xhosa.1927.legalfeb08
iingxaki zomthetho
Malunga nekhefu olithatha xa uyobeleka
INGXAKI: Sele kuyiminyaka emi-6 ndisebenzela inkampani eyenza iziselo zeziqhamo. Kodwa abandivumeli ndithathe ikhefu lokuyobeleka - bathi mandithathe ikhefu elingahlawulelwayo. Kwaye ndixelelwe nokuba kunokwenzeka ndibuye uphelile umsebenzi! Athini amalungelo am"
USCORPION UYACEBISA:
Amalungelo akho emsebenzini alawulwa yiBasic Conditions Of Employment Act (BCEA). Ngokwalo mthetho uneenyanga ezi-4 zekhefu lokuyobeleka. Kwezi nyanga uyahlawulwa, kodwa aziphazamisani neentsuku zakho zekhefu lonyaka.
Ukuba umqeshi wakho uyazicutha iintsuku zakho zekhefu lonyaka ngenxa yekhefu lokuyobeleka, oko kuchasene neBCEA. Ukuya kukhalaza eCCMA kungenza sikhawuleze silungiswe esi senzo singekho mthethweni.
Ngaphezulu umqeshi wakho akakwazi ukusitshintsha isivumelwano esibhaliweyo sengqesho yakho ngaphandle kwemvume yakho.
Ikhefu lokuyobeleka liqala ubuncinane iveki ezine phambi kosuku oluqikelelweyo lokubeleka. Kodwa ke, ukuba ugqirha okanye umbelekisi ovunyiweyo babhale phantsi ukuba ikhefu malibe lide kunesiqhelo, umqeshi wakho umelwe kukuthobela loo myalelo.
Ukwabalulekile ke nomqathango othi awuvumelekanga ubuyele emsebenzini kude kube ziveki ezi-6 emva kokuba ubelekile.
Kwimeko ezinzima apho ukubeleka kuye kwanengxaki mhlwawumbi usana lwazalwa lungaphilanga, ugqirha angazandisa iiveki zekhefu.
Imeko yakho emalini ungayenza lula ngokufuna imali kwiUnemployment Insurance (UIF), kodwa isicelo sakho sifake kwinyanga ezimbini phambi kokuthatha ikhefu.
Ukuba isicelo sakho sifike kade, yenza isingxengxezo uqhubeke nesicelo sakho sentlawulo. Okona kubalulekileyo kukwazi ukuba awunakugxothwa ngenxa yokukhulelwa.
Ukuba umqeshi wakho ukugxothele esi sizathu waphula umthetho kwaye uCCMA uzakumbonela icebo.
Nawe unako ukudibanisa ikhefu lakho lonyaka nelokubeleka, kwaye uza kuhlawulwa.
Kodwa ke yazi ukuba uthatha ikhefu ngolu hlobo xa inkampani ivalela unyaka ngoDesemba, ungangayifumani intlawulo kungenjalo iphungulwe. [x]
ABAFOTIWEYO BAYABONISA NJE
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ke ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
Thumel' ingxaki yakho yomthetho kule dilesi: BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama-30 kwii-ofisi zalo naphi na kweli okanye uthethe nalo ngomnxeba.
