xhosa.2059.yourfamily_preg
Kuphendulwa imibuzo yakho
Indlela ebheke ekubeni ngumdlezana ingawaxhalabisa yaye iwabhide amabhinqa azithweleyo kuba eva le naleya ngabantu. Sithe masiwanike iimpendulo angazithemba zemibuzo adla ngokuyibuza
1NDIKWIINYANGA ZOKUGQIBELA ZOKUKHULELWA - KUTHENI USANA LUNGASHUKUMI ESISWINI"
Usana alushukumi kakhulu xa sekukufutshane ubeleke. Iingcali zethu zithi ungakhathazeki. Kaloku ngelo xesha usana sukuba sele lulukhulu ingasekho indawo yokushukuma. Kwakhona ngelo xesha usana sukuba lulele ixesha elininzi.
Kodwa xa lungashukumi tu ngelo xesha, kubhetele uye eklinikhi okanye kwagqirha.
2YINTONI EYENZA NDIBE NAMAPHUPHA AMABI XA NDIKHULELWE"
Zimbini izinto ezikwenza ubenamaphupha amabi xa ukhulelwe ngokutsho kwengcali yezengqondo, uJoy Gumede. Abangelwa ngumzimba nengqondo. Ubanamaphupha amabi ngakumbi xa uqala ukukhulelwa kuba uxhalabiswe kukuba uya kukwazi na ukumelana nokuba nomntwana, utsho uJoy.
Ukwathe loo nkxalabo yeyendalo.
Ngokwasemzimbeni, ukukhulelwa kukwenza ungalali kakuhle njengesiqhelo - nto leyo ikwenza uwakhumbule amaphupha akho, kuba wothuka rhoqo. Oko kuya kukwenza uzibone uphupha ngaphezulu kwakuqala.
3 NDINGAKUTHINTELA NJANI UKUDUMBA KWEENYAWO"
Phumza iinyawo zakho kathathu okanye kane ngemini uzibeke kwinto ephakemeyo, utsho uGqr. Elias Radebe ongugqirha wabasetyhini kwisibhedlele saseThekwini. Xa ulele ebhedini, bek' iinyawo zakho emqamelweni; xa uhleli esitulweni, uzibeke kwinto ephakamileyo.
Ukwathe ungahlali uzijingisile ixesha elide. Sukuma uhamba-hambe imizuzwana rhoqo ngeyure.
Ukhumbule nokuba ukusel' amanzi kakhulu kuya kunciphisa ukudumba kweenyawo.
4 KUYA KULWENZA NTONI USANA ENDILUTHWELEYO UKUTSHAYA NOKUSELA KWAM"
Iingcali esithethe nazo zithe ukusel' utywala nokutshaya kuya konakalisa impilo yosana olukhulelweyo. Ukutshaya kungakwenza uluzale usana luluncinane nangaphambi kwexesha. Usana lwakho lungasoloko luhlaselwa yimikhuhlane, lube nokukraleka kwemiphunga nosulelo lweendlebe. Ukusela kungonakalisa ubuchopho bosana yaye luzalwe lunesiphene emzimbeni.
5 ZIINTONI EZINDENZA NDIBE NAMAXESHA OKUCINGA UKUBA SENDIZA KUBELEKA"
"Ezo zinto ziyindlela yokulungiselela umzimba wakho ixesha lokubeleka kwaye ziyenzeka kuwo wonke amabhinqa akhulelweyo," utshilo umbelekisi waseSoweto esithethe naye.
"Ezo zizihlunu ezinwebekayo zilungiselela isibeleko ukubeleka."
6KUYA KUPHELA NINI UKUTHANDISWA UKUTYA OKUTHILE KWAYE KUTHENI NDINGAKUTHANDI OKUNYE UKUTYA"
Kuqhelekile ukuthandiswa ukutya okuthile xa ukhulelwe kwaye kuya kuphela wakubeleka.
Kuqhelekile nokungazithandi izidlo ezithile, zitsho iingcali kwiWebsite yakwaPampers.
Buz' ugqirha okanye umongikazi ukuba ukutya ongakuthandiyo luyakudinga na usana olukhulelweyo.
Xa lukudinga uya kukucebisa ngokunye ukutya okunezakha-mzimba ezifanayo.
7 YINTONI ENDENZA NDIBE NOLUSU OLUBI"
Iihomoni zakho ziyatshintsha xa ukhulelwe, luze ulusu lwakho lube buthathaka lubeneengxaki lula, itsho iwebsite yaseMzantsi Afrika ethi: paediatrician.co.za. Ezo ngxaki ziyaphela wakubeleka.
Thambisa izifumisi-lusu yaye ufune unyango lukagqirha xa lunamadyunguza okanye lurhawuzela. [x]
Umbhali: Smangele Zuma
UKUKHULELWA KWAKHO
Ukusel' utywala kungo-nakalisa ubucho-pho bosana olukhu-lelweyo
SOURCES: www.pampers.co.za; www.paediatrician.co.za; www.babiesonline.co.za; www.curb-food-cravings.com; www.babycentre.co.uk
