xhosa.2113.bar
NGABA ufun' ukuphelisa uxinzelelo lwengqondo" Kutheni ungaphumi nje ubethwe ngumoya uye kufuman' into yokuthob' unxano uze ufumane nomntu oza kumngomba ukhuphele kuye uxinzelelo onalo" Kwamany' amazwe ingcingane enjalo ingakufak' engxakini uzibone sele uqamele ngenqindi entolongweni - kodwa akunakuba njalo eChina.
Abantu abasela eRising Sun Anger Release Bar eNanjing bayavunyelwa bakhwaze bathukise, bophul' iiglasi... babethe nabasebenzi balapho.
Phofu ke abagqibeli apho! Xa ezi ndlela zokukhuph' umsindo abanawo zingabancedi, le ndawo ikwanika abaxumi bayo izoluleko zengqondo!
Le bhari iqeshe amadoda omeleleyo akubudala beminyaka ekuma-20 nama-30 angenangxaki nokubethwa. Anxiba izinto zokuzikhusela, kwaye anikwa uqeqesho lomzimba rhoqo.
Umntu osela kule bhari uyatsho ukuba ufuna anxibe kanjani - ngoko ungatsho ukuba omnye ufuna anxibe njengomphathi wakho emsebenzini.
Le bhari ivulwe ebutsheni balo nyaka nguWu Gong onama-29 eminyaka othi wayithanda emva kokubona ezinye iibhari ezinjalo eJapan.
Abantu abasela kuyo bangena ngemali ephakathi kwe-R40
ne-R300 ukuze baphelise umsindo wabo, kuxhomekeke ekubeni bafuna ntoni na bona.
Abagxeki bale bhari bathi nangona kuhlekisa ukubona umntu ebetha umntu onxibe njengomphathi wakhe, kodwa bathi ukubetha akulungisi nto.
Nangona kunjalo bakho abayithandayo. "Uluntu lwale mihla lulufumana naphi na uxinzelelo lwengqondo kwaye aluzifumani izinto olungakhuphel' umsindo kuzo," utshilo omnye usomashishini.
Okona kunomdla kukuba ngabasetyhini abona bantu baninzi abeza bazokufuna ukukhuph' umsindo kule bhari! [x]
Qhwa! Bha! Eyish!
Ungakulingi oku ekhaya!
kubhale uISAAC KWELA
BONA XHOSA - October 2006
Indawo yentselo evumela abantu balwe bophul' ifenitshala
BONA - August 2005
