xhosa.1928.hiv
UBONGI wosulelwa yiHIV eneminyak' eli-15 kwisithuba seminyak' emine edlulileyo. "Ndandisazi ngeHIV, kodwa ndandisoyika ukuxelela umfana endandincuma naye ukuba makafake ikhondom. Ndandifuna ukuthi 'masisebenzise ikhondom' kodwa engaphumi loo mazwi emlonyeni. Kwakuba ngathi uza kundala xa ndikhe ndatsho," utsho.
UBongi wafumana ukuba uneHIV emva kokugula komntwana wakhe. Benziwa uvavanyo lweHIV, baza bobabini bafunyanwa benayo.
"Nangona sele bebaninzi abantu abaziyo ngeHIV/AIDS, okukhathazayo kukuba ulutsha luyakuthanda ukuzibeka engozini. Oko ke kwandisa inani lolutsha olusulelwa yile ntsholongwane," utsho umxelengi weAIDS.
"Inkoliso yolutsha oluneHIV-alwazi ukuba lunayo, ukanti lumbalwa nolutsha oluba nendibano yesondo oluyaziyo imeko yeHIV yabantu olulala nabo."
Yintoni eyenza ulutsha lube sesichengeni kangaka"
Zininzi gqitha izizathu zoko. Ulutsha oluninzi luba neendibano zesondo, lunjalonje olunye luqala ukuba nazo lusafikisa. Olungena ebudaleni, ingakumbi amantombazana akakwazi ukuthi 'hayi' kwisondo, okanye akakwazi ukuthi amadoda makafake ikhondom kuba amaxesha amaninzi sukuba exhatshazwa, enyanzelwa okanye elala nabantu abaza kuwanika imali okanye eziny' izipho.
Ezinye izinto ezibeka ulutsha esichengeni kukuba aluzihoyi izilumkiso, lulukuhlwa ziintanga zalo yaye nalo lulangazelel' ukuling' izinto ezintsha. Enye into ulutsha luyalibala ukusebenzisa iikhondom rhoqo kwindibano yesondo.
Ukuzigcina ukhuselekile
Intsholongwane yeHIV ayisasazeki lula. Ikosulela kuba igazi okanye iincindi zesondo zomntu onayo zingene emzimbeni wakho.
Njengoko inkoliso yolutsha oluneHIV luyifumana kwiindibano zesondo ezingakhuselekanga, elona cebo lokuzikhusela kukuzilumla kwisondo okanye ukuthembeka kumntu othandana naye xa kungekho osele enayo kuni.
Xa iindibano zesondo zikubeka esichengeni sokosulelwa zizifo zesondo, ungasinciphisa eso sichenge ngokusebenzisa iikhondom zamadoda nezabasetyhini. Ukuba namaxesha okungazisebenzisi kukubeka engozini, nkqu ukungayisebenzisi kanye.
Kubalulekile ukwazi ukuba ukungabi nayo iHIV ngoku akuthethi kuthi ayisokuze ikosulele, ngoko ukuzikhusela kubalulekile.
Xa ucinga ukuba kungenzeka ukuba usulelwe yiHIV emva kokudlwengulwa okanye kugqabhuke ikhondom, kufuneka uye kuvavanywa ukuba ayikosulelanga na uze ufumane neengcebiso ngokusebenzisa iipilisi ezibulala iHIV ukuze unciphise isichenge sokosuleleka.
Ungayisasazi iHIV
Kuthinteleka lula ukusasazeka kweHIV. Xa unayo kubalulekile ukwazi ukuba ungabosulela lula abanye abantu ngokuba neendibano zesondo ezingakhuselekanga. Ubosulela abanye nokuba wena uziva uphilile qete, okanye usebenzisa amayeza okuthibaza iHIV.
Ukusebenzisa iikhondom kuthintela ukosulela abanye abantu ngeHIV kwaye kuyakukhusela nawe ekosulelweni kwakhona yiHIV okanye eziny' izifo ezosulela ngesondo.
Usemtsha kwaye uneHIV
Ukufumanisa ukuba uneHIV kungakothusa ungazi nokuba ufanele uthini. Kuba yingxaki nangakumbi xa usemtsha kuba uthi ujongene neengxaki zokungena ebudaleni ube ukwanengxaki yokuba nesifo esinganyangekiyo, nenkxalabo yokwaziwa imeko yakho ziintanga zakho ibe ikutya.
Kunzima ukukhathalela ulutsha oluneHIV kuba kunzima kulo ukulandela imiqathango enzima yonyango.
Oonompilo bathi inkoliso yolutsha ithi yakufumana ukuba ineHIV kuyithabathe iinyanga ukwamkela loo nto phambi kokuba iqalise unyango.
Ukuzigcina uphilile
Xa uneHIV ezona zinto zibalulekileyo kukufumana unyango nenkxaso.
Funda kangangoko unako ngesi sifo. Uya kufumana iinkcukacha ezizizo kugqirha, umcebisi wakho okanye kwiziko loluntu elifundisa ngeAIDS.
Luyafumaneka ngoku unyango lokuthothisa iHIV nezifo ezihambisana neHIV/AIDS, ngoko ugqirha okanye unompilo uya kukuchazela awona akufaneleyo.
Xa uneHIV kufuneka uzikhathalele ukuze uphile ixesh' elide ingekakugulisi iAIDS.
n Yitya ukutya okunazo zonke izakha-mzimba. Inyama, intlanzi, amaqanda, amandongomane, ipapa, iitapile, irayisi, isonka, imifuno neziqhamo.
n Zilumkele iimvakalelo zakho. Xa usoyika okanye unoxinzelelo lwengqondo, thetha nomnye umntu. Ungazivaleli ngaphakathi ezo mvakalelo ubenoxinzelelo. Uxinzelelo lwengqondo luza kukugulisa. Phumla yaye ulale ngokwaneleyo.
n Khusel' amajoni omzimba wakho. Ungabuseli utywala, ungatshayi, ungadibani nabantu abanomkhuhlane neziny' izifo ezosulelayo, eziquka nezosulelwa ngeendibano zesondo.
n Fumana iingcebiso zonyango namayeza. Landel' imiyalelo kagqirha. Wagcine amadinga akho nogqirha yaye uwasebenzise ngendlela amayeza. Ukusebenzis' amanye, amanye ungawasebenzisi kuya kuyenza ikhule intsholongwane yeHIV. Nyanga nasiphi na isigulo esikungenayo ngokukhawuleza.
n Yiba neendibano zesondo ezikhuselekileyo. Ungazibeki esichengeni sokusulelwa zeziny' izifo okanye ukosulelwa yenye iHIV ngabantu olala nabo. Uya kukhawuleza ugule xa
ungazikhathalelanga.[x]
BONA XHOSA - December 2005
Ukulwa neHIV/
AIDS
I-AIDS ayinyangeki, ngoko ukuyithintela kuphela kwecebo lokuzikhusela nendlela yokuthintela ukunwenwa kwayo
liqulunqwe nguPRIMROSE WILLIAMS
kufote abeGREAT STOCK!
BONA XHOSA - December 2005
Siphisa ngeeKhondom zeLifeStyles
ABENZI beeLifestyles Condoms bathi amabhinqa makazikhethele into ewanelisayo - ingakumbi kwiindibano zesondo. Ngoko makathethe namaqabane awo ngokusebenzisa iikhondom kuba ngawo alawula iminqweno, imizimba nempilo yawo.
Lifikile ixesha lokuba alawule ubomi bawo besondo nelokuba abe nenkathalo kwezesondo kuba ngawo athwaxwa kakhulu yiHIV/AIDS.
IBONA iphisa ngeebhegi ezintle ezineeLifeStyles Condoms neemveliso zobuhle ezixabisa i-R1 000 inye. Ukuze ungene kutsalo lwabaphumeleleyo, thumel' igama, idilesi nomnxeba wasemini ngephoskhadi kule dilesi: BONA/LifeStyles Condoms Giveaway, Box 32067, Mobeni, 4060.
Umhla wokuvalwa: 30 Disemba 2005
Ezolutsha
