xhosa.2196.python
Indod' efuye iinyoka
IINYOKA ezimbini ezineminyak' emibini ubudala zigcinwa kwindawo yentselo, kodwa inkoliso yabantu abasela kule ndawo abafuni nokuzibona oku. Ziphiwa ukutya emva kweentsuku ezili-10. Ungacinga ukuba bezifanele ukuba zinomsindo ngenxa yaloo nto, kodwa ezi nyoka zibizwa ngoHoudini noCecilia zibonakala zonwabile.
Zombini zinobunzima obuyi-45kg ukanti ubude bazo buziimitha ezintathu.
Zakukhula zibendala, oko ke kukuthi ngo-2030, ziya kuba zinobunzima obuyi-100kg inye, ukanti ngelo xesha ziya kuba zinobude obuziimitha ezintlanu!
"Iinyoka zizidalwa ezizolileyo. Ndineminyaka eli-10 ndifuye iinyoka yaye zikundiluma kabini qha. Nalapho zazindiluma kuba kundim owenze impazamo yokungahoyi izilumkiso zazo," utshilo uCraig Exall ogcina iinyoka zakhe kwivenkile yakhe yokutya nentselo eThekwini.
"Xa inyoka icaphuka umqala wayo ubangathi unguS nezihlunu zayo ziyaqina. Xa kunjalo kufuneka uziyeke ungaziphazamisi usuku olunye okanye ezimbini."
UCraig unamaxesha okuthabatha iinyoka zakhe ahamba-hambe nazo kwiziko leevenkile laseYellowwood Park nalapho kukho ivenkile yakhe yokutya nentselo. Ngaba uhamba njani bethu nenyoka njengokuba ingenamilenze nje"
"Uyibopha ngentambo kaloku ukuze ukwazi ukuhamba nayo," utshilo.
Xa ehamba nazo ezi nyoka azinakuleqa iimoto ezigqithayo, kodwa ngokuqinisekileyo ziyabothusa abantu abazibonayo.
UPrincess Sikotoyi usebenza kule venkile yentselo, kodwa nangona engenangxaki nokuphangela apho kukho iinyoka, akafuni ukusondela kakhulu kuzo.
"Ekuqaleni ndandizoyika kakhulu, kodwa noko ngoku sendiziqhelile. Kodwa ke andiziphathi kuba andikwazi ukuzibona xa zinomsindo," utshilo.
UCraig unamaxesha okuzikhulula iinyoka zakhe zikhe zihamba-hambe kwivenkile yakhe yentselo. "Ufika zihamba ebharini nasezishelfini. Maxa wambi ufika zikrobe ngeefestile, kodwa amaxesha amaninzi ziyazilalela nje. Nabani na ongazoyikiyo angaziphatha kwaye oko akuzicaphukisi," itshilo intombi ancuma nayo, uRagan Porrill.
Kunzima ukutsho ukuba ezi nyoka ziyabatsala na abathegi okanye ziyabagxotha, kodwa uCraig uthe zinayo indima eziyidlalayo ekutsaleni abathengi.
"Abany' abantu beza kuba befun' ukuzibona, kodwa abasondeli kuzo kuba bezoyika. Emva kokuza amaxesha ambalwa, ubeva bebuza ukuba bangaziphatha na."
Ixesha lokuzipha ukutya iinyoka kuyabonisa ukuba azizolanga tu kwaphela. "UCecilia ngoyena ubonisa ukuba sisirhalarhume," utsho uCraig.
"Ndakufaka umvundla kwibhokisana ahlala kuyo uwutsibela ngoko nangoko awujijele kathathu aze awuginye."
Kaloku inyoka iyayiminxisela into eza kuyitya ukuze igazi lime emzimbeni wayo ize ife ngemizuzwana nje. Emva koko iyawuginya iqale ngentloko.
Abantu abaninzi bacinga ukuba inyoka enkulu kangaka ifanele itye nabantu, kodwa akunjalo. Nkqu nomntwana osemncinane angaba mkhulu kakhulu ukuba angaginywa yinyoka engako.
Phofu ke akuthethi kuthi ayinako ukulinga ukumginya.
Xa inyoka iqala ukuzibhijela emntwini oyiphetheyo, kufuneka kubekho umntu oyiswabulayo kwaye ayiqale emsileni. "Xa ndizikhuphile iinyoka ndiyazigada, kodwa andikhe ndibe nengxaki nazo," utsho uCraig.
UCraig wayekade eneenyoka ezili-18 kodwa ngoku sele enezisibhozo kuphela. Kwakhe unenye inyoka enobunzima obuyi-100kg kwaye inzima kakhulu ukuba angeza nayo kwivenkile yakhe yentselo. "Ifuna abantu abathathu ukuze niyiphakamise," utsho.
Nangona uHoudini noCecilia bechitha ixesha elininzi bevalelwe kwibhokisana encinane bayevana, abalwi bodwa.
Ngaphezulu ngoku uCecilia ubonisa iimpawu zokukhulelwa. Iminwe ngathi yalatha kuHoudini ngokuba nguye omithise uCecilia. [x]
BONA XHOSA - February 2006
EKUNENE: URagan noCraig bekunye nenye yeenyoka zakhe.
IFOTO ENKULU: Uhamba kanje nenyoka.
Iinyoka eziphilayo!
kubhale kwafota uGAVIN FOSTER
itsala abantu
Le ndawo yentselo
abohlukileyo...
NGASENTLA: UDave Todd othand' ukusela kwindawo yentselo kaCraig edlalisa enye yeenyoka.
BONA XHOSA - February 2006
EKHOHLO: Nangona abantu bezoyika iinyoka, baba namaxesha okufuna ukuziphatha.
