xhosa.195.tents
Okwenza izinto ezincinci zibe yingxaki
Babek' iintente ezitratweni!
ibali libhalwe nguTEDDY GOMBA
KUKHO umntu owathi "ukungathobeli umthetho nokungahloniphi abany' abantu sesona sono sikhulu" nesingatshabalalisa isizwe. Ngamany' amazwi ke asilolwaphulo-mthetho olukhulu olwenza lungabikho uzinzo elizweni, koko ngabantu abophula imithetho emincinane bephindelela.
Abahlali baseSoweto bangangqina ukuba zibaphazamisa kangakanani izinto ezincinane ezenziwa ngabany' abahlali.
Phantse zonk' iimpela-veki kubakho umntu omisa intente kwakhe elungiselel' ipati, umtshato okanye umngcwabo. Akukho ngxaki ekwenzeni loo nto, qha ibankulu ingxaki xa loo ntente uyimisa endleleni ize iphazamise abamelwane bakho.
Omnye umhlali ubalise ibali lommelwane wakhe ongunoteksi owemba umsele endleleni ehamba ngakwakhe ukuze athintele abanye abaqhubi beemoto bangakrweli iiteksi zakhe xa zipakwe ngakwakhe.
"Omnye umqhubi wemoto owayengawazi loo msele watshona kuwo imoto yakhe yabetheka ngesampu," utshilo lo mhlali.
Kukho omnye umhlali owamisa intente yomtshato wentombi yakhe endleleni egqitha kwakhe.
"Loo ntente yema apho iintsuku ezintathu zonke. Akazange asimeme nakuloo mtshato njengabamelwane, ngoko saphazanyiswa yintente sibe singazungcamla nakwiziyunguma zomtshato."
Imvume
U-Edna Mamonyane wamapolisa kamasipala waseJoburg uthe nangona beqonda ukuba abantu babethwa bubuncinane beeyadi zabo ukuze babeke iintente ezindleleni, kodwa bafanele babacingele abamelwane babo.
"Xa kuza kutshata umntwana wakho, bacele abamelwane xa ufun' ukumis' intente endleleni, oko kubonisa ukubathobela abany' abantu," utshilo.
Kodwa wongeze ngelithi akukho mthethweni ukumis' intente endleleni kawonke-wonke.
"Kufunek' ucel' imvume kuceba wendawo okuyo ukuze kubekho isivumelwano esisayinwe ngabamelwane ukuba bayakuvumela umise intente endleleni.
"Abantu ke mabazi ukuba baza kujongana nengalo yomthetho xa bengayenzi loo nto.
"Xa ungawuthobeli lo mthetho ungadliwa imali efikelela kwi- R1 000.
"Isicelo ngasinye siyaphononongwa ngamapolisa kamasipala,umzekelo asamkelwa isicelo sakho xa loo ndlela ihamba iiteksi," utshilo uMamonyane.
"Amagosa ethu aya kususa nayiphi na intente ebekwe ngaphandle kwemvume, kodwa abanakuba kuzo zonke izitrato ngexesha elinye.
"Ngoko sibongoza uluntu ukuba lusifowunele xa kukho intente esendleleni kuba kungenzeka amagosa ethu angayiboni xa ikwindlela ephakathi kwemizi.
"Thina asinako ukuvumela abantu benze nantoni na abayithandayo."
Ukujongela phantsi
Ngathi ukugrogriswa ngokuhlawuliswa akubanqandi abantu kulo mkhuba.
Ingcali yomthetho uNjingalwazi Shadrack Ghutto uthi ingxaki kukuba uMzantsi Afrika usuka kwixesha elibi, apho imithetho yayimiselwa ngokobuhlanga.
Oko ke kwenza abany' abantu bangakuboni ukubaluleka kokuthobel' umthetho nozinzo.
Kodwa uthe abantu abafanelanga bazithethelele ngaloo nto xa besophul' umthetho.
"Nabani na ongathobel' umthetho unegalelo ekujongeleni phantsi urhulumente olawulayo," utshilo.
"Ulwaphulo-mthetho luqala ngezinto ezincinane njengokuba likhoboka leziyobisi - kaloku xa udibanisa into encinane eyenziwe apha neyenziwe phaya kuphum' into enkulu."
Makabonakale
UNeil Fraser ongumcebisi ngobomi basezidolophini uthi amapolisa kamasipala kufuneka aluthintele ulwaphulo-mthetho lwemithetho kamasipala, angasukumi kuba sekwenzeke into.
"Abantu bayithobel' imithetho xa bewabona ukuba akhona amapolisa. Umbuzo kukuba ngaba ayakhathala amapolisa kamasipala"
"Ndikhe ndiwabone efuna abantu abayabula ezitratweni benxilile. Intle loo nto, kodwa ngeny' imini ndandilinde ukuvula kwerobhothi ndibona iiteksi zisima ezirhobhothini zisehlisa abahambi ezibona amapolisa kodwa akathabatha manyathelo.
"Akazange abahoye abo noteksi kuba ayefuna abantu abahamba ezitratweni benxilile!" utshilo uFraser.
Kubahlali baseSoweto ke kucacile ukuba baseza kulinda ixesha elide ngaphambi kokuba abasemagunyeni bathabathel' amanyathelo abantu abophula imithetho kamasipala njengokumisa iintente nokumba imisele ezindleleni zikawonke-wonke. [x]
BONA XHOSA - February 2008
Ingaba uza kubanepati" Kutheni ungabeki intente esitratweni nje" Abahlali basezilokishini bakruqukile ngabantu abophul' umthetho kwaye bathe nqa ukuba kutheni bengabanjwa nje ngamapolisa ngokungathobeli imithetho kamasipala. Zinkulu ke iingxaki ezibangelwa koku "kungathobeli" imithetho kwabanye abantu...
BONA XHOSA - February 2008
