsha; nokutya okuneeprotini njengenyam' ebomvu, inyama yenkuku, intlanzi, amaqanda, iimveliso zobisi namandongomane.
Kubalulekile nokuyazi indlela yokukupheka ukutya kuba izondlo zako zingaphela xa ukupheka okanye ukuqhotsa ngokugqithisileyo.
Umzekelo, imifuno ungayipheki de itshintshe ibala layo; kufuneka uyitye isekrum-krum, isenazo izakha-mzimba.
Kufuneka utye kathathu ngemini, usele kakhulu amanzi acocekileyo nencindi yeziqhamo entsha.
Kungenzeka kufuneke usele nezinto eziya kongeza iivithamini neeminerali egazini lakho. Zisenokuba zinoVitamin C no-E, ii-omega 3 fatty-acids, oovitamin B nezinye izibulali zintsholongwane. Ezi zakha-mzimba azifanelanga zikuyekise amayeza owanikwa ngugqirha (njengee-ARV) kwaye zisebenzise ngemvume kagqirha wakho.
Xa uneHIV kwaye uzama ukulwa nesifo esithile okanye unesifo esingapheliyo, kufuneka utshintshe ukutya okutyayo ngokweemfuno zakho.
Umzekelo xa unotyatyazo kunokufuneka uziyeke iimveliso zobisi kuba zingakwenza uhambise kakhulu. Kubalulekile ukubuz' ugqirha wakho ukuba kukuphi ukutya ongakutya endaweni yazo okanye ukuba ungasebenzisa izongezi
zezakha-mzimba eziyintoni.
Ndikholwa kukuba ukutya iziqhamo nemifuno emitsha liqalo elihle. Usenokuthi ndikwenza into elula ukulawula iHIV neziny' izifo, kodwa kuyanceda ukwazi iziseko!
Kaloku iimveliso zendalo (njengeziqhamo nemifuno emitsha) zenza amajoni emizimba yethu asebenze ngokupheleleyo.
Mandiqwele ngokucaphula enye intetho ethi: "Impilo yenye
yeentsikelelo ezibalulekileyo umntu anazo." Masizigcine ke sisempilweni ngokutyel' impilo, singaphileli
ukutya. [x]
I-CD KACRISELDA
UCriselda Kananda ungumama, umkhuthazi wempilo entle nomsasazi wenkqubo yeengxoxo kwiMetro FM okuthandayo ukunik' ithemba abantu abaphila ne-HIV ngokubabalisela elakhe ibali.
KwiCD yakhe ethi Positive Talk uthetha ngokubaluleka kokuzazi imeko yakho, uchaza namagama athile ezempilo asetyenziswayo kwiHIV/AIDS, ukanti ukwacebisa nangonyango ongakhetha kulo. Ikwanengoma ethi Beautiful Woman ebhiyozela ubuhle bakho obungaphakathi.
Le CD ifumaneka kwiivenkile zakwaReliable elizweni jikelele. Ngeziny' iinkcukacha qhagamshelana noCriselda ku- info@positivetalk.co.za; fax: 086-617-5480; okanye uye ku: positivetalkservices.co.za.
IMITHETHO YOKHUSELEKO KOKUTYA
Kubalulekile ukucoceka kokutya nokuqinisekisa ukuba akunazintsholongwane. Izifo ezifumaneka ekutyeni ungaziphepha ngokwenza oku:
Hlamba iziqhamo nemifuno ngamanzi acocekileyo ngaphambi kokuba uzitye.
Qinisekisa ukuba izandla zakho zicocekile ngaphambi kokuphath' ukutya.
Ungayityi inyama ekrwada okanye engavuthwanga, neesaladi ezinamaqanda angavuthwanga.
Jonga umhla wokuphelelwa lixesha kokutya ngaphambi kokuba ukutye.
Qinisekisa ukuba ukutya kugcinwe ngendlela yaye kogqunyiwe ukuze kungangenwa ziintsholongwane.
UKUPHILA NE-HIV/AIDS
