xhosa.2134.thin
UBONTLE one-17 leminyaka waqala esithi uzama ukunciphisa umzimba wakhe ukuze abe nefiga entle kwimatric dance njengamanye amantombazana afunda nawo. Kusasa wayengatyi esela nje ikomityi yekofu, aze atye iqanda elibilisiweyo ne-apile ngelantshi, aze atye ilethisi netshizi ngokuhlwa. Waphila ngokutya ngolo hlobo de ngeny' imini wasuka wawa.
Wathi uAkhona one-18 akuva ukuba umhlobo wakhe ubesitya konke ukutya akuthandayo kodwa angatyebi, wagqiba ekubeni naye uza kutya emva koko ahlanze.
UBontle waba ne-anorexia nervosa waza uAkhona wanebulimia nervosa.
Ababulali ababini
Ezona ndidi zimbini ezixhaphakileyo zokungatyi ngendlela yi-anorexia nebulimia. I-anorexia idla ngokuphatha amantombazana kwaye ihambisana noloyiko olukhulu lokutyeba.
Umntu one-anorexia akafuni kutya nangona usenokuba uncipha umzimba wakhe ngendlela eyothusayo, yena akaziboni ukuba uyabhitya. Xa intombazana ene-anorexia izijonga esipilini okanye isenza umfanekiso-ngqondweni wayo, ibona nje intombazana etyebileyo ekusafuneka inciphe.
Ibulimia yohluke kancinane kwi-anorexia kuba umntu onebulimia akakuyeki ukutya. Uyatya emva koko akukhuphe ngokuhlanza okanye ngokusela into ehambisayo. Ibulimia nayo ihlasela kakhulu amantombazana alulutsha njengeanorexia.
Imbonakalo yomzimba
Imbonakalo yomzimba ibalulekile elutsheni. Inkoliso yawo iba nexhala lokuba xa etyeba xa engena ebudaleni aya kutyeba unomphelo.
Asuka axhalabe aze azame ukuzinciphisa kuba engazi ukuba utshintsho alubona emizimbeni yalo luza kuphela nemizimba yalo iyeke ukutyeba kungakhange kubekho mfuneko yokuba makatshintshe indlela atya ngayo.
Iimpawu zokuqala ezikwenza ungatyi ngokufanelekileyo ziquka ukungazithembi; ukungoneliswa ngumzimba wakho; ukuzibona utyebile nokuzama ukuba nomzimba omhle; imbali yosapho olunoxinzelelo lwengqondo; iingxaki zosapho ezigabadeleyo; imbali yokuxhatshazwa ngokwesondo, okanye uxinzelelo lwemidlalo oyidlalayo.
Ukubhitya kakhulu kuyingozi
Ukuzilambisa kungenza umonakalo emzimbeni kwaye kungabeka nobomi bakho esichengeni.
Umntu one-anorexia angonakalisa intliziyo, isibindi nezintso zakhe. Yonk' into emzimbeni wakhe inciphisa isantya sokusebenza kuze oko kubangele ukuhla koxinzelelo lwegazi, ukubetha kwentliziyo, ukuphefumla yaye kukwenze usoloko uziva ugodola.
Amanye amantombazana asenokude ayeke ukuya exesheni ngenxa yokuzilambisa kwawo. Kuxhaphakile nokuba ne-anaemia namalungu amathambo adumbileyo, kungenjalo ube namathambo ankumnkum.
I-anorexia ingenza iinwele ziqothuke, iinzipho zezandla zophuke yaye ukhule iinwele ezithambileyo umzimba wonke. Xa ikuphethe ngamandla ingakhokelela ekungondlekini de ikubulale nokukubulala.
Abantu abanebulimia badla ngokulunywa sisisu, isisu esixuxuzelayo, ukuqunjelwa, umqala obuhlungu okanye umonakalo esiswini nasezintsweni ngenxa yokuhlanza.
Amazinyo abo angabola ngenxa yokunyuka kwee-asidi ezisesiswini zize emlonyeni xa behlanza.
Njengamantombazana ane-anorexia, amantombazana anebulimia asenokuyeka ukuya exesheni, ukanti eyona nto iyingozi kakhulu kukuba ukuhlanza kungawenza alahlekelwe yipotassium ebalulekileyo emzimbeni.
Khulul' umzimba wakho
Eyona nto inzima kukwamkela ukuba unengxaki yokungatyi ngokufanelekileyo. Into yesibini enzima kukwamkela ukuba unengxaki uze ufune uncedo.
Kodwa ukungatyi ngendlela akusilohlazo. Uncedo luyafumaneka ngoko akufanelanga ubelikhoboka lokungatyi ngendlela unomphelo.
Wuthande umzimba wakho
Kubalulekile kulutsha ukwazi ukuba akukho mntu unomzimba omhle ngokupheleleyo. Xa engadalwanga waba nomzimba omhle makayamkele loo nto aze awuthande unjengokuba unjalo.
Cinga ngomzimba wakho njengemoto yeminqweno yakho. Wuxabise. Uwuhloniphe. Uwukhathalele.
Yenza uluhlu lwazo zonke izinto umzimba wakho okuvumela ukuba uzenze. Lufunde wongeze eziny' izinto.
Yonk' imihla kwazi okunokwenziwa ngumzimba wakho. Khumbula ukuba usisixhobo sobomi bakho, awusosihombiso.
Yenza uluhlu lwabantu obathandayo: abantu abanempumelelo, abantu ababe negalelo ebomini bakho, kuluntu lwakowenu okanye kwihlabathi. Cinga ngokuba iimbonakalo yabo yaba negalelo na kwimpumelelo yabo nezinto abaziphumezileyo.
Ungavumeli ubukhulu okanye ukumila komzimba wakho kukuthintele ekwenzeni izinto ozithandayo.
liqulunqwe nguPRIMROSE WILLIAMS
kufote uCLIVE THOMPSON
Ukuzama kolutsha ukuba luhlale lubhityile kungangalawuleki kuze kulukhokele kwingozi yokungatyi ngokufanelekileyo
Ufun' ukuba nesiqu esincinane
Ezolutsha
BONA XHOSA - October 2005
t
t
BONA XHOSA - October 2005
Musa ukujonga iziphako kuphela emzimbeni wakho
Okungenziwa ngabazali
Njengomzali kufuneka uziqwalasele iinguqu kwindlela atya ngayo umntwana wakho. Kuba bedla ngokuphika ukuba abatyi ngendlela, ukufuna uncedo lonyango kungenziwa xa lufunwa lilungu losapho.
Khumbula, ukungenelela ngendlela eyiyo kungasindisa ubomi bomntwana wakho. Xa ubona ukuba umntwana wakho unengxaki yokungatyi ngendlela, kubalulekile ukumfunela unyango ngokukhawuleza. Inganyangeka ngempumelelo le ngxaki xa ikhawuleze yasukunyelwa.
Nazi iimpawu ongazibona zokuba umntwana wakho akatyi ngokufanelekileyo:
Ukungamva esithi ulambile okanye ukungafuni ukutya kunye nosapho.
Ukutya kakhulu kodwa angabi mkhulu.
Ukusebenzisa izinto zokuhambisa.
Ukwenza umthambo ngokugqithisileyo okanye usoloko ethetha ngengxaki yokutyeba.
Ukungena kwigumbi langasese ixesha elide rhoqo emva kokutya - usenokuvulela amanzi ukuze singevakali isandi sokuhlanza kwakhe.
Ukusoloko efun' ukuhlala yedwa.[x]
