xhosa.2084.child safety
Ukhuseleko lwabantwana
Abantwana baseMzantsi Afrika basesichengeni sokusweleka ngengozi ngokuphindwe kabini kunabamanye amazwe ehlabathi - kodwa ukwazi iingozi ajongene nazo umntwana wakho kungakunceda umkhusele
kubhale uPATRICIA McCRACKEN
kufote uVAL ADAMSON
abafotiweyo bayabonisa nje
SIZA kubulala abantwana baseMzantsi Afrika abangaphezulu kwe-1 000 ngonyaka ngempazamo. Ngokomzekelo, iRed Cross War Memorial Children's Hospital eseKapa inyanga abantwana abangaphezulu kwe-10 000 abenzakeleyo - nani elo linyangwa kwisibhedlele esinye.
Yonk' imihla abantwana basinda cebetshu ekufeni ezindleleni zeli nasemakhaya, imizinjana yabo ekudala ibetheka isinika irekhodi embi kakhulu xa ithelekiswa neyamazwe anjengeVietnam, iChina neKorea ngokutsho kweWorld Health Organisation. Okwangoku akakabikho amanani amany' amazwe aseAfrika.
Ngokutsho kukaNjingalwazi Sebastian van As ongumlawuli weChild Accident Prevention Foundation of SA (CAPFSA), la manani abonisa ukuba umntwana waseMzantsi Afrika usesichengeni sokwenzakala ngokuphindwe kali-10 kunowaseJamani. Kodwa ukwathe kuninzi esingakwenza ukuphucula le meko.
Baswelekaphi abantwana bethu"
Umntwana omnye kwabathathu abasweleka ezingozini sukuba engene ezindleleni zeemoto zeli.
"Kaloku azikabikho iindawo zokudlal' abantwana ezilokishini. Kuyenzeka futhi ingabikho nendawo yabantu abahamba ngeenyawo ecaleni kweendlela zeli, ukanti namakhaya akabiyelwanga abe namasango avalwayo. Ngoko abantwana badlal' ezitratweni kube kukho neemoto ezihla zinyuka ngesantya," utshilo uVan As.
"Abantwana abangaphantsi kweminyaka esibhozo ngabona baba sengozini kakhulu ezitratweni kuba abakakwazi ukuphepha ingozi yeemoto - nkqu nokuba balunyukisiwe. Yiloo nto kufuneka besoloko bebekwe elisweni.
"Nangona kunjalo kuxhaphakile ukubona imveku eneminyaka emihlanu ibhadazela yodwa endleleni yeemoto. Loo mntwana akafanelanga abekwe ityala ngaloo nto. Kwaye oko sukuba kungeyongozi, koko kukungakhathali komntu omgcinileyo loo mntwana."
Umntwana omnye kwabali-12 abafa ezingozini ngabantwana abasukuba behamba ngeemoto - ukungafakwa kwabo amabhanti okhuseleko kwenza kwenzakale kakhulu abantwana abane kwabahlanu abahamba ngeemoto, utsho uVan As.
"Eyona nto ibuhlungu kakhulu kuxa abo bantwana besenzakala kuba abazali babo bebecinga ukuba bakhuselekile xa bebasingathile emotweni. Nokuba uhamba ngo- 50km/h ngemoto xa utshayisa into umntwana ukutsala okwento enobunzima obuyi-1 000kg. Akukho mntu ke unokuxhathisa ebambe into ebunzima bungako," utshilo uAs.
Njengoko intloko kuyeyona inzima emzimbeni wakhe, yeyona ingabetheka kwideshbhodi okanye phantsi kuqala ngoko abantwana ngabona baba sesichengeni sokwenzakala kakubi entloko engozini yemoto.
Yintoni ebulala abantwana bethu"
u Amanzi abulala malunga nomntwana omnye kwabathandathu abasweleka ngengozi.
"Umntwana angasweleka ngemizuzwana engama-30 engakhali kwichibi lamanzi ayi-4cm," ulumkise watsho uVan As.
u Ukutsha kubulala umntwana omnye kwabathandathu abasweleka ngengozi.
"Oyena mbulali mkhulu ngamadangatye omlilo nezitovu. Kodwa abaninzi benzakaliswa kukutshiswa zizinto ezingamanzi emakhaya. Likho neqaqobana labenzakaliswa ziintambo zombane, nekudla ngokuba lapho kudityaniswe iintambo zombane ngokungekho mthethweni."
u Okokugqibela, kukho abantwana abachaphazeleka kudushe lokulwa kwabantu abadala ngemipu. Umntwana waseKapa usesichengeni sokwenzakala kudushe izihlandlo ezingama-25 kunomntwana waseBirmingham, eNgilani.
"Siphila phakathi kwezikrelemnqa ezingadubul' iimbumbulu ezingama- 2 000 ngenyanga," utsho uVan As.
"Ukuchanwa komntwana yimbumbulu kudushe akuyongozi kuba besifanele siluthintele olo dushe."
Ukwathe abantwana beli basoloko besesichengeni kuba bahlala kwiindawo eziyingozi ezilungiselelwe abantu abadala.
"Abantwana bethu babethwa nakukuba intlalo yaseMzantsi Afrika idibanisa abantu abazizinhanha nabangathathi-ntweni.
"Kweli ubona amatyotyombe ecaleni koohola bendlela neziporo zikaloliwe, kube kukho neziny' iingxaki ezinjengeemeko zentlalo ezingekho mgangathweni, ukuhlala kwabantu abaninzi kwimizi emincinane, ukusetyenziswa kwezitovu zeparafini nokudlala kwabantwana kwiindawo ezisanyentiweyo."
Nangona kunjalo uVan As uthi asifanelanga sinikezele kwezi meko. Singawasebenzisa amaqela oluntu ukuze sakhe imigaqo-nkqubo eza kunceda abantwana beli, kwaye okona kubalulekileyo kukuba sibagade abantwana bethu...
BONA XHOSA - March 2007
Sindis' abantwana kwizinto ezibabulalayo kweli
Amacebiso OKUKHUSELA umntwana wakho
Abantwana abangaphezulu kweminyak' emine ubudala basethubeni lokubulawa kukwenzakala kunokugula. Kodwa uNjingalwazi Van As uthi iingozi ezininzi zibangelwa zizinto ebezinokunqandeka kuba i-70 phesenti yazo zenzeka ekhaya.
Singazinqanda ngokubagada abantwana nokubafundisa ngokhuseleko ukuze bakhule bekwazi ukuzikhusela. Abantwana abangaphantsi kweminyak' esibhozo abakwazi ukuzikhusela ngokwabo nokuba basekhaya okanye bangaphandle kuba ingqondo yabo ayikakhuli ngokwaneleyo ukuze bakwazi ukubon' ingozi.
Nokuba uxakeke kangakanani na, khumbula ukuba sithetha ngobomi babantwana bethu apha, ngoko cinga, uthethe nabany' oomama abangabamelwane ngokutshintshana ngokugad' abantwana.
Nanga amacebiso angakunceda owanikwa nguNjing. Van As neCAPFSA:
INGOZI 1: Iimoto zezona zibulala abantwana abaninzi eMzantsi Afrika abahamba ngeenyawo nabakhwele kuzo. Abantwana abathathu kwabane baseKhayelitsha abalaliswa eRed Cross Hospital eKapa basukuba bengqutywe ziimoto.
Ongakwenza: Bafundise imithetho yokhuseleko ezindleleni bakukwazi ukuhamba ube ubavuselela ngokuya bekhula. Khumbula ukuba umntwana ongaphantsi kweminyak' esibhozo ufanele agadwe xa ehamba ecaleni kwendlela. Qinisekisa ukuba udlala kumzi obiyelweyo nonesango elivalwayo ukuze angayi endleleni yezithuthi.
INGOZI 2: Ukubulawa kukurhaxwa ngamanzi kuthabatha imizuzwana ukanti amanzi afumaneka naphi na - ezi-emeleni nasezibhafini ekhaya; emachibini, emilanjeni nasemachibini okuqubha. I-CAPFSA ithi umntwana omnye kwabathandathu abasweleka ngengozi sukuba erhaxiwe. Abona bantwana basesichengeni kakhulu ngabo banonyaka omnye ukuya kwesibhozo kunye nabantwana abadala abangakwaziyo ukuqubha.
Ongakwenza: Babeke elisweni abantwana xa besemanzini okanye bekufutshane nawo, ungaze ushiye umntwana ebhafini. Ii-emele zamanzi mazivalwe.
Fundis' abantwana ukuba bangaqubhi emilanjeni ebalekayo nokuba bangaqubhi bebodwa.
Bafundise ukuqubha. Xa uphangela kumzi onechibi lokuqubha, ungamyeki umntwana adlale yedwa phandle xa ichibi lingabiyelwanga.
INGOZI 3: Bamalunga nama-500 abantwana abanyangelwa ukutsha eRed Cross Children's Hospital ngonyaka. Abanye batsha kangangokuba omnye kwabasixhenxe elizweni liphela uyasweleka.
Ongakwenza: Khumbula ukucima amakhandlela, izibani zeparafini, iihita nezitovu xa nilala. Beka imatshisi, izilumeki nezinto ezingamanzi ezitshayo apho bangafikeleliyo abantwana. Abantwana mabangasondeli emililweni kuba isenokutsha impahla abayinxibileyo. Ungatshay' icuba kwigumbi lokulala kuba imililo emininzi ibangelwa kukulala kwabantu betshaya. Ungomisi impahla ngomlilo okanye ngehitha. Ungafaki izinto ezininzi kwiplagi yombane yaye uzitshintshe iintambo zombane ezigugileyo kuba zingabangela umlilo.
INGOZI 4: Abantwana abangaphantsi kweminyak' emine badla ngokuba ngamaxhoba okutsha ekhaya kuze oko kubashiye beneziva ubomi babo bonke. Abantwana abane kwabahlanu abatshayo batshiswa zizinto ezingamanzi, ngoko jongisisa okuyingozi ekhitshini lakho. Ulumkele neeplagi zombane kuba abantwana bayathanda ukufaka iminwe emingxunyeni yazo.
Ongakwenza: Yenza bangafikeleli esitovini nakwizibambo zeembiza ezishushu. Iikomityi ezinento eshushu zibeke embindini wetafile kungabikho nelaphu elijingayo abangalitsala bagalelwe zizinto ezishushu.
Intambo yeketile yombane mayingajingi kuba bangayitsala. Ungashiyi i-ayini eshushu kwigumbi elinomntwana - xa ubizwa yifowuni okanye kukho umntu onkqonkqozayo, yikhuphe kwiplagi uyibeke apho angenakufikelela khona nakwizixhobo zombane ezingasebenziyo.
INGOZI 5: Abantwana abanonyaka ukuya kwemine ngabona basengozini kakhulu yokutya ityhefu kuba basoloko befun' ukwazi izinto ezikufutshane nabo ngokuziphatha nokuzitya. Bangaphezulu kwama-500 abantwana abanyangwa eRed Cross Hospital emva kokusel' iyeza okanye izinto zokucoca indlu ngengozi.
Ongakwenza: Tshixa iikhabhathi ezineparafini, amachiza okucoca ekhaya neziny' izinto eziyityhefu kungenjalo zibeke phezulu apho bangenakufikelela abantwana.
Iparafini yithenge ngeebhotile ezingenakuvulwa ngabantwana. Ungagcini iparafini kwiibhotile zesiselo kuba abantwana bangacinga ukuba sisiselo baze bayisele.
INGOZI 6: Abantwana abangaphantsi konyaka bomiwa yaye bafuthaniseleke lula. Bamalunga nama-800 abantwana abanyangwa eRed Cross Hospital kuphela ngonyaka kwaye ngonyaka bali-100 abaswelekayo kweli ngenxa yoko.
Ongakwenza: Ungamshiyi yedwa umntwana xa esitya. Idami ungayifaki intambo ende. Abantwana bayathanda ukulinga izinto ngokuzifaka emlonyeni njengemali, iimbotyi, amaqhosha nophini. Iiplastikhi, imitya neentambo mazingabi kufutshane nabantwana. Ungamphi amandongomane umntwana ongaphantsi kweminyaka emihlanu kuba angomiwa xa engawahlafunisisanga. Fundis' umntwana ukuba angahambi okanye abaleke esitya.
INGOZI 7: IRed Cross Hospital inyanga abantwana abangama-2 000 abenzakaliswe kukuwa ezibhedini, ezitepsini nakwiindawo abadlala kuzo.
Uninzi lweendawo zokudlala kweli ziyingozi kuba zisanyentiwe ukuze zingabi nodaka. Zifanele zogqunywe ngemethi yerabha, kodwa nokuba zinengca okanye intlabathi azinakuba yingozi.
Ongakwenza: Ungamshiyi yedwa umntwana oneenyanga ezintathu okanye umlalise kwibhedi ephakamileyo. Makungabikho migangatho ityibilikisayo okanye iikhaphethi ezibekiweyo nje. Zogqume iikona zetafile ezibukhali. Iifestile ezisezantsi mazisoloko zivaliwe agadwe kwakhona umntwana xa ekwibhalkhoni. Celani umasipala wendawo enikuyo anakhele iindawo zokudlala.
INGOZI 8: Ukusikeka kuyingozi engehlela nokuba ngumntwana ongakanani.
Ongakwenza: Zisuse iiglasi neetayile ezophukileyo, ugcine iiglasi, izikere neemela kude nabantwana kuba bangazisika.
Fundis' abantwana ukuba bangabaleki bephethe into ebukhali, ubafundise nokuba xa bephethe into ebukhali bayijongise phantsi. Iireyiza zibeke kwindawo abangenakufikelela kuyo. Mazitshixwe iikhabathi ezigcine iiglasi nezinto ezenziwe ngodongwe. Zilahle izinto zokudlala ezophukileyo. [x]
BONA XHOSA - March 2007
Umntwana angarhaxwa asweleke engakhali ngamanzi ayi-4cm ngemizuzwana engama-30.
u
t
14 BONA XHOSA - March 2007
Ungashiyi umntwana osemncinane yedwa ukuba azityele
Abantwana bayathanda ukufaka iminwe yabo kwimingxuma yeplagi yombane.
Ungashiyi izixhobo zombane zisebenza zingagadwanga
BONA XHOSA - March 2007 15
