XHOSA.2207.muthisep
kubhale uFORCE KHASHANE
UKUBA nesiqwana esincinci yinto eyamkelekileyo eluntwini lwakowethu kuba kubonisa ukuba sempilweni. Kodwa ukuncipha kakhulu komzimba ngexesha elifutshane kuyaxhalabisa.
Ukuncipha emzimbeni ngephanyazo kungaba luphawu lokugula, ukanti kungenza nabantu baqale ukuthetha ngawe besitsho le naleya.
Le ke yingxaki ejongene nomfundi ondibhaleleyo waKwaZulu-Natal. Uneminyaka engama-24 kwaye uthi ngaphandle kokuncipha emzimbeni, ulusu lwakhe "lurhabaxa" kweziny' iindawo.
"Ndisebenzise izithambisi zolusu ezininzi kodwa azindincedi. Maxa wambi ndiba namalungu aqinileyo," utsho.
Abantu abanale ngulo babhitya bashiyeke bengamathambo. Xa umntu onayo enganxibanga ungakwazi nkqu ukubala iimbambo zakhe.
NgesiTswana le ngulo ibizwa ngokuba si-"setshwabu" ukanti ngesiZulu kuthiwa "lucabangweni."
Iimpawu zaso
Iimpawu ziyashiyana ngokwabantu.
Yiva lo ke umfundi waseMount Fletcher othi unengxaki yeentlungu ezinganyamezelekiyo emantla esisu.
"Obu buhlungu buyaqatsela xa ndisitya, ngoko ndiyancipha nasemzimbeni. Ngoku nonyana wam oneminyaka eli-10 ukhala ngeentlungu ezifanayo," ubhale watsho.
Ukanti eliny' inenekazi eliselula laseKhayelitsha lindibhalele lisithi: "Ndicela undichazele ngale ngulo ndingayaziyo endenza ndingonwabi yaye iyandothusa."
"Le ngulo iyandoyikisa yonk' imihla. Amalungu amathambo am avakala eyeke-yeke kwaye engakwazi ukusebenza.
"Maxa wambi ndikhe ndizibone ndingcangcazela luloyiko kube kungekho nto yoyikisayo kwaye oko kwenzeka xa ndiphakathi kwabantu.
"Maxa wambi umzimba wam ukhe ube buhlungu wonke nolusu lwam lurhawuzele."
Kukho ke nendoda enama-29 eminyaka endizobele umzimba wayo ukuze indibonise iindawo ezibuhlungu. Ingxaki yayo yaqala ngo-1998, kwaye indichukumisile ileta yayo.
Ithi inobuhlungu obungathi buyatshisa ngaphambili esifubeni nasesiswini.
Ithi obunye ubuhlungu obungathi ihlatywa yinto bukwicala lasekhohlo esifubeni ngasentliziyweni, kwaye obo buhlungu butsala ixesha elithile.
Ethubeni uva kukho into engathi inyuka isihla emqolo.
"Xa ndigoba le nto iyehla, ndize xa ndiphakama ndiyive inyuka. Sendifumene unyango loogqirha abaliqela, kodwa andiboni mahluko."
Unyango
Ungothuki kuba isetshwabu asiyongulo isulelayo, kodwa yingulo ehamba nofuzo.
Ikuhlasela nje ingabhungisanga kwaye akucaci ukuba yingulo ebangelwa yintoni.
Isetshwabu asibangelwa kukuthakathwa ngumntu ongakuthandiyo!
Asinguye futhi nomoya omdaka nangona abantu abanaso besiva kukho into enyuka isihla esifubeni sabo.
Asihlaseli abantu abadala kuphela, koko siyabahlasela nabantwana neentsana. Iimpawu zaso ebantwaneni ziquka ukubona umntwana enyanzela iminwe ezimpumlweni nasezindlebeni yaye abe nemilebe eyomileyo.
Phofu ke iindaba ezimnandi zezokuba isetshwabu siyanyangeka.
Kodwa ke kufuneka ungagqibeli nje ngokusebenzisa amaqwili okanye intelezi.
Ukuze umntu onale ngulo anyangeke kufuneka anyangwe ligqirha okanye ixhwele elivunyiweyo nelikhe layinyanga ngaphambili.
Unyango lubandakanya ukuchazwa kancinane esifubeni. Ezo ntlanga ke zithanjiswa kancinane ngentelezi
engumgubo. [x]
34 BONA XHOSA - September 2006
Sithetha ngamayeza esintu
Isetshwabu
singanyangeka!
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail ku-forcek@caxton.co.za
