xhosa.1997.yourstories_murdered
Wadlwengulwa, wabulawa emva koko watshiswa!
Ngubani onokwenza isikizi elinje komnye umntu? Ukumdlwengula nokumbulala nje kukodwa ngamasikizi, kodwa ke wayemtshisela ntoni? Ufuna iimpendulo umama owaphuke umphefumlo
UJO-ANNE ROSENBERG (43) wabukela umzimba wentombi yakhe usitsha ngumlilo. Ubalisela uKamogelo Sebola weBONA ngokubulawa kwentombi yakhe ngendlela emasikizi ngumhlobo wayo
MALUNGA nentsimbi yesi-3 xa kusayo, ngomhla wesi-8 kuJulayi walo nyaka kwafika umntakwethu nenkosikazi yakhe. Ndabona bengekayivuli nemilomo ukuba ukhona undonakele.
Bathi intombi yam yokuqala uVeronique (26) ugetyengiwe kwaye watshiswa umzimba wakhe. Kwaba ngathi ndiyaphupha, kodwa bathi bakundisa kwindawo yesehlo ndaqonda ukuba andiphuphi. Ndabona iinyawo ndaqonda ukuba nguVeronique ngenene kwaye umzimba wakhe wawusatsha.
Kwakuyintlungu enganyamezelekiyo. Ndafa isiqaqa, yabuya ingqondo emva kokujongwa ngaboncedo lokuqala.
Umntakwethu wawubhula umlilo ngengubo wakugqiba wawogquma umzimba kaVeronique. Ndandimane ndizibuza ukuba ingaba yenzeka nyhani na loo nto?
Ngoko uVeronique wayehlala eWestbury nabantwana bakhe; mna ndihlala eDe La Rey eRoodepoort eJohannesburg.
Andisoze ndiyilibale loo mini. Wayesiya kuthenga utywala kwiflethi ekufuphi nabahlobo bakhe. Wahlal' apho de kwabasezinzulwini zobusuku emva koko wasuka wagoduka.
Kurhanelwa ukuba walandelwa yindoda ethile eyayimazi. Akazange ayiqonde kakuhle loo nto, wajika waphindela kwiflethi ababesela kuyo, wahlal' ithutyana.
Wathi akugqiba ekubeni ahambe, yamlandela kwakhona loo ndoda.
Akazange akwazi ukubaleka. Yamhlaselwa yamhlaba ebusweni nasemzimbeni izihlandlo ezingama-53.
Bathi abakwantsasana umbulali uqale wamdlwengula phambi kokuba ambulale. Waze wawutshisa umzimba womntwana wam.
Emva koko umrhanelwa waya eflethini katata wafika wamxelela into ayenzileyo.
Utata akazange amkholelwe, de wazibonela kumgama ongaphantsi kwekhilomitha ukusuka eflethini umzimba kaVeronique ulele ngesisu usitsha.
Lwabizwa usapho sebalekile umbulali. Wayenabantwana ababini uVeronique: uShinique (5) noTyrique (3), esabasa kunyango lomothuko emva kwesingcwabo. Wayengafanelanga ukubhubha ngolo hlobo uVeronique kuba wayengumntu olungileyo owayethanda ukupheka nokwabelana nabanye abantu; ingakumbi ebulawa ngumntu owayembona engumhlobo.
Kwafuneka ndongeze i-R900 kumzi wabangcwabi ngenxa yokuba umzimba wakhe wawubola ngokukhawuleza. Kwafuneka ndithenge nebhokisi ekhethekileyo engaphezulu kwama-R15 000.
Ndeva ubuhlungu ngoko kunzima ukumxolela umbulali wentombi yam. Ndisazibuza ukuba angayenza kanjani umntu ophile qethe into enje komnye umntu abe loo mntu wayembona njengomhlobo?
Ambambe emva kweveki amapolisa umrhanelwa, oneminyaka eli-19 ubudala, ezimele endlwini kadadewabo.
Ndinqwenela ukumbuza umrhanelwa ukuba wayecinga ntoni ngelaa xesha wayebulala umntwana wam. Kwaye wawutshisela ntoni umzimba wakhe?
Ndiyanqwena kwaye ndithandaza ukuba umthetho uzodlala indawo yawo kwaye ndinqwenela ukuba umbulali kaVeronique angaze aphinde alibone ilanga.
Kodwa ke noko kunjalo owakhe umama uza kukwazi ukumane eyokumbona entolongweni kodwa mna andisoze ndiphinde ndimbone owam umntwana. [x]
UBOMI BENENE
Umama wakhe uza kumane esiya kumbona entolo-ngweni, kodwa mna andisoze ndiphinde ndimbone umntwana wam
UVeronique wayelungile enothando, utsho uJo-anne.
UJo-anne nabantwana bakaVeronique, uShinique noTyrique.
