xhosa.2039.sing
iingxaki zomthetho
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Ndimsulwa
INGXAKI: Ndandiphangela egaraji kumatshini wemali ndingomnye wabantu ababesebenzisa ithili kwaza kwakulahleka i-R300 umnini-garaji warhanela ukuba ibiwe ndim nomnye umqeshwa waza wasinyanzelisa ukuba senze uvavanyo lobunyaniso sobabini.
Waluphumelela lo omnye kodwa mna andaluphumelela.
Akukho phando lumbi lwenziwayo koko kwahlala intlanganiso yokolulekwa kwavezwa neziphumo zovavanyo.
Andizange ndinikwe thuba lokunik' ubungqina koko ndagxothwa.
Andizange ndiyibe loo mali kwaye ndibona ngathi aliphandisiswanga eli tyala lam. Ndiyaluthandabuza novavanyo lobunyaniso. Ndicela uncedo!
ICEBISO LAKWASCORPION:
Ukuhlala kwentlanganiso yokolulekwa kusemthethweni.
Kodwa sikwakholelwa ekubeni akwenziwanga ngendlela eyiyo kuba ukungaphumeleli uvavanyo lobunyaniso akuthethi kuthi uyibile imali elahlekileyo.
Baninzi abantu abangaluphumeleliyo olu vavanyo ngenxa yezizathu ezininzi hayi kuba benganyanisekanga.
Umatshini wokwenza olu vavanyo awukwazi ukwahlula ubuxoki nenyaniso!
Kaloku wona uveza iinguqu ezenzeka emzimbeni womntu owenza uvavanyo njengokubetha ngamandla kwentliziyo, ukubila nehayi-hayi.
Kuthiwa ezi nguqu zenzeka xa umntu exoka.
Akunjalo. Ngeliny' ixesha ezi nguqu zenziwa luloyiko lokungaluphumeleli olu vavanyo abe umntu lowo ulwenzayo emsulwa.
I-CCMA yakhupha umyalelo wokuba iziphumo zovavanyo lobunyaniso azithethinto kangako xa zizodwa ngaphandle kwaxa zikhapha obunye ubungqina.
Siqinisekile ukuba uza kubuyiselwa emsebenzini kwaye sikucebisa ukuba uye eCCMA ngokukhawuleza apho uza kufumana khona uncedo lokumangalela umqeshi wakho okugxothileyo.
Xa uhlangabezana neengxaki nceda uqhagamshelane ne-ofisi yakwaScorpion ekufuphi nawe uza kufumana uncedo. [x]
ABAFOTIWEYO BAYABONISA NJE
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ke ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
BONA XHOSA - November 2007
Thumel' ingxaki yakho yomthetho kule dilesi BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama-30 kwii-ofisi zalo naphi na kweli okanye uthethe nalo ngomnxeba.
USAPHO lwakowabo lwacaphuka xa lusiva ukuba unyana walo ucinga ngokuba yimvumi nekungumsebenzi abambalwa abantu abaphumelelayo kuwo. Lwacaphuka nangakumbi lwakuva ukuba uLinda Zitha ufuna ukuba yimvumi ye-opera!
Phofu ke oko kwakungathethi kuthi lwalungawuthandi umculo. Kaloku unina wayecula kwikwayala yecawe ukanti uyise wayengumbhexeshi wekwayala.
ULinda naye waqala wacula kwikwayala kwaye oko yayiluphawu lokukhula kokuthanda kwakhe umculo.
"Ndiselula ndandiyithanda kakhulu imidlalo, ingakumbi ibhol' ekhatywayo. Ndaqal' ukuthand' umculo xa ndineminyaka eli-12," utsho.
Ngethuba efikelela kwibanga lematriki wayesezimisele kakhulu emculweni. Ngo-1992 wahamba nekwayala yecawe baya eItaly.
Okwamangalisayo kukuba akazange akhethe ukufundel' umculo akupas' imatriki.
"Ndenza izifundo zemarketing, kodwa kungekudala ndaphelelwa ngumdla kuzo," utsho.
Inkuthazo
Ithuba likaLinda lavela emva kokubona i-opera ePretoria State Theatre. "Ndacelwa ngumhlobo wam ukuba ndicule naye ingoma kaVerdi ethi Nabucco. Ndaqonda ngoko ukuba ndifun' ukuba yimvumi ye-opera.
"Ekuqaleni abazali bam babengafuni nokuyiva loo nto. Babefuna ndifumane umsebenzi 'wokwenene'," utshilo ehleka.
Baqala ukumkhuthaza bakubona ukuba abanakusijika isigqibo sakhe.
"Ngoku bangabalandeli bam abakhulu," utsho uLinda okhe wacula ii-opera ezinjengethi Tosca, La Bohème nethi Madame Butterfly.
ULinda uyaluthanda usapho lwakowabo. Ubatyelela rhoqo oodadewabo abathathu abahlala ePitoli. Xa kungekho msitho aye kucula kuwo ngokuhlwa, umfumana esekhaya nentombi ancuma nayo uMolebogeng Matlhare, okanye atyelele abahlobo bakhe.
Ngeziny' iimpela-veki utyelela kowabo eMalahleni eMpumalanga.
"Ndikhe ndacula izihlandlo eziliqela eMalahleni. Ukugqibela kwam ndandicula nabahlobo bam uKaiser Nkosi noGiven Mabena."
UKaiser noGiven abakhulela eMalahleni noLinda nabo baziimvumi ze-opera ezinempumelelo.
Impumelelo
Uthi inxalenye yempumelelo yakhe ibangelwe yiBlack Tie Ensemble. Emva kokugqiba izifundo zemarketing, uLinda waya kufunda eTechnikon Pretoria Opera School ngo-1994 apho wachitha iminyak' emine ecula kwi-opera eState Theatre.
"Emva kokuvalwa kweState Theatre kwavulwa iBlack Tie Ensemble ukuze incede iimvumi ze- opera eziseze ngobuso elizweni," utshilo.
"Emva kokuvalwa kwale thiyetha ngo-1999, ndacelwa ngabaseki beli qela uMimi Coertse noNeels Hansen ukuba ndizibandakanye nalo."
Usacula kweli qela le-opera kwaye ungomnye wamalungu esigqeba salo esiphezulu.
"Luhlobo lomculo omnandi kakhulu olu. Isinxibo sawo, umculo ngokwawo, ulwimi oculwa ngalo nokucula phambi kwezihlwele kuwenza ube nomahluko," utshilo xa ethetha ngomculo we-opera.
Xa eziphumlele uLinda wonwabel' ukuhlala noMolebogeng, ingakumbi ekhitshini. "Ukupheka ndikuthanda egazini. Ndithand' ukuling' izithako nokuzenzela isidlo esitsha. Kodwa ayikho into endiyithanda njengenyama yegusha," utshilo. [x]
African Eye News Service/Homegrown
kubhale uNATALIE NETO
kufote uVANESSA GROBLER
Abantu babesithi ngahle ziyamshiya, kodwa ukuthanda kwakhe umculo we-opera kumenze wayenye yeemvumi ezithembisayo kulo mculo
Ungumlonji wokwenene
Sikuphathele uLinda Zitha
BONA XHOSA - November 2007
EKHOHLO: ULinda noMolebogeng bayakuthanda ukupheka kunye.
NGEZANTSI: Enye yee-opera ezithandwa nguLinda ethi Rigoletto.
