xhosa.2101.mokoena
kanti ndisindile
UNGUMFUNDISI, igqirha, inkokeli yoluntu kwaye usawenza nomsebenzi wakhe omdala wokuba ngumtshiseli weentsimbi. UBishop Abram Mokoena uyindoda exakekileyo kodwa ngek' ukholwe ukuba unengalo enye.
"Ndiyazama ukuzenzela ndedwa imisebenzi yam ndingancediswa mntu," utshilo efaka ucingo lokutshisela kumatshini atshisela ngawo engancediswa mntu.
Washunqulw' ingalo emva kwengozi yemoto eyasuba umphefumlo wonyana wakhe. Ngaloo mini uMokoena, inkosikazi yakhe, uMasesi, unyana wabo nabany' abantu babevela entlombeni yamagqirha kwaza kwagqabhuk' ivili yabhukuq' iven ababehamba ngayo.
"Unyana wam wasweleka ngoko nangoko, kwaye nam babecinga ukuba ndiswelekile. Bandiyeka ndalala iiyure ezintlanu apho endleleni xa bebalekisa abanye abantu ababeenzakele esibhedlele.
"Ndavuka esibhedlele sendishunqulwe ingalo eyayicinezelwe lucango lwemoto.
"Ndadana yiloo nto, ndingazi ukuba ingomso lam liyintoni kuba ndandicinga ukuba umkam nabantwana bam baza kundilahla njengokuba sele ndiyingxwelerha. Ndavuya kakhulu xa esithi umkam akazundishiya," utshilo uMokoena.
Waqala ngoko ke uMokoena ukuzama ukubuyisela ubomi bakhe esiqhelweni. Emva koko wakha indlu yecawe angumfundisi kuyo yedwa.
Ungumfundisi weHoly St Phillip Apostolic Church Of South Africa, uyintloko yeCommunity Police Forum (CPF) kwingingqi yakhe, ukanti ungusihlalo wekomiti echophela iimbambano zoluntu kwiingingqi ezintathu zase-Orange Farm.
"Asiyonkundla yasehlathini thina, qha sizama ukwakha uxolo kumalungu osapho nabamelwane abaxabeneyo," utshilo.
Njengelungu leCPF esebenzisana namapolisa eSAPS baphumelele ukunciphis' ulwaphulo-mthetho kwingingqi yabo.
"Mna ndilwa nolwaphulo-mthetho ndisombulule neembambano zeentsapho. Ndinceda nabantu abangenamakhaya nabagulayo," utshilo.
Udibanisa ulutsha lwamabandla ngamabandla kule ngingqi kumaphulo okuqokelel' imali.
"Oku kwenza ulutsha lube nento oluyenzayo kwaye kutsalela nolunye ulutsha ecaweni."
Ingaba uhamba njani wona umsebenzi wakhe wokuba ligqirha? Wayexhathisa kubizo lwentwaso de wakhathazwa liphupha elinye kathathu. "Ndaphupha kusithiwa mandiye eVaal River, ndifike nditshone ezantsi emanzini ndiya kulanda ingxowa yamathambo endiza kusebenza ngawo njengegqirha," utsho.
Kwiminyaka eyagqithayo usapho lwakowabo lwathatha amathambo kayise-mkhulu owayeligqirha baya kuwaphosa kumlambo iVaal emva kokusweleka kwakhe.
"Babengayamkeli into yokunyanga ngamayeza esintu ngoko babengafuni mntu uza kuphinda abenentwaso," utsho uMokoena.
AKUZANGE kumangalise ke ukungakholelwa kosapho lwakowabo xa uMokoena ebalisa amaphupha akhe.
"Sicela ungasivuseli iingxaki ezindala esagqithayo kuzo," babesitsho xa ebaxelela. Kodwa waluqinisekisa usapho lwakowabo ukuba makalandwe loo mathambo ayeseneminyaka engama-24 ephantsi kwamanzi.
Ngaphezulu wayenamashwa ngenxa yokungalusabeli olo bizo lwentwaso.
"Izinto zazingandihambeli kakuhle ebomini, kwaye ndinamaxesha okufa isiqaqa," utsho. Ngeny' imini uyise omkhulu wamchazela apho akhoyo amathambo esafe isiqaqa njalo.
"Wandiyala ukuba ndingayityesheli imiyalelo yakhe."
Into eyayimchana kukuba kuthiwe kufuneka antywile eVaal. "Into eyayindoyikisa kakhulu kukuba ndandingakwazi ukuqubha," utsho uMokoena.
Ngemini owawalanda ngayo wavuka ngentsimbi yesithathu kusasa. "Kaloku kwakuthiwe ephupheni ndiwalande kungekasi. Utat' omkhulu nabanye abantu ababevela ephupheni lam bathi baza kundilinda elunxwemeni lomlambo, ngoko ndandingafuni ukushiywa lixesha."
Wakhwela kwiteksi yokuqala ngo- 4.30 kusasa.
Walibala ukuphath' itawuli okanye ingubo ukuze ayombathe akuphuma emanzini kuba kwakusebusika.
"Kodwa ndamangaliswa kukuba ndandingoyiki tu," utsho.
WAZIPHOSA emlanjeni iVaal esanxibile kwindawo owayeyiboniswe ephupheni.
"Ndayifun' iiyure ezimbini loo ngxowa kwaye ndandijongile emanzini ndingafuni ukungayiboni," utsho. wehla enyuka eyifuna de wayifumana!
Esaqala ukuba ligqirha wayengathandi inkosikazi yakhe ihamb' icawe.
"Ndandiyicaphukela gqitha icawe. Ndandisela ibhiya ndize ndibeke iibhotile zayo esangweni xa inkosikazi ibuya ecaweni. Ndandiyinyanzela ukuba iyondithengel' ibhiya isanxibe isivatho secawe," utshilo.
Kodwa ethubeni wayeka ukucaphukela icawe. Wafikelwa nguyis' omkhulu ephupheni ephethe isabhokhwe wathi kuMokoena makafunde iBhayibhile ku-Isaiah 44 - esisahluko esiqala ngelithi: "Ngoku yiva Jakobhi sicaka sam; noSirayeli elilizwe endilikhethileyo..."
UMokoena wabamkela ubuKrestu kwaye emva kweminyaka embalwa uqalise elakhe ibandla ukanti ngoku linamasebe amahlanu kulo lonke eli.
Namhlanje uMokoena nowakwakhe osandul' ukuphuma ekuthwaseni, bahamba icawe kunye baphinde banyange abantu ngamayeza esintu... [x]
BONA XHOSA June 2008
Bathi ndiswelekile,
Umfundisi oxakekileyo nokhutheleyo ongaphazanyiswa kukuba nengalo enye emsebenzini wakhe wokunceda uluntu... Kubhale uForce Khashane, kwafota uMolefi Sebatie
UBOMI BOKWENENE
Kwizinto azenzayo u-Abram Mokoena ukwayinkokeli yeHoly St Phillip Apostolic Church Of South Africa.
Umfundisi etshisela isango necawe ekwayiholo yoluntu ayakha yedwa.
UMoekoena nowakwakhe, uMasesi, kwigumbi labo lokugcin' amayeza.
BONA XHOSA June 2008
