xhosa.2047.yourlifeguide_muthi
Xa ingqondo yakho
ILUTSHABA LWAKHO
ITYENDYANA laseKurhuleni e-East Rand eJoburg, linebali elingaqhelekanga neloyikisayo - kwaye lifuna ukwazi ukuba ingaba lithakathiwe na.
"Ngenye imini ndeva ukuba kukho umntu endimcaphukisileyo ekuhlaleni kwaye undifunele amadoda aza kundibulala," utsho. "Ndandisoyika ndaza ndabaleka. Kwathi, emva kweentsuku ezimbalwa, ndaqala ndanento ethi mandizibulale."
Kwakufana nokunxanelwa utywala, kusiya ngokuya kukhula ukufuna ukuzibulala. Kwakungathi kukuphela kwesisombululo.
"Ndandiza kuzibulala bengekandifumani bandingcungcuthekise," utsho.
Wawufumana umpu, kodwa uthe akuwubamba ngesandla sakhe akabi nako ukuzidubula.
"Andizange ndibenako," utsho.
Ngosuku olulandelayo waya edolophini ngenjongo zokukhwela iteksi eya KwaZulu-Natal. "Ndandiza kubaleka," utsho.
EJoburg wayesiva ngathi usoloko elandelwa.
"Babefuna mna," utsho, "kwaye nokuba ndandingenza ntoni - babeza kukhwela nakuloo teksi iya eThekwini!"
Esoyika kwaye ebhidekile, waya evenkileni ukuya kuthenga imela.
"Yayiyeyokuzikhusela," utsho. Kodwa wabona sele ezihlaba esiswini ephinda-phinda ecaleni kwendlela.
Ngethamsanqa, abantu ababedlula ngendlela bayithatha imela kuye babiza inqwelo yezigulane.
Wabalekiselwa esibhedlela kwaye oogqirha bathi unethamsanqa lokuba abe usaphila.
Amadoda la ayemzingela" Ingaba wayekhuselekile esibhedlela"
Kungelilixa esachacha kumanxeba okuzihlaba apho wafumanisa into eyothusayo.
"Ndafumanisa ukuba yonke le nto yokuleqwa ngamadoda kwakuyinto nje esengqondweni. Akukho mntu wasekuhlaleni wayefuna ukundibulala!"
Kungabonakala ngathi sisigulo "esinempambano" phakathi, kodwa ukucinga ukuba kukho abantu abafuna ukukubulala luhlobo oluthile lwesigulo olunganyangeka ngeyeza.
Kwaye yile nto eyenzekileyo kumfundi wethu. Oogqirha bamyalela ukuba atye iipilisi ezithile yonke imihla. Ukuphela kwazo kwakufuneka aphinde esibhedlela alande ezinye.
Waziva ebhetele, kodwa akabamamela oogqirha. Ukuphela kweepilisi akaphindanga ukuya kulanda ezinye - saze saqala kwakhona isigulo sakhe.
Ngenye imini wadubula ugxa wakhe emsebenzini waze wagwetywa iminyaka esibhozo esentolongweni.
Entolongweni saya ngokuqinisa isigulo. "Ndandisiva ngathi amapolisa namanye amabanjwa baceba ukundihlasela bandibulale."
Waphinda wanikwa iipilisi wabhetele kwakhona. "Ngoku ndiyazi, ukuba ndiyayeka ukusela iipilisi zam ndibangathi ndiyaphambana."
Ndimyekile lo mfana walichaza ibali lakhe kuba linemfundiso.
Igqirha belingenakumnceda kuba, kwasekuqaleni, ubengafuni yena ukuzinceda.
Ubonile ukuba ukusela ipilisi kuyamnceda, kodwa akaphinda ukuya kufumana ezinye, njengoko exelelwe.
Nokuba sithetha ngamachiza esilungu okanye amayeza esintu, iingxaki zengqondo zinyangeka kade kunezigulo zomzimba.
Ukuba igqirha likucela ukuba ubuye amatyeli amanzinzi limamele.
Alizami kukukhuthuza. Kaloku liyazi ukuba olu unyango luthatha kade!
Ewe, ukuba, uchitha imali,kodwa iziphumo azikonwabisi yiya komnye umntu - kodwa linike ithuba igqirha! [x]
Bhalela kuForce Khashane: Muthi Talk, Box 473014, Parklands, 2121, e-mail: muthi@caxton.co.za
UNYANGO LWESINTU
Ukuba ndiyayeka ukusela iipilisi zam ndisuke ndifane negeza
EZAMAYEZA
Iingxaki zengqondo zinyangeka kade kunezigulo zomzimba - yiyo loo nto simel' ukuwanika ithuba amagqirha ukuba enze umsebenzi wawo
isichitho sendlu yezigcawu
Umfundi waseMkhomazi, eKZN, uhlutshwa yindlu yezigcawu.
"Sendibonane namagqirha amaninzi kodwa akukho nelinye elikwazi ukundinceda ndohlukane nale nwebu yezigcawu ephuma nasezindlebeni zam!" utsho.
"Maxa wambi ndiyayiva naselulwimini lwam."
Esi sigulo simenze wangumntu okhawulezayo ukuba nomsindo, kwaye ukholelwa ekubeni, simenza abe nezothe nasekuhlaleni, sidala neengxaki kusapho lwakhe.
"Andinandawo yokuhlala kuba ndityeshelwe lusapho lwam ngaphandle kwesizathu."
Kucacile ukuba eli bhinqa linesichitho sendlu yezigcawu.
Kufuneka afumane iyeza elilodwa elenziwe ngendlu yezigcwawu kuquka nezigcawu uqobo.
