xhosa.1988.career
ZININZI iinguqu ezenzekileyo kuqeqesho lomsebenzi wezihombo ezenziwa ngamatye anqabileyo. "Uqeqesho lwalusenziwa iminyaka emihlanu ngumntu lowo uza kusebenza ngezihombo aze ahlawulwe umvuzo olingeneyo iminyaka emihlanu phambi kokuba aye kwenza uvavanyo lomsebenzi," kuchaza uChris De Beer oyintloko yoyilo nokuveliswa kwezihombo eDurban Institute Of Technology.
"IiTechnikon zaye zaqalis' izifundo zokuyilwa kwezihombo kuba zibona ukunqongophala kwabantu abaqeqeshelwe ubuchule bokuyila izihombo.
"Lakhula eli candelo zaza izifundo zagxininisa nakwizifundo ezifana nemanagement, igemology, itheory, idesign nemarketing.
"Neekhomyutha zingenile kakhulu kolu shishino yaye zizo ezize neenguqu kakhulu.
"Ezi nguqu zenze kwakho izihombo eziziintlobo ngeentlobo ezenziwa kweli. Inqanaba lezihombo ezenziwe eMzantsi Afrika lisaphuculwa yaye makhulu amathuba okuveliswa kwezihombo zeli.
"Ndingathanda ukubona ezi zihombo zinempembelelo yaseAfrika. Abafundi bethu baqiqile kakhulu yaye uninzi lwabo bazenzela ezabo lo gama abanye bezenza bazithengise ngoku besafunda ezabo izihombo."
UDaniel Kolobe utyelelise iBONA kwinkampani evelisa izihombo apho asebenza njengomyili wezihombo ophezulu.
Lo msebenzi unik' umdla - ukuxhonkxa izihombiso ukusa ekuzisikeni uzipolishe ukuze zimenyezele zithi ndithenge.
"Phakathi kwezifundo endandizenza ngethuba ndisenza ifine arts eFree State kukuyilwa kwezihombo. Ndabona ukuba ndinesiphiwo sokuyil' izihombo waza umhlohli wam wandikhuthaza ukuba ndiqhubeke nesi sifundo," kutsho uDaniel.
"Kwakunzima ukwenza ezi zifundo kodwa kuba ndisenz' into endiyithandayo. Saba bathathu kuphela abaphumelela isidanga kwezi zifundo saza senza imiboniso yomsebenzi wethu ngo-2002. Abaphathi bale nkampani ndiphangela kuyo ngoku bawuthand' umsebenzi wethu baza bandinik' umsebenzi."
UDaniel wenza zonk' iindidi zoyilo lwezihombo esebenzisa imizobo yesandla kunye nekhompyutha.
Ubukhulu becala uyila izihombo ezininzi ezilungel' ukuthengiswa ezivenkileni kodwa uyabenzela nabantu abazifunela ezabo izihombo.
"Ndiba nochulumanco kakhulu xa ndenze isihombo ngethemba lokuba nomxumi uya kuba nolo chulumanco xa esibona," utshilo uDaniel.
Amathuba engqesho
Abany' abayili nabavelisi bezihombo bathanda ukuzivelisa izihombo. Abanye bathanda ukuziyila bazithengise kwaye banxibelelane nabaxumi.
Ungazithenga uziqalel' ishishini lakho.
"Uninzi lwabafundi bazivulele amashishini yaye abanye babo bayaphumelela. Kubalulekile ukuba ufumane amava omsebenzi kuqala ufunde nesantya sokusebenza phambi kokuvula ishishini," utsho uChris De Beer.
Umvuzo ongawufumana
Umyili okanye umvelisi wezihombo okwinqanaba elisezantsi ufumana umvuzo ophakathi kwe-R3 000 ne-R5 000 ngenyanga xa ekwivenkile ezithengisayo okanye ezivelisayo.
Xa sel' unolwazi ufuman' umvuzo ngokomsebenzi wakho.
Iinkampani ezininzi zihlawul' imivuzo yabasebenzi ngokwengeniso eziyenzayo. Ngamany' amazwi xa unolwazi olubhetele uvelisa kakhulu uze ufuman' umvuzo othe kratya ongafikelela kwi-R20 000 nangaphaya kuxhomekeka kwindawo nobungakanani benkampani osebenza kuyo.
Uyakunqandwa ziinkwenkwezi xa ungumyili ophum' izandla oneshishini lakhe!
Iimfuneko zemfundo
Ukuze ukwazi ukufundela ukuyila nokuvelis' izihombo eTechnikon kufuneka ube nesiqinisekiso sematriki. Abafundi abafun' ukwenza ezi zifundo bayavavanywa baze babhal' uviwo. Kuyanceda ukuba nomqulu obonisa umsebenzi wakho wobuchule.
Amaziko emfundo
Izifundo zokuyilwa nokuveliswa kwezihombo ziyenziwa eDurban Institute Of Technology, eTshwane University Of Technology, eUniversity Of Johannesburg, eCape Peninsula University Of Technology, eCentral University Of Technology, eseFree State naseStellenbosch University.
Abafumene izidanga baba sethubeni lokwenza uvavanyo lomsebenzi besakugqib' uqeqesho lomsebenzi lweminyaka emibini. [x]
BONA XHOSA - February 2006
Umsebenzi obukhazi-khazi
Izihombo ezenziwa ngamatye anqabileyo zithandwa yaye zinqwenelwa ngumntu wonke. Kwabo banesiphiwo nabaqeqe-shiweyo lo ngumsebenzi onomvuzo kakhulu...
kubhale uGRACE KHUZWAYO kufote uBRETT FLORENS
NGASENTLA: UDaniel Kolobe uhlola onke amacandelo okuyilwa kwezihombo yaye usebenza kunye nabafundi bakhe ukuze nabo babe nabo obu buchule.
BONA XHOSA - February 2006
Imisebenzi
NGEZANTSI: Usebenza ixesha elide ukuze uphume nesihombo sexabiso esithi ndithenge.
