XHOSA.2056.legalmay
Iingxaki Zomthetho
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Ingozi eziindleko
Ndapaka imoto yam ngaphandle kwevenkile ndathi xa ndiphuma ndafika itshayiswe yenye imoto eyayimiswe kwindawo eyehlayo eyasuke yazihambela ingenamqhubi. Ndathi kumnini wayo ubengayitsalanga ihandbrake, kodwa wandiphikisa wathi ubeyitsalile qha kunokuba kwenzeke ingozi. Wathi ukumtyhola kwam akunabungqina ngoko andinakumbek' ityala ngaloo ngozi.
Iindleko zokulungis' imoto yam zibe yi- R6 275 ngoko andiboni ukuba ndingahlawula imali engako kube kungeyompazamo yam.
nguElizabeth Nkosi, eThekwini
lZimbini izinto ezingafanelanga umntu anokuzenza komny' umntu: ulwaphulo-mthetho okanye umonakalo oziindleko. Umonakalo oziindleko ke kukuba umntu akwenze into embi kodwa ekungenakutshiwo ukuba lulwaphulo-mthetho ngaphantsi komthetho weli weCommon Law okanye iCriminal Procedure Act okanye eminy' imithetho yeli lizwe.
Xa kwenzeke olu hlobo lomonakalo umntu owonakaliselwe impahla okanye owenzakalisiweyo kusenokuba nguye othwal' iindleko zaloo monakalo. Ezo ndleko ke unako ukuzifuna kumntu owenze umonakalo.
Ukuze uzifumane kufuneka ummangali atyhole aze anike ubungqina ukuba yaba kukungakhathali kommangalelwa okwenze loo monakalo. Xa umangala ke kufuneka zibe nobungqina bokungakhathali izityholo zakho.
Umntu nomntu unoxanduva lokuzama ukungonakalisi impahla yomnye umntu. Ngoko umntu omise imoto yakhe kwindawo eyehlayo wayefanele aqinisekise ukuba imoto yakhe ayinakusuka izihambele iyokonakalis' iimoto zabany' abantu.
Intetho ethi "yenza kangangoko unako imbaxa gqitha", kodwa ke yayiluxanduva lomnini wemoto eyatshayisa eyakho ukuqinisekisa ukuba iziqhoboshi zayo ziyasebenza.
Kwicala lakho zikho izinto ongazithelekelela ukuba zenzeka.
Okokuqala kukuba kungenzeka ukuba ihandbrake kuloo moto yayingasebenzi okanye ke kube umqhubi akazange ayitsale iphelele.
Ingxaki yakho kukuba awuzange umbone kwaye akukho mntu wambonayo umqhubi engayitsali ihandbrake.
Phofu ke umthetho uza kuba ngakwicala lakho apho.
Kaloku kukho into emthethweni xa umntu ethelekelela into enokuba yenzeka ngenxa yokungakhathali komnye umntu, ibe loo nto ingakholeleka nokuba kungekho ngqina, "kuthiwa loo nto ibubungqina obuzithethela ngokwabo."
Oko ke kuthetha ukuba unako ukutyhola umqhubi wemoto ngokumisa imoto kwindawo ehlayo, wayishiya ingenamntu, yaza yasuka yaya kutshayisa imoto yakho yenza umonakalo.
Apha ubungqina obuzithethelayo buthi akazange ayitsale ihandbrake, ngoko ke akazange abe nankathalo. Xa uzimisele ngokummangalela loo mntu ufune iindleko zakho kuza kufuneka ufune igqwetha. [x]
Sizamile ukuqinisekisa ukuba iingcebiso esikunika zona zifanelekile. Kodwa ke imeko yengxaki nganye ifuna ukuphandisiswa. AbakwaScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, amalungu eengcali ezicebisayo, iBONA nabashicileli bale magazini abanakubekwa tyala nguye nabani na osebenzisa ezi ngcebiso.
Thumel' ingxaki yakho kule dilesi: BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060. AbakwaScorpion baza kunika wonk' umntu ofake isikhalazo sakhe ivawutsha yemizuzu engama-30 yokuncokola negqwetha e-ofisini yabo naphi na kweli okanye ngomnxeba.
