XHOSA.1958.muthi
LISAKUGQIBA ukuphosa amathambo igqirha nokuchaz' imiyalezo eliyinikwa ngamathambo liyabhavumla lisithi "Vumani"" (Niyavumelana na namathambo") Lowo oyobhula uyaphendula athi "Siyavuma!"
Ulwazi oluvezwa ngamathambo luxelelwa lowo oyobhula kuphela. Akufuneki olo lwazi kuhlaselwe ngalo abany' abantu.
Olu lwazi lulumkisa umntu ozobhula ngento eqhubekayo ebomini bakhe nendlela yokuphucul' ubomi bakhe. Lunceda ekubeni igqirha licebise ngento emayenziwe kodwa xa licelwa ngumntu ozobhula.
Ngaba abantu xa bebuya ukuyobhula bayalufihl' ulwazi abalunikwe ligqirha" HAYI!
Xa umntu eneengxaki ebomini bakhe utyhola abany' abantu.
Uyakhawuleza enjalonje nokunuka abantu. Uva ekhala esithi "Niyandithakatha!"
Wazi njani ukuba uthakathiwe" Uxelelwe ligqirha lakhe kaloku.
Uninzi lwaba bantu batyhola abantu ngolu hlobo iba ngabantu abangazange bakhe balubeka emagqirheni. Into abazama ukuyenza bona kukuziphindisela emntwini abakhe baxabana naye ngokumtyhola ngobugqwirha.
Kuyinyaniso engakanani ukuba sithakathiwe qho xa sigula okanye kukho izinto ezingasihambeliyo kakuhle"
Kulula ukugxeka abantu. Abantu abayiqondi into yokokuba ubomi bunamahla-ndinyuka - amashwa neengozi ziyazenzekela.
Inkululeko yasiphathela amalungelo kodwa ngelishwa ke kukho abawaxhaphazayo la malungelo.
Ngeliya xesha ookhokho bethu babehleli besonwabele inkululeko yabo ababeyiphiwe nguThixo kwakungekho mntu unuka omnye ngobugqwirha.
Inkundla yenqila yiyo eyayichophela amatyala alolu hlobo, ibize amangqina ize inyanzele ummangali ukuba aveze ubungqina. Namagqirha ayesazi ukuba kufuneka anike abantu ulwazi olubambekayo njengoko nawo ayebizelwa enkundleni ukuza kunik' ubungqina.
Kule mihla abanye abantu abakhohlakeleyo baye bathathele umthetho ezandleni zabo.
Elinye ibhinqa elineminyaka engama-23 elaliyititshalakazi lithi lagxothwa emsebenzini kuba lityholwa ngobugqwirha.
"Ngumntu omnye lo wasasaza la mampunge. Yandiphazamisa kakhulu loo nto kuba andazi kwanto ngobugqwirha. Ndandiyintlekisa yaye abantu endandiphangela nabo babendihleba.
"Ndandingasakwazi ukumelana nale meko ndaza ndawuyek' umsebenzi.
"Andisokuze ndiyilibale loo ntlungu yayindenza ndingalali buhlayo. Ndaya kufumana ukolulekwa ndaza ndanyangelwa udandatheko," utyatyadule watsho.
Waya kusebenza ekholeji. Wabonwa ngomnye wabantu awayesebenza nabo ngaphambili. "Waxelela udadewabo owayefunda apho ekholeji ukuba mna ndiyathakatha. Udadewabo wasasaza loo marhe athi ndi-i ekholeji."
Ngethamsanqa bakho abantu abangazange bakholelwe kwezo zityholo baza bangecala lakhe.
"Ezi zityholo zobugqwirha zilutsho lwaqhekeka phakathi usapho lwam," libhale ngolu hlobo eliny' ibhinqa.
"Xa kukho umntu ophethwe lizinyo okanye onomkhuhlane kuthiwa ndim obathakathayo.
"Nkqu nomama ondizalayo uyandityhola naye.
"Ndilibhinqa elinemimyaka engama-24 elimsulwa elingazange lakhe laya kubonana negqirha yaye andazi kwakuba uthikoloshe okanye impundulu yinto enjani na."
Izityholo ezilolu hlobo zikhokelela ekubulaweni kwabantu ngokungenalusini.
Kutshanje eLimpopo kutshiswe kwabulawa abantu abamsulwa ngenxa yezityholo zobugqwirha. Aba bantu babetyholwa ngokuthumela izulu elatshisa imizi labulala abantu.
Ibhinqa laseNtshona Koloni lagrogriswa laphathwa kakubi emva kokuba unyana walo eze nenkawu ekhaya efuna ukuyifuya.
Eli bhinqa latyholwa ngokusebenzisa le nkawu ebusuku xa lisenz' izinto zalo zobugqwirha emizini yabamelwane!
Ngaba uyakholelwa ebugqwirheni" Kulungile ke. Kodwa khumbula le nto: amagqwirha anobuqhophololo. Baqwalasele abo bakhuthalele ukutyhola abanye ngobugqwirha. Yintoni ebakhokelela ekwenzeni izityholo ezilolu hlobo" Yintoni le bayifihlayo abayenzayo"
Ungabakholwa aba bantu! Kungenzeka kuthi kanti kutyholwa umntu ongamthandiyo kakade kodwa yazi le nto: ngeny' imini iza kuba nguwe otyholwayo ube umsulwa. [x]
40 BONA XHOSA - February 2006
Sithetha ngamayeza esintu
Ngaba uligqwirha"
kubhale uFORCE KHASHANE
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail ku-forcek@caxton.co.za
