XHOSA.194.muthi
kubhale uFORCE KHASHANE
UKWAZI okuza kwenzeka kuwe kwixesha elizayo kuyakunceda uphephe ukuzifak' engxakini. Ukanti uphila ubomi obumnandi xa usazi umntu okuboniswayo okuza kwenzeka kwixesha elizayo.
Apha ke andithethi ngomntu oligqirha - ndithetha ngomntu onesiphiwo sokubona esikuphathelwe lingomso.
Kodwa amaxesh' amaninzi abo bantu abahoywa ngabahlobo naziintsapho zabo.
Isiphiwo sokubon' izinto eziza kwenzeka sidla ngokuba lufuzo kwaye nkqu nomntwana oneminyaka eli-10 angabanaso. Kodwa abantu abadala abadli ngakuyinika ngqalelo into etshiwo ngumntwana.
Ubeva abanye besithi: "Liyakwaqalile ke igqirha lasekhaya. Lithi liboniswe kusweleke omnye wethu".
Awuboniswa ephupheni kuphela
Enye impazamo kukuba umntu onesiphiwo sokubona okuza kwenzeka sidla ngokucinga ukuba uza kuba ligqirha okanye umthandazeli. Akunjalo, xa unaso izinto awuziboniswa emaphupheni kuphela, koko uzibona nasemini ngeempawu ezithile.
Ndibhalelwe leliny' ibhinqa elitshatileyo elithi liphoxwa lusapho, abahlobo nomyeni walo elineminyaka engaphaya kwe-10 litshatile naye kuba abasamkeli isiphiwo salo sokubona okuza kwenzeka.
Ngokomzekelo lithi eli bhinqa liyazi ukuba umntu uza kusweleka xa liye exesheni emva kokumbona. Lithi ke liyaqhubeka nokuba sexesheni xa seswelekile.
Emva koko lithe... "Ndathabath' uhambo lweentsuku ezimbini ndisiya eFreyistata, ndaza ndaziva ndinenzululwane nesicaphu-caphu."
"Ndagqiba ekubeni ndigoduke ngaphambi kwexesha - ndabamba umyeni wam ehleli nebhinqa ancuma nalo emzini wethu."
Ngokucacileyo isicaphu-caphu owayenaso sasiluphawu lwento owayeza kuyibona.
Sisebusweni
Eliny' ibhinqa lithe lona esalo isiphiwo sisebusweni. Oko kuvakala kungakholeleki, kodwa yinyaniso.
"Xa ndidikizelelwa liliso lasekhohlo ngezantsi ithuba elingaphezulu kweveki ndiyazi ukuba kuza kusweleka umhlobo wam okanye ilungu losapho," litshilo kwileta yalo.
"Xa kudikiza elasekunene ngasezantsi ndiyazi ukuba kukho umhlobo okanye umntu endimaziyo oza kusweleka.
"Esi siphiwo sindenza ndingakhululeki yaye ndingonwabi kuba andikwazi kusiphelisa.
"Ndithethe nabantu abaliqela ngaso, abanye bathe mandihlikihle indawo edikizelayo ngomcinga womtshayelo, kodwa oko akundincedanga.
"Ndibona kubhetele ukungakwazi kungekenzeki ukusweleka komntu osisalamane.
"Ndingasiphelisa njani esi siphiwo siyinkathazo""
Ngelishwa awunako ukuphelisa ukudikizela kweliso nokuboniswa xa umntu eza kusweleka. Kuza kufuneka nje ukunyamezele.
Ukuphila nako
Inkoliso yamaxhwele namagqirha ayaziboniswa izinto kwaye afunda ukukwamkela oko njengenxalenye yobomi bawo.
Ibhinqa elithi liya exesheni unomphelo linganyangwa - kufuneka lisoloko lineyeza ekuthiwa ngumkhurushane okanye imositsane.
Lingawabilisa omabini la mayeza, okanye elinye lawo kwisiqingatha sekomityi yamanzi. Kufuneka upheke isidudu ngamanzi eli yeza uze usitye kabini ngemini isithuba seveki.
Kukho nento edla ngokucingwa ngabantu yokuba abantu baboniswa izinto ezimbi kuphela. Kanti akunjalo.
Kukh' indoda ethi xa irhawuzelelwa sisandla sasekunene iyazi ukuba iza kufuman' imali ukanti xa isesasekhohlo iza kufuman'
ileta. [x]
28 BONA XHOSA - February 2007
Sithetha ngamayeza esintu
Ukuboniswa
okungekehli
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail
ku-forcek@caxton.co.za
