xhosa.1961.yourlifeguide_rltnshp
Yintoni umyalelo wokhuseleko?
Xa ulixhoba lokuphathwa gadalala ekhaya eli lixesha lokukuphelisa oko. Eny' indlela yokwenza oko kukwenza isicelo somyalelo wokhuseleko wenkundla
Yintoni umyalelo wokhuseleko wenkundla?
Luxwebhu lomthetho oluyalela umxhaphazi ukuba akwehle, utsho uMzolisa Madolo, umtshutshisi kwinkundla kamantyi yaseRandfontein. Xa engawuthobeli umyalelo angabanjwa.
Uwufumana nini?
Ukuba uyaxhatshazwa okanye woyikela ukhuselo lwakho. Uxhatshazo luziindidi ezininzi. Luquka ukubethwa - njengokuqhwatywa, ukubethwa ngenqindi nokutyhilizwa - nokuxhatshazwa ngokwesondo.
Ukulawula iindawo oya kuzo, ukukuyekisa emsebenzini okanye ekuboneni abahlobo bakho, ukusoloko uchukelwa nokutshabalalisa izinto zakho nazo ikwaziindidi zokuxhaphaza.
Ungenza isicelo myalelo xa:
Utshate kwamantyi, ngokwesintu okanye ecaweni.
Nihlala kunye, kodwa anitshatanga.
Nithembisene ngomtshato.
Amalungu osapho nabahlobo bomntu oxhatshazwayo nabo bangenza isicelo somyalelo wokhuseleko xa benemvume ebhaliweyo yomntu oxhatshazwayo, utsho uNthabiseng Monareng kwi-A Simple Guide To South African Family Law.
Ndisenza njani isicelo somyalelo wokhuseleko?
Yiya kwinkundla kamantyi ekufutshane, uphathe i-ID yakho neenkcukacha zomxhaphazi, ezifana nomsebenzi nedilesi abahlala kuyo. Uphathe namanye amaxwebhu afana neengxelo zikagqirha, iifoto zomonzakalo, iingxelo ezifungelweyo ngamalungu osapho, abamelwane okanye abantwana malunga ngokuxhatshazwa.
Umantyi uyalimamela ibali lakho aze aphicothe amaxwebhu oze nawo. Emva koko uya kukunika umyalelo.
Ungacela umantyi enze ukuba umpu womxhaphazi uthathwe, amapolisa ahambe nawe xa uthatha izinto zakho okanye umxhaphazi enikwa uphum'aphele emzini wenu.
Unothimba wenkundla okanye ipolisa liya kusa umyalelo wethutyana kumxhaphazi. Amchazele ukuba abesenkundleni yamatyala ngomhla obhalwe kumyalelo.
Ngaloo mhla, wena nomxhaphazi kumele nivele enkundleni yamatyala.
Nobabini niya kuchazela umantyi ibali lenu, emva koko agqibe ukuba akunike kusini na umyalelo wokhuseleko.
Xa umxhaphazi engezanga enkundleni umantyi uya kwenza umyalelo wethutyana ube ngomileyo.
Ukuba umantyi wenza umyalelo wokugqibela omileyo, uya kukhupha nesigunyaziso sokuba umxhaphazi abanjwe. Oku kuthetha ukuba umxhaphazi uya kubanjwa ukuba akawuthobeli umyalelo wokhuseleko.
Uhlala ixesha elingakanani?
Umyalelo wokhuseleko uhlala de uwucime. Ukuba ufuna ukuwucima kufuneka unike isaziso esibhaliweyo umxhaphazi uze wenze isicelo enkundleni sokuwurhoxisa.
Kulumkele ukuwucima ngezizathu ezingezizo, utsho uNthabiseng Monareng. Abaxhaphazi bayakwazi ukuzenza ngathi badanile kwaye bathembise ukutshintsha ukuze uwucime. Wakuwucima baqalise bakuxhaphaze.
Kwenzeka ntoni xa umxhaphazi enyhasha imiqathango yomyalelo wokhuseleko?
Imiyalelo yokhuseleko inyanzeliswa ngokungqongqo kwaye abo bangayithobeliyo bohlwaywa qatha.
Ukuba unyhashiwe, kufuneka uye kwisikhululo samapolisa obuthunyelwe kuso umyalelo. (Ukuba ukude, ungaya nakwesiphi na isikhululo samapolisa.)
Phatha isigunyaziso sokuba abanjwe esincanyathiselwe kumyalelo uze uchazele ipolisa ukuba umxhaphazi uwunyhasha njani na umyalelo wokhuseleko. Xa ebanjiwe angathunyelwa entolongweni de avele enkundleni.[x]
Umbhali: NguKamogelo Sebola.
KONKE OFANELE UKWAZI
Ingaba usemthethweni umtshato wesintu? Yintoni umtshato othi "into yam yeyakho"? Uwuqhawula njani umtshato? Okanye usifumana njani isondlo somntwana? Inkoliso yabantu baseMzantsi Afrika abawazi amalungelo abo, ingakumbi angemiba yosapho. Ingakunceda incwadi kaNthabiseng Monareng ethi A Simple Guide To South African Family Law (Siber Ink). Ichaza konke ngemithetho echaphazela ezosapho. Ufanele ubenayo kwaye ifumaneka kwiivenkile zeencwadi, kodwa sineencwadi esiphisa ngazo. Thumel' iphoskhadi enegama, idilesi nefowuni yasemini kule dilesi: BONA/Law Book Giveaway, Box 473014, Parklands, 2121.
EZOTHANDO LWAKHO
