xhosa.2226.job
IINGCEBISO ZEMISEBENZI
1 YIBA NGOGQWESILEYO
Zama ukuwenzisisa umsebenzi wakho. "Wuthande umsebenzi. Ngokuya uyibona indima yakho, uza kuya ngokuwonwabela umsebenzi wakho," utsho uMarty Nemko ongumcebisi ngezomsebenzi.
Kwakhona: soloko ukhangela iindlela eziphucukileyo zokwenza umsebenzi wakho - kwaye uqiniseke ukuba uyazifumana izincomo ezikufaneleyo.
2 UKUZINIKELA
"Eminye imisebenzi yenze ngaphandle kokuthunywa - ingakumbi engafunwa mntu - ngokwenza njalo ubonakalisa ukuzinikela nomdla wakho ekufundeni wonke umsebenzi," utsho uRoman van Niekerk wenkampani yakwaKelly efumanela abantu imisebenzi.
3MAMELA
"Sonke sicinga ukuba siyakwazi ukumamela. Kodwa khawutsho, bangaphi abantu obaziyo ongathi ngenene bayakumamelisisa" Kwaye nabany' abantu andiqondi ukuba bayihoyile indlela omamela ngayo," utsho uNemko.
"Ukumamela kunzima kunokuba ucinga. Kufuneka uzikise ingqondo ngokupheleleyo kuloo nto umntu ayithethayo, ujonge ukutshintsha kwentshukumo yakhe yomzimba kunye nangakuthethiyo.
4 ZINZA
Ingqondo mayizinze, amaxesha kaxakeka ngawona aza kucacisa ukuba uyakwazi ukusebenza kakuhle nangexesha elixakekileyo.
5 XABISA IXESHA
Enye indlela yokuphucula iziphumo zomsebenzi wakho kukusebenzisa ixesha ngendlela efanelekileyo. "Umqeshi wakho uzakubona xa ulihlonipha ixesha lenkampani nenkuthalo yakho egqithisileyo, ngoko ke musa ukuligada ixesha lokuphuma," utsho uVan Niekerk.
"Fika ngexesha uphume mva, noba yimizuzu eli-15 emva kwexesha lokuphuma. Yitya ngamandla kusasa ukuze ungasolok' ufuna ithuba lokuya kufuna ukutya kwakusasa.
"Xa ulithatha ikhefu lesidlo sasemini, mazise umphathi wakho kwaye ubuye usenexesha elishiyekileyo."
Kwakweli nqaku, uNemko uthi iintlanganiso zezona ziyinkcitha-xesha emsebenzini. Ucebisa ukuba ujonge ukuba inyanzelekile ibekho na intlanganiso okanye ingalunga nembalelwano ye-e-mail...
OKOKUGQIBELA...
"Enye indlela yokuyibona inkqubela phambili yakho emsebenzini kukuya kujonga iCV yakho kwakhona uzibuze ukuba yintoni oyenzileyo kwezi nyanga zili-12 ezidlulileyo ongayongeza kuyo," ucebise watsho uLiz Ryan, owayesakuba yihuman-resources manager nongumsunguli weWorldWIT, umbutho wamabhinqa axoxa ngezemisebenzi kwi-intanethi.
"Xa ungafumani nto unokuyongeza kwiCV yakho engakunceda uzithengise kuthetha ukuba usemi ndawen' inye." [x]
okuhambela phambili emsebenzini wakho
BONA XHOSA July 2008
AMANYATHELO
Iingcali zithi ukwenza okulula njengokutshintsha indlela owenza ngayo umsebenzi wakho, njengokuphucula indlela yokumamela nokuba nesisa kwabanye abantu, ingawongeza amathuba akho okunyuselwa... Kubhale uTHANDI ZULU
