XHOSA.1156.muthi
ABABELEKISI babekade beyinxalenye yoluntu. Kwakudla ngokuba ngoomakhulu noomama asele bekhulile, abangafundanga, abangakwazi ukubhala nokufunda yaye babenceda banyange abadlezana.
Babenyanga nabantu abadala nabantwana abagulayo.
Ndiyitsho le nto ngenxa yomfundi ondibhaleleyo efuna uncedo ngokutshaya kwakhe intsangu yaye ndiyazi ukuba ngababelekisi abavela nemfihlo yokuyeka ukutshaya intsangu.
Babesebenzisa eli hlebo xa bebona ukuba ilungu losapho eliyindoda okanye eliyinkwenkwe litshaya intsangu.
Babemnika lowo utshayayo engazi - aze ayiyeke intsangu engazi nokuba kutheni na.
Ihlebo elifungelweyo
Ndaba nethamsanqa mna kuba ndakhula ndinomakhulu ongumbelekisi. Wandichazela eli chiza lilihlebo waza wandifungisa ukuba ndingaze ndilixele.
Ndisemi kweso sifungo ke nangoku yaye ndiza kutsho isithako esinye qha - ndize ndicele nabani na owazi umakhulu owayengumbelekisi ukuba abuze kuye ukuba ziziphi na ezinye izithako.
Isithako endiza kusitsho lubisi lwebele lomdlezana.
Sonke siyazi ukuba ukutshaya intsangu kunobungozi ebomini bomntu.
Abadlali bebhol' ekhatywayo neminy' imidlalo bafuman' isohlwayo esiqatha xa kufunyanwe intsangu egazini okanye emchameni wabo.
Njengoko ndisixelile isithako esinye seli chiza ndibona kubalulekile ukuba amagqirha enze uphando ukuze afumanise ukuba ngawaphi amayeza afunekayo khon' ukuze sihlangule uluntu lwakuthi kwesi sihelegu sentsangu.
Eyona nto ibaluleke kakhulu kukuba abantu bazithibe bangangenwa ngumkhwa wokutshaya intsangu.
Ukuzenza mhle
Enye yezinto ezindixhalabisayo kukwanda kwamabhinqa azimisele ukutyandwa amabele kuba efuna ukuba nomtsalane.
Eliny' ibhinqa elingatshatanga nelingayithandiyo inkangeleko yalo lindibhalele lathi: "Ndifun' ukusoloko ndinomtsalane. Ndity' ukutya okusempilweni yaye ndenza nemithambo rhoqo.
"Kodwa ndithi xa ndizijonga esipilini qho ngeentsasa ndizibone ndingenamtsalane kuba ndinamabele amancinci.
"Ndifuna ukuba namabele amakhulu.
"Nditsho nkqu nokuba ndinxibe iitophu zam ezintle awaveli kakuhle amabele am. Ndikhe ndafuna ulwazi ngokwenza utyando ndaza ndafumanisa ukuba luxhomile ngexabiso andinawukwazi ukuluhlawulela.
"Ngaba likho iyeza ongandicebisa ukuba ndilisebenzise ukuze ndikhulise amabele am""
Omnye umfundi ubhale wathi, "Ndinamabele amakhulu awileyo."
"Atshintsha ndisakufuman' umntwana wesibini.
"Ndingumntu ozikhathaleleyo empilweni, andifuni kutyeba kodwa amabele am awehli tu.
"Ngaba ikho into ongandinceda ngayo""
Amabhinqa akuthi kufuneka azifundise ukuzidla ngamabele awo nokuba anjani na.
Nokuba angakanani na, abalulekile kuba ondla iintsana yaye anceda abantu abatshaya intsangu bayiyeke! [x]
kubhale uFORCE KHASHANE
Sithetha ngamayeza esintu
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail ku-forcek@caxton.co.za
Umsebenzi wamabele (olihlebo)
BONA XHOSA - March 2007 91
