xhosa.2148.uti's
Unyango nothintelo lweeUTI...
Xa kubuhlungu ukuchama
liqulunqwe nguPRIMROSE WILLIAMS
ifoto yeyakwaGREAT STOCK!
U-AZOLA sele echame kathandathu namhlanje. Maxa wambi umphatha umchamo angabinalo nexesha lokucela kwititshala yakhe. Ngaba usele amanzi kakhulu bethu" Hayi - nangona umphatha kangako umchamo kuphuma nje omncinane kodwa otshisayo. Yintoni ingxaki yakhe"
Ingxaki kaAzola iqhelekile. Unosuleleko lombhobho womchamo olubizwa ngeUTI ngolwimi lwasemzini kwaye ixhaphake kakhulu emantombazaneni aneminyaka elishumi elivisayo.
Yintoni le ngxaki"
I-UTI kukudumba okwenzeka naphi na kumbhobho womchamo, kuquka nombhobho okhuphela umchamo ngaphandle, isinyi, imibhobhana emincinane esusa umchamo esinyini, izintso, okanye iprostate (esemadodeni kuphela). Ayosuleli.
Ngubani onganale ngxaki"
Iwahlasela gqitha amantombazana kunamakhwenkwe, kwaye oko kubangelwa kukungafani nokungalingani kwemibhobho yomchamo. Amantombazana anemibhobho emifutshane kunamakhwenkwe, kwaye indawo ephuma umchamo ikufutshane nomlomo kasisi nowomva ophuma ilindle. Iintsholongwane ezivela kwezi ndawo zingena lula kumbhobho womchamo.
Idlala leprostate emakhwenkweni likhupha into edodobalisa ukukhula kwentsholongwane. Nangona iUTI ingaxhaphakanga kakhulu emakhwenkweni, xa iwahlasela, iwahlasela ngamandla.
Ikosulela njani"
Ziliqela iindlela intsholongwane engena ngayo embhobheni womchamo:
lUkuzosula use ngaphambili emva kokuya ngasese.
lUkuba nendibano yesondo. Ulutsha ludla ngokuphathwa yiUTI emva kokuqalisa iindibano zesondo. Intsholongwane kwindawo enelungu langasese lebhinqa ifakwa kumbhobho womchamo lilungu lendoda.
lUkugcina umchamo ixesh' elide kwandisa iintsholongwane, nezihlunu zesinyi ezithambileyo zenza ungaphumi wonke umchamo.
lUkungaseli amanzi ngokwaneleyo kwenza ungachami rhoqo kuze oko kukhulise intsholongwane.
lUkuthintela ukumitha ngediaphragm nangekhondom.
lInto eyenza umchamo ungaphumi wonke esinyini, njengekidney stone.
lEziny' izinto ezibangela ukutyabuka kwilungu langasese nezenza usuleleko lwesibeleko. Ukunxiba iijini okanye iibhlukhwe ezikubambayo, ukukhwel' ibhayisikili, ukuhlamba ngesepha enevumba nokusebenzisa imigubo enevumba, nokutya okunongiweyo.
Ndazi njani xa ndinosulelo"
Iimpawu ziquka:
lUkuchama rhoqo.
lUkutshiselwa okanye ubuhlungu xa uchama.
lUkungakwazi ukulawul' umchamo.
lUkutshutshiswa ngumchamo uze uphume kancinci okanye ungaphumi.
lIintlungu emazantsi esisu.
lIintlungu ngasentla kwesinyi (emantombazaneni).
lUkuva ngathi ingxowa yamatapile izele (emakhwenkweni).
lIintlungu xa unendibano yesondo.
lUkuba buhlungu kwelungu lobudoda.
lUmchamo onegazi okanye onuka kakubi.
lUmkhuhlane ongephi.
lUkuziva unendawana yokungcangcazela nokudinwa.
Luba mandundu usuleleko xa lude lwaya kufikelela ezintsweni. Iimpawu zokuba mandundu kosulelo ziquka: umkhuhlane omandla; ukugodola; isicaphu-caphu nokuhlanza; nomchamo ongathi unobisi okanye onegazi.
Uyinyanga njani"
Inkoliso yeeUTI ziyanyangeka ngempumelelo. Ngunompilo ongatsho unyango omawulusebenzise nokuba ulusebenzise ixesha elingakanani.
Qiniseka ukuba uwasebenzisa ngendlela amayeza.
Wasebenzise onke amayeza nokuba sele ubhetele! Xa ungawagqibanga usulelo lungabuya kwakhona.
Ukusuleleka kwesinyi kubuhlungu kodwa amayeza ayakunqanda kungaphazamisi impilo yakho. Xa usulelo lusanda luze luchaphazele nezintso, lufuna unyango olukhawulezileyo kuba lungenza izintso zingasebenzi kakuhle, ukanti lungakubulala xa ungalunyanganga. [x]
BONA XHOSA - March 2006
Xa uchama rhoqo kwaye kubuhlungu xa uchama - kunokwenzeka unosuleleko lombhobho womchamo
Ndingaziphepha njani iiUTI"
Ukuzithintela emakhwenkweni nasemantombazaneni:
lSela amanzi kakhulu.
lYiya kuchama wakuva ukuba ukuphethe.
lYitya izinto ezinoVitamin C. Wenza umchamo ube neasidi, yona ke inciphisa iintsholongwane embhobheni womchamo.
Okwamantombazana:
lMhlambe usisi ngaphambi nasemva kwendibano yesondo.
lNingalali ngendlela eya kukhuthaza iiUTI xa ninendibano yesondo.
lQiniseka ukuba ilungu lakho limanzi xa ninendibano yesondo.
lYiya kuchama emva kwendibano yesondo usele namanzi.
lUngayisebenzisi idiaphragm. Buza eklinikhi okanye ugqirha eziny' iindlela zokuthintela ukumitha.
lZitshintshe rhoqo iiphedi.
lUngazisebenzisi izifutho nemigubo ebulala ivumba kusisi.
lNxiba izinto zangaphantsi zomqhaphu. Ungazinxibi izinto ezikubambayo neepentihowuzi zenayiloni.
Okwabafana:
lGcina incam yencanca yakho icocekile, ingakumbi xa ungoluswanga. Ijwabi ligcina iintsholongwane ezingena kumbhobho womchamo, zibangele usulelo.
BONA XHOSA - March 2006
