xhosa.1143.surfer
Umtyibilizi emazeni!
Ubuyele kwakhona elwandle
Ukushunqulwa umlenze akumthintelanga lo mtyibilizi emazeni ekwenzeni umdlalo awuthandayo
kubhale uCONNIE MASINGA
WATHI ugqirha akuthi kuBongani Xulu - "kuza kufuneka siwushunqule umlenze wakho" - wothuka wathi: "Uthetha ukuba andinakuphinda ndikwazi ukutyibiliza emazeni kwakhona"" Kodwa ngoko wayengazi ukuba uluthanda kangakanani ulwandle.
Okwamangalisayo kukuba emva kweenyanga ezimbalwa wayetyibiliza emazeni ngeMalibu board.
UBongani wakhulela kwidolophu yaseBallito eselunxwemeni lolwandle olusemantla lwaKwaZulu-Natal. Unina wayephangela kumzi wabatyeleli ongaselwandle, ngoko uBongani wayechith' ixesha lakhe elininzi elwandle.
Apho wafumana abahlobo abangabatyibilizi emazeni olwandlwe waza kungekudala naye wazifumana sele etyibiliza emazeni nabo.
Wehlelwa lishwangusha xa kanye eqala ukuzibonakalisa kulo mdlalo. Wehlelwa yingozi yemoto wenzakala kanobom emlenzeni. Weva iintlungu ezimandla kwaye emva kwenzame zonyango oogqirha bamxelela ukuba kuza kufuneka bawushunqule umlenze wakhe.
Akazange akhawuleze ukubuyela ekutyibilizeni emazeni wakuphola umlenze wakhe uBongani.
"Ndandikungxamele kakhulu ukubuyela emanzini olwandle kodwa kwakunzima. Ndalila ubusuku bonke emva kokuchitha imini yonke elwandle ndiwiswa ngawo wonke amaza endidibana nawo," utshilo enikina intloko.
UBongani wayengeva ubuhlungu emzimbeni kuphela wayebuhlungu nasemphefumlweni kuba wayezibona enesiphiwo sokutyibiliz' emazeni ukanti ngoku wayengathi usafunda.
Kwamthabatha iinyanga ezimbini ezinzima efunda ukutyibiliza eguqe ngedolo nomlenze oshunquliweyo kwiMalibu board.
Yonk' into yayinomahluko kwindlela ebeqhele ukutyibiliza ngayo. Kwakufana nokuqala ukufunda umdlalo omtsha.
Kodwa ukuthanda kwakhe ulwandle nokukhuthazwa ngabahlobo kwamnceda uBongani ukuphumeza umnqweno wakhe - ukuchitha iiyure ezininzi etyibiliza ngebhodi yakhe emazeni olwandle.
Kodwa ibali lakhe alipheleli apho! Ukususela oko wehlelwa yingozi uBongani sele engumgwebi ohlonitshwayo kukhuphiswano lokutyibiliza emazeni kwaye ukhe waya eBrazil, eAustralia nasePortugal ukuya kuba ngumgwebi kukhuphiswano lwabatyibilizi emazeni.
"Njengokuba nam ndiwazi lo mdlalo, ndiyakwazi ofanele ukwenze ukuze utsale amehlo abagwebi," utsho.
Njengokuba eluthanda kangaka ulwandle uBongani, simbuze ukuba ukho na omnye umntu wakowabo ofun' ukulandela ekhondweni lakhe.
"Umntakwethu ekuphela kwakhe, uSandile uthand' iikhompyutha gqitha," utshilo ehleka. [x]
3RD PAGE O/FLOW HEAD (IF NECESSARY):
