xhosa.2087.muthi
sithetha ngamayez' esintu
BEKUXOXWA ngomba onyeke-nyeke wokunikela ngamalungu omzimba noloyiko neenkolelo zoluntu lwakowethu ngawo kwinkomfa ebikutshanje eUniversity Of South Africa. Lo mba uvelelwe kwiinkalo ngeenkalo, kuquka nemfuneko emandla yabantu abanikela ngamalungu omzimba ngokunjalo neembono zamaIslam, ezamaJuda namaKrestu ngalo mba.
Bendisesinye sezithethi kule nkomfa kwaye ndithanda ukunibalisela endikuthethileyo.
Xa uthetha ngokunikela ngamalungu omzimba kwabantsundu ziliqela izinto zamasiko nezithethe ekufuneka uziqwalasele. Akukhathaliseki nokuba uyakholwa, ufundile, uhlala ezilalini okanye uhlal' edolophini.
Ndingathi nje yinto engekaginyeki kwimidaka yoMzantsi Afrika kwaye uninzi luyibona iyindlela engalunganga yokwandisa imihla yobomi bomntu.
Ngaphezulu kukho abantu abafuna ukungcwatywa esaphelele amalungu emizimba yabo.
Indlela esibahlonipha ngayo abantu abaswelekileyo uyiva kwakulwimi lwethu.
Kulwimi lwesiNgesi kuyatshiwo ukuba umntu "ufile" kungabikho ngxaki, kodwa kwiilwimi zemidaka igama elithi "ufile" linenye intsingiselo.
Kaloku thina sitsho esilwanyaneni ukuba sifile, asitsho emntwini. Xa ingumntu sithi "uswelekile" okanye "ulandulele eli phakade".
Sitsho njalo kuba sikholelwa ukuba abafanga koko balele. Amangcwaba yindawo esiyihlonipha kakhulu kuba kulapho sithetha khona nezinyanya zethu sicela ukuba zisikhokele.
Ingaba ke oko kuthetha ukuthini xa kufuneka senz' isigqibo sokunikela ngelungu lomzimba"
Kukho uloyiko lokuba ukusweleka engasaphelelanga amalungu omzimba wakho kukwenza ungamkelwa zizinyanya zakowenu.
Oko kungabenzel' iingxaki abantu abasaphilayo ngenxa yengqumbo yezinyanya.
Kwenzeka ntoni ke xa umntu ebulewe wasikwa amalungu omzimba kwayokwenziwa ngawo amayeza - ziyamamkela izinyanya zakowabo"
Ewe ziyamamkela. Kodwa umntu osweleke ngolo hlobo uba kwiqela lezinyanya ekuthiwa ngabandawu ezinesiphiwo sokuziphindezela.
Ngamany' amazwi abandawu liqela lezinyanya "ezinomsindo" ezingabantu abasweleka kabuhlungu njengakwiingozi zendlela, ababulawela ukwenza amayeza nangezinye iindlela ezinobundlobongela.
Ezo zinyanya ke ziquka nabantu abangazange bangcwatywe ngendlela kuba iintsapho zabo zingazange zibafumane.
Kodwa ezi zinto azithethi kuthi abantu abantsundu mabangayivumi into yokunikela ngamalungu omzimba - ukuze basindise ubomi babany' abantu!
Kungangxengxezwa kwizinyanya xa kukho amalungu omzimba akhutshiweyo emntwini oswelekileyo. Angakwenza oko nomntu ophilayo oza kunikela ngelungu lomzimba.
Oko kunganceda umntu onikela ngelungu lomzimba nomntu omnikelayo bakhawuleze bachache kutyando lwabo!
Ngoko ukuze wamkeleke umba wokunikela ngamalungu omzimba kwimidaka yakowethu, kufunek' intsebenziswano phakathi koogqirha nabantu abanyanga ngamaqwili esintu abangenza amacebo angenza abantu bakwamkele ukunikela ngamalungu omzimba.
Kwakhona abantu abanikele ngamalungu omzimba ukuze basindise ubomi bezalamane zabo zegazi babalisele abanye abantu ukuba kunjani ukwenza loo nto ukuze bakhuthaze nabanye.
Kufuneka neentsapho ziqinisekiswe ukuba umzimba womntu awonakaliswa xa ekhutshwa amalungu omzimba seswelekile. [x]
Kukhuselekile ukunikela
ngamalungu omzimba
98 BONA XHOSA - November 2007
nguFORCE KHASHANE
Xa unemibuzo ngamayez' esintu, bhalela kule dilesi:
Muthi Talk, Box 473014, Parklands, 2121 okanye umthumelele i-email
ku- muthi@caxton.co.za
