xhosa.2042.disabled
Njengoko inkoliso yabantwana bephindela ezikolweni, bahleli emakhaya abantwana abaneziphene emzimbeni...
Abafumani
NCEDO
UNOSIZWE Ziwele oneminyaka engama-58 ungumama ongatshatanga womntwana onesiphene emzimbeni nasengqondweni, kwaye uyabazi ubunzima bokukhulis' umntwana onjalo.
Intombi yakhe uXolelwa wazalwa enesiphene engalweni nasemlenzeni ngoko akakwazi kuhamba, ukuzityisa nokuzihlamba. Uhlala nayo etyotyombeni eKhayelitsha eKapa kwaye akafumani nkxaso ukuyikhulisa.
UNosizwe uthi akazange akwazi ukusa uXolelwa esikolweni sabantwana abaneziphene emzimbeni njengaye ngenxa yokuxhoma kweendleko. Akayedwanga kuloo ngxaki kuba baninzi abazali aboyiswa kukufundisa abantwana babo abaneziphene.
Ngokwamanani karhulumente, bangaphaya kwama-260 000 abantwana abaneziphene emzimbeni abangafundiyo. Ayothusa loo manani kube kusithiwa wonk' umntwana unelungelo lokufunda.
Yintoni eyenziwayo ukunceda abantwana abanjengoXolelwa?
Impendulo yaloo mbuzo ayilulanga njengoko ifanele.
Ukususela ebutsheni buka- 2007 urhulumente wenze izicwangciso zokufundisa abantwana abaneziphene ezingephi ezikolweni "zabantwana abangenaziphene". Ezo zikolo beziza kwakhelwa iindawo zokuhamba ngezitulo ezinamavili nezinye iimfuno zabantwana abaneziphene.
Ukwathembise ukwakha izikolo "zabantwana abaneziphene emzimbeni" kulo lonke eli.
Ekuqaleni wathi uzokwakha izikolo ezingama-30 kodwa ukunqongophala kwemali kwenze elo nani lathotyelwa kwi-12 ngokutsho kukaMoses Simelane weSebe leMfundo.
Ngokutsho kwengxelo kaSimmi Pillay weSouth African Human Rights Commission (SAHRC) okunye okwenza le ngxaki ibemandundu kukunqongophala kweetitshala eziqeqeshelwe ukufundisa abantwana abaneziphene esikolweni nangaphandle kwesikolo.
UDave Balt ongumongameli weNational Professional Teachers Organisation Of South Africa (Naptosa) uthi bayitshilo kurhulumente ingxaki yokunqongophala kweetitshala.
Ngokutsho kukaBalt, lo mbutho usalindele impendulo karhulumente.
USandra Ambrose weDisabled Children's Action Group uthi nomgaqo-nkqubo karhulumente awubahoyi abantwana abaneziphene baze bagqibele befihlwa emakhaya yaye bephethwe gadalala.
Kodwa isithethi seSebe leMfundo, uLunga Ngqengelele uthi urhulumente wenza kangangoko enako ukuqinisekisa ukuba abantwana abaneziphene bafumana imfundo esemgangathweni.
Uthi ngabazali abangabasiyo abantwana esikolweni nabangayiyo koonontlalo-ntle ukuze babancede.
Ngokutsho kweli sebe kukho isicwangciso zokwakhiwa kwezikolo ezilungele ebantwana abaneziphene emzimbeni kufutshane neendawo abahla kuzo ukuze bangahambi imigama emide ukuze bafumane izikolo ezibafaneleyo.
Omnye wabantu abaphala phambili kula malinge nguNosipho Franse oyinqununu weThembalethu Special School eseGugulethu eKapa.
Isikolo sakhe sinabantwana abali-185, ukanti abali-166 kubo bafumana inkxaso-mali karhulumente.
UNosipho ukwathe nakubeni kunjalo isikolo sakhe sisaqhwalela ukufuman' imali eyaneleyo yokufundisa abantwana nokubakhathalela xa bengekho esikolweni. Oko kwenza kubenzima ukuhlawula abasebenzi besikolo nokutheng' ukutya nokuthenga izithuthi zokuhambisa abafundi babo.
Ngaphezulu abafumani nkxaso ingako nasebazalini babantwana. "Malunga ne-80% yabo abaphangeli kwaye abathathi ntweni," utshilo.
I-SAHRC ithe usemkhulu umsebenzi ofuna ukwenziwa kwaye oko kufanele kuqala ngokufundiswa kwabazali ngezinto abanokuzenza ukukhulisa abantwana abaneziphene emzimbeni. "Namasebe emfundo makasebenzisane - kwenziwe neenguqu ezikhawulezileyo," utshilo.
Okwangoku abantwana abaneziphene emzimbeni abafundi ngokufanelekileyo kwaye oko kutshabalalisa ingomso labo.[x]
Umbhali nomfoti: Brenda Nkuna/West Cape News
UBOMI BOKWENENE
Banga-phezulu kwama-260 000 aba-ntwana abane-ziphene emzi-mbeni abanga-fundiyo
Abafundi abonwabileyo. Nangona zikho iingxaki zemali, inkoliso "yezikolo zabaneziphene" ziyaxomoloza noxa kunzima.
UZiwele etyisa uXolelwa. Uthi intombi yakhe ayifundanga kuyaphi ezikolweni zabantwana abaneziphene ngenxa yokuxhoma kweendleko.
UNosizwe Ziwele udlala noXolelwa oyintombi yakhe enesiphene emzimbeni ngaphandle kwetyotyombe abahlala kulo eKhayelitsha.
