xhosa.2243.legalfebnew
WAZI AMALUNGELO AKHO
Kule nyanga: uthini xa ubanjwa kugqogqo lwezithuthi
lwamapolisa
UBANJWE KUGQOGQO LWEZITHUTHI
Ndaxelelwa ukuba ndikhutshelwe incwadi eyalela ukuba ndibanjwe ngenxa yokungahlawuli itikiti emva kokumiswa ngamapolisa kugqogqo lwezithuthi. Igosa lendlela lathi mandilinde lisaya kulanda ikopi yaloo ncwadi esikhululweni samapolisa. Ndathi xa ndicela ukugodusa usana lwam kuqala, landingxolisa - lathi ukuba andimameli liza kundimangalela "ngokuphazamisa ukusebenza komthetho."
Ndalinda iiyure ezintathu, landalela nokuba ndiziyele esikhululweni samapolisa, ndakhwela emotweni yamapolisa nosana.
Ndibona ndaphathwa kakubi. Ukulibala kwam ukubhatala itikiti akundenzi isikrelemnqa. Yintoni ongayenza xa befuna ukukubamba kugqogqo lwezithuthi ngenxa yokungabhatal' itikiti lesantya?
IINGCEBISO ZESCORPION
Akukho ncwadi yokubamba ikhutshwayo xa ungahlawulanga itikiti, ikhutshwa xa ungayanga enkundleni ngomhla obekiweyo. Oko "kukungahloniphi inkundla".
Kumatikiti endlela, mabini amanyathelo:
INYATHELO 1: Ulifumana itikiti lakho xa umiswe ngamagosa endlela okanye lithunyelwe ngeposi xa ufotwe yikhamera uhamba ngesantya esiphezulu. Ulindeleke ukuba ulihlawule phambi kosuku oluxeliweyo. Ukuba ulibele ukulihlawula, oko kukhokelela:
INYATHELO 2: Xa ungalihlawuli itikiti ufumana "iisamani."
Kucacile ukuba walibala ukulibhatala itikiti waze wangazihoyi iisamani. Kodwa unyanisile: oku akukwenzi "isaphuli-mthetho esiyingozi".
Ufanele ukuba nomsindo yindlela ophethwe ngayo. Ikho imithetho amagosa afanele ayilandele kwaye bonke abaqhubi kufanele bawazi amalungelo abo.
Nasi isishwankathelo:
Igosa elikubambayo malikubonise incwadi yaloo myalelo xa uyifuna. Awumelanga kuyalelwa mntu xa isaya kulandwa kude.
Kufuneka uxelelwe amalungelo akho, nesizathu sokubanjwa.
Ukuba amalungelo akho aye akathotyelwa unako ukuthabatha amanyathelo negqwetha lakho.
Emva kokubanjwa ufanele usiwe kwindawo ebhalwe encwadini okanye esikhululweni samapolisa ngokukhawuleza.
Ukuba awukhumbuli uzifumana iisamani, cela ukubona "i-return of service". Ezi zimpepha ezibonisa ukuba iisamani zafikela kubani, nini, phi. Kodwa ke awunalungelo lakuzibona ngexesha lokubanjwa kwakho - amagosa angakuvezela ngeliny' ixesha.
Okokugqibela: ukuba awuqinisekanga ngezinto ezininzi, bhala phantsi, indawo namagama amagosa abandakanyekayo. Oku kuza kukunceda xa ufuna ukufaka isikhalazo. [x]
KWIISAMANI
Iisamani ziza kukuxelela, ixesha nendawo yesehlo kunye nemali ongayihlawula ukuzama ukuphepha ukuvela phambi kwenkundla.
Ukuba ucinga ukuba kukho impazamo, iisamani ziza kukuxelela ukuba ufuneka nini enkundleni, ungalivumi ityala enkundleni ukuze nawe unikwe ithuba lokuthetha ngokwenzekileyo.
Iisamani ziza kukulumkisa ngokuba ingakhutshwa incwadi eyalela ukuba ubanjwe xa ungayihlawuli imali efunekayo okanye ungayi enkudleni ngemini ebekiweyo.
AMANDL' OMTHETHO
IINGCEBISO EZIZIZO
Elona cebo lililo esingakunika lona kukuba uqinisekise ukuba ulihlawula kwangoko itikiti lendlela, xa ubhatala, qiniseka ukuba ufumana irisithi okanye ugcine ubungqina bokuba ubhatele xa ububhatala ngekhompyutha!
ABAFOTIWEYO BAYALINGANISA
Thumela ingxaki yakho yomthetho kule dilesi: BONA Legal Advice, Box 32083, Mobeni, 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama- 30 ngaphandle kokuhlawula, kwi-ofisi zalo naphi na kweli okanye emnxebeni.
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
