xhosa.1938.coincidence
Xa izinto zizenzekela
BONA XHOSA - March 2006
Ukwenzeka kwezinto ngexesh' elinye
SONKE sikhe sibone kusenzeka izinto ezingaqhelekanga uze uve abantu besithi: "Zaze zazenzekela izinto." Kodwa ngaba kuthetha ukuthini ukuzenzekela kwezinto"
Lowo ngumbuzo mhlawumbi ongaphenduleka kakuhle ngokwenza umzekelo. Masithi ebusuku uphupha ngomhlobo owamgqibela ngonoquku. Ngengomso uyamfowunela loo mhlobo.
Oko ayikokuzenzekela kwezinto kuba ucingile ngaloo mntu waza wamfowunela.
Kodwa xa uphupha ngomhlobo ekudala wamgqibela aze yena ngemini elandelayo akufowunele, oko kukuzenzekela kwezinto.
Kaloku akukho nto uyivileyo noyenzileyo. Usenokuba awusazi nokuba loo mhlobo uhlalaphi na ngoku.
Ngamany' amazwi ukuzenzekela kwezinto kuthetha ukwenzeka kwezinto ezifanayo kodwa enye ibe ingabangelwanga yenye.
Umzekelo kukuba uthi ucinga ukuba kazi unjani umama wakho - aze emva kwemizuzwana akufowunele. Oko kukuzenzekela kwezinto kuba awukhange wenze nto engenza umama wakho acinge ukukufowunela.
Abantu abaninzi bacinga ukuba oku kwenziwa kukuba bekwazi ukuthetha nabantu abangasekhoyo. Kodwa akusithi sonke esikwaziyo ukuthetha nezinyanya kodwa izinto ezizenzekelayo zenzeka kuthi lonke ixesha.
Eziny' izinto ezizenzekelayo ziyamangalisa. Khawucinge ngezi zinto zilandelayo...
Ibhinqa elithile eNgilani lasweleka emva kokuba ihashe elalilikhwele lisuke lathi xhinkxi phambi kwelitye lesikhumbuzo laza lawa labetheka ngentloko kulo.
Elo litye lalakhiwe njengesikhumbuzo sebhishophu nayo eyawiswa lihashe kuloo ndawo yasweleka.
l"Ndiphangela kwikhaya elihlala amaxhego namaxhegokazi," latsho ibhinqa elithile. "Ngomhla we-12 kuFebruwari ka-2003, sasicoca ngaphandle kwelo khaya saza safumama i-albham eneephoskhadi ezindala.
"Ezo phoskhadi kwakuzezeminyaka ephakathi kuka- 1911 no-1918 saza sothuswa kukuba iphoskhadi yokuqala yayiyeyomhla we-12 kuFebruwari ngo-1913!"
UGeorge Bryson wabhukisha ehotele ekuhambo lomsebenzi. Emva kokubhalisa wanikwa isitshixo sendlu engunombolo 307, waza waxelelwa ukuba uneleta. Wothuswa yiloo nto kuba esandul' ukungena kuloo hotele. Wanikwa ileta ebhalelwe uMnu. George Bryson, okwigumbi elingunombolo 307.
Loo leta yayibhalelwe omnye umntu onegama elifana nelakhe owayesandul' ukuphuma kwigumbi elingunombolo 307.
Lothuka usapho lukaErskine Ebbin waseHamilton, eCanada, xa watshayiswa yiteksi ehamba ngesithuthuthu wasweleka ngo-1975. Ngemini efanayo kunyaka ongaphambili, umntakwaboEbbin, uNeville naye watshayiswa yiteksi ehamba ngesithuthuthu.
Bobabini basweleka beneminyaka eli-17, bobabini baswelekela endleleni enye, kwaye zombini ezo teksi zaziqhutywa ngumntu omnye - yaye zithwele umhambi omnye.
Ibanjwa laseArgentina lagqiba ekubeni lifune utata walo elingamaziyo. Lade laqesha umphandi wangasese. Emva kweeenyanga ezimbalwa umphandi wamfumana uyise - wayengumphathi wentolongo owayevalelwe kuyo.
Ngo-1858, uRobert Fallon ongumdlali wepoker wadutyulwa wasweleka. Kuthiwa wafumana i- $600 ngokukhohlisa abantu.
Emva kokuba kungasekho mntu uhlala esitulweni sikaFallon yaye kungekho mntu ufuna ukuthatha i-$600, bafumana umntu omtsha oza kuvala isithuba sikaFallon ukuze afumane loo $600.
Athi amapolisa efika ezophanda ngokubulawa kwakhe afika sele eyinyuse loo $600 yayi-$2 200. Amapolisa athi i-$600 yokuqala mayinikwe usapho lukaFallon.
Bafumana ngoko ukuba le ndoda ethathe indawo kaFallon ngunyana wakhe owamgqibela uyise kwiminyaka esixhenxe edlulileyo!
Intatheli yabhukisha ehotele.Kwenye yeedrowa egumbini eyayilele kulo yafumana impahla kaHarry Hannin - owayengumhlobo waloo ntatheli.
Emva kweentsuku ezimbini engekamxeleli uHannin ukuba ufumene impahla yakhe, loo ntatheli yafumana ileta evela kuHannin.
Kuloo leta umhlobo wakhe wayemxelela ukuba kwihotele ebehlala kuyo eParis ufumene uthayi waloo ntatheli.
UHenry Ziegland wacinga ukuba uphuncukile. Ngo-1883, wohlukana nentombi awayencuma nayo eyazibulalayo ngenxa yokukhathazeka. Umntakwabo loo ntombazana wamzingela uZiegland waza wamdubula.
Emva kokuba loo ndoda izixelela ukuba imbulele uZiegland, yazidubula nayo. Kodwa uZiegland wayengafanga.
Imbumbulu yayigwengule nje ebusweni yaya kubetha umthi.
UZiegland wazibona ebe nethamsanqa. Emva kweminyaka embalwa wawusarha loo mthi imbumbulu isengaphakathi kuwo.
Wathi kuba esonqena umsebenzi wokuwusarha, wawuqhushumbisa ngedamanethi.
Imbumbulu eyayikuloo mthi yakhutshwa kukudubula kwedamanethi yaya kubetha uZiegland entloko wafa.
Ibhinqa ekuthiwa nguAnne Parrish lalijonga iincwadi kwivenkile yeencwadi ezindala waza wabona incwadi ethi Jack Frost And Other Stories. Wayithatha loo ncwadi wayibonisa umyeni wakhe, wamxelela ukuba wayeyithanda esakhula.
Umyeni wakhe wayithatha wayivula waza wafika kwiphepha lokuqala kubhalwe igama likaAnne Parrish. Yayiyincwadi yakhe.
Indoda yaseSoweto yayide yanayo imali eyaneleyo yokutheng' imoto entsha. Yayithengisa imoto yayo endala yathenga entsha. Emva kweeveki ezimbalwa yehlelwa yingozi - kanti yimoto yayo endala etshayisene nemoto entsha
Kukho abantu abathi uThixo, izinyanya, okanye nabani na owenza izinto zizenzekele uyathanda ukuhlekisa.
Ezi zinto azizenzekeli kuba siqalekisiwe - qha zisisikhumbuzo sokuba kuyenzeka kwenzeke izinto ezizenzekelayo singalindelanga.[x]
kubhale uISAAC KWELA
kufote abeCLIVE THOMPSON
Izinto ezifanayo ezizenzekelayo zenzeka rhoqo ebomini bethu - kodwa ngaba zithetha ukuthini"
BONA XHOSA - March 2006
