xhosa.2081.yourlifeguide_muthi
Ingaba IYEZA liyamnceda umntu ofuna ukuzibulala"
Ingaba amagqirha namaxhwele ikho into anganceda ngayo kwingxaki yeli yokwanda kwabantu abazibulalayo"
KUTHIWA umntu omnye kwabali-10 kweli kungenzeka azame ukuzibulala. Iintliziyo ezaphukileyo, izifo, iingxabano zeentsapho, ulwaphulo-mthetho, uxinzelelo, ukungasebenzi - ezi zezinye zezinto ezinyanzela abantu bacinge ngokuzibulala.
Ingaba iyeza linganceda" Kwaye ingaba ubugqwirha bunento yokwenza nale ngxaki"
Amayeza esilungu aneepilisi ezilwa noxinzelelo lwengqondo olungakwenza uzibulale. Kukho ke nonyango lwengqondo, apho oogqirha bengqondo nezinye iingcali eziqeqeshiweyo, zimamela uloyiko neenkxalabo onazo baze bakucebise ukuba ujongane njani nazo. (Ungamlibali nomfundisi wakho naye "uyingcali eqeqeshiweyo" ongaya kuyo xa ufun' uncedo!)
Angenaphi ke wona amagqirha namaxhwele"
"Nathi magqirha sinazo iinkqubo zokucebisa," utsho uMartha Mongoya, osele eneminyaka eli-15 eligqirha.
"Eso sesinye sezizathu ezenza sichithe ixesha elininzi nomguli. Amathambo ayasinceda asibonise iingxaki ezikhokelela ekuzibulaleni ukuze sohlule phakathi kweengxaki ezifuna iyeza nezifuna iingcebiso."
Kodwa ke, uTat' uLamola, osele eneminyaka engama-25 eligqirha, uthi ezinye iziganeko zokuzibulala zibangelwa bubugqwirha. Amagqwirha enza imimoya emibi ayithumela ukuba iyokuhlupha elo xhoba de lizibulale, utsho. Le mimoya inamandla kangangokuba ungade uziphose phambi kololiwe ohambayo, utsho.
Ucebisa abantu abanoxinzelelo lwengqondo - okanye abo baziva ngathi baza kuphambana - ukuba bafumane unyango olululo kungekonakali.
Amagqwirha ayakwazi ukujika amayeza angenabungozi abeyingozi. Kodwa amagqirha namaxhwele anamava ayakwazi ukufumanisa ukuba kusetyenziswe eliphi na iyeza aze alixube namanye ukugxotha imimoya leyo emibi eyenza umntu azibulale.
Ucebisa ukuba uye kumagqirha namaxhwele anamava angaphaya kweminyaka eli-15. "Ayafuneka loo mava - xa uza kuphosa amathambo uxube namayeza - ukunyanga abo bafuna ukuzibulala," utsho.
Le mimoya inyangwa kuphela ngokuphefumla umsi osuka eyezeni elithile ngeempumlo nangomlomo.
"Ngokwenza oku umguli ucoca ingqondo yakhe," utsho uLamola.
UWellington Solonzi yena uneny' indlela. Sele eneminyaka engama-25 engumcebisi kwaye ukholelwa ekubeni ukunqanda umntu angazibulali kukumenza athethe ngeengxaki zakhe.
Ubalisa ngendoda eyazama ukuziphosa emlanjeni. Yathi yakoyisakala, yazama ukuzibulala ngomsi wemoto yayo.
Wathi akuthetha nale ndoda uWellington wafumanisa ukuba ilahle intombi yayo eyayimxhasa ngemali. "Ukunye neliny' ibhinqa ngoku, kodwa wandixelela ukuba isidala sakhe sagqibela ngelithi akazukufunyanwa nangomnye kubo. Oko kwandenza ndakrokra ukuba loo ntombi imthakathile," utsho uWellington.
Kwesinye isiganeko mfana uthile waziphosa phambi kololiwe ohambayo, kodwa wasinda.
"Ndafumanisa apha encokweni ukuba wayelisela. Uthi waphupha ngathi abantu abonileyo bafuna angcungcutheke," utsho uWellington.
Kweli tyeli lo mfana singathi uzithakathe ngokwakhe. Wayeka ukucinga ngokuzibulala emva kokuba enyanzelwe ukuba ajongane nezenzo zakhe ezibi aziqonde ukuba wonile. [x]
Bhalela kuForce Khashane: Muthi Talk, Box 473014, Parklands, 2121, e-mail: muthi@caxton.co.za
UNYANGO LWESINTU
Imimoya emibi enamandla
kakhulu
ingakwenza
uziphose
phambi kukaloliwe ohambayo!
EZAMAYEZA
MASIKHATHALELANE
Inani eliphezulu labantu beli abazibulalayo lolunye uphawo olubonisa ukuba 'Ubuntu' e-Afrika buyaphela. Ukuthetha nokuncedana njengeentsapho okanye abahlobo kunye nabamelwane yeyona ndlela yokulwa nomkhuba wokuzibulala.
