xhosa.1977.yourstyle_beauty
Yiba MHLE
kobu busika!
EQAQAMBILEYO
Imibala eqaqambileyo esiyibone phakathi kweli hlobo iza kuba mihle nangakumbi kwimibala embatshileyo yasebusika.
Imisebe iza kuba nemibala eturquoise nopepli, ukanti ziya kukuxhola ngemibala eluhlaza engqongqo, epinki netyheli.
IMIBALA EMENYEZELAYO
Imibala enjengogolide, osilvere nobronze yiyo eza kuqaqambisa iintsuku ezimnyama zasebusika. Ungayisebenzisa le mibala yonk' indawo ukususela emehlweni, ukuya ezinzitsheni nasemilebeni - kodwa ungayisebenzisi yonke ngexesh' elinye, ngaphandle kokuba ufun' ukutsal' amehlo.
EMDAKA NGEBALA
Abebesonqena ukusebenzisa imibala emdaka ngebala efike ekupheleni kwehlobo basenokubona eli kulixesha lokuyisebenzisa. Imibala emdaka enjengonavy blue nopepli mihle ezinzitsheni ezimfutshane. Abantu abaneentloni bangaqala ngokuyisebenzisa ezinzwaneni!
ENGQONGQO
Imilebe emenyezelayo enebala lendalo isesentweni kobu busika, kodwa nebomvu ngokuqaqambileyo isathandwa, kuba ibenza babe nomtsalane abantu abanolusu oluntsundu.
Nemilebe epinki ibamihle xa ungumntu oneentloni. [x]
Umbhali: Patricia McCracken
(Iinkcukacha zifunyanwe kwa: Revlon, Yardley, Nailene, Lalu, Avon)
UBUHLE BAKHO
Sebenzisa iimveliso zemake-up ezisentweni kobu busika
YIBA MHLE NGEMALI ENCINANE
Imake-up entsha yindlela entle yokuvuselela inkangeleko yakho. Kodwa xa usenza iimpazamo ezininzi, uya kuzifumana uchitha imali eninzi. Nazi izikhokelo ezine zokuzenza mhle ungangenanga nzulu epokothweni:
Jonga phambi kokuthenga
Zininzi iimveliso zemake-up ezivenkileni - ngoko ziqhelise imibala ngaphambi kokuyithenga. Unako ukuyivavanya imveliso ngaphambi kokuyithenga.
Iziseko ezizizo
"Uninzi lwethu lubanolusu olukhanyayo ebusika. Ngoko jonga ukuba udaka obulu-sebenzisa ehlotyeni lusakulungele na. Kungenzeka kufuneke uthenge oluncinane olukhanyayo oza kuluse-benzis' ebusika,"
Utsho uFaith Seuoe olungisa ubuso bekhava yeBONA
Qala ngokuyiqaba kancinane
Xa ukuthanda ukuqab' imake-up kodwa uyonqena imibala eqaqambileyo, kuhle ukuqala ngokuyiqaba kancinane.
Uba mhle, xa uqaba igloss phezulu kwesiqabi somlomo esimdaka.
Cinga kwangethuba
Theng' iimveliso zemake-up eziza kuba sefashonini ixesha elide, ucebisa ngelo uFaith. Imibala eqaqambileyo iza kuthandwa kobu busika, ngoko yithenge ngoku ubenayo.
