xhosa.1925.legaladv
WAZI AMALUNGELO AKHO
Kule nyanga: sithetha ngokwaneliseka kumlawuli weembambano nokuthi kungani kubalulekile ukuba ne-inshorensi yemoto
ULAMLO LWEMBAMBANO
Ndatheng' imoto emntwini emva kokuqinisekisa ukuba yeyakhe nokuba unalo na ilungelo lokuyithengisa.
Igqwetha lakhe labhala isivumelwano sokuba ndiyihlawule ngezavenge. Ndasisayina, ndahlawula idiphozithi, ndayithatha imoto yayeyam.
Yonk' into ihambe kakuhle, ndizihlawula nezavenge zenyanga - kodwa kuthe ethubeni ndafumana incwadi evela kwigqwetha elithile elithi umxumi walo wayithenga naye loo moto kumntu endayithenga kuye.
Lathi oko kuthetha ukuba imoto ndayithenga kumntu ongenalungelo lakuyithengisa, ngoko mandizise kulo.
Ndaya kuyiqonda loo nto ngoko nangoko kumthengisi wemoto. Wathi uza kuyilungisa loo nto, kodwa akayilungisanga.
Andiyisanga imoto egqwetheni njengokuba lalisitsho kwaye akafuni ukubuyis' imali yam nomntu endayithenga kuye.
Igqwetha endicele uncedo kulo lithe kukho umhlathi othi kuya kusetyenziswa umlamli kwisivumelwano sethu sokuthengiselana imoto. Likwathe andinako ukumangalela ukubuyiselwa imali yam de le mbambano isonjululwe ngumlamli.
Andazi ukuba kutheni le mbambano kufuneka isiwe kumlamli kwaye andiyazi ukuba ithini inkqubo yaloo nto.
ICEBISO LESCORPION
Umlamli ozimeleyo yinkqubo yomthetho yokusonjululwa kwembambano kungayiwa enkundleni yomthetho.
Umlamli uba ngumgwebi kuloo mbambano. Umamela ubungqina, akhuphe isigwebo. Isigqibo sakhe singenziwa "Umyalelo weNkundla".
Oko kunika umntu ogwetyelwe ngumlamli ilungelo lokukhupha incwadi esemthethweni yokuba abuyiselwe imali yakhe, okanye elokuba yeyakhe into ayithengileyo.
Abantu abaninzi bacinga ukuba xa imbambano isingethwe ngumlamli awunako ukuyisa enkundleni.
Kodwa ulumke. Xa ufun' ukuqhubela phambili umangalele umthengisi wemoto, oko kungayenza intsokothe le mbambano.
Xa ummangalelwa unokucela lirhoxiswe ityala de ligwetywe ngumlamli.
Xa esenza eso sicelo ke nguwe ofanele ubonise inkundla ukuba kungani ungafuni lo mba uchotshelwe ngumlamli.
Oko kuza kubanzima nokuba iimeko zithini na. Inkundla iya kunyanzelisa ukuba ichotshelwe ngumlamli kuba oko kuya kuyongela ixesha.
Kufuneka ubenegqwetha kulo mcimbi, ngoko cela uncedo kwiLegal Aid Board xa ungenamali. [x]
AMANDL' OMTHETHO
KUBI KODWA KUYINYANISO
Imoto yam ndayithenga nge-R75 000 ndaza ndayithathela i-inshorensi yelo xabiso. Ndehlelwa yingozi emva kweenyanga ezintandathu. Ixabiso lokuyilungisa ibe yi-R30 000 yaza yathi inkampani ye-inshorensi iza kuhlawula i-75%, mna ke kufuneka ndihlawule i-25% kunye ne-"excess".
Ndingathini ukuhlawulela i-inshorensi kuze kufuneke ndihlawule eny' imali kunye ne-"excess" xa yonakele imoto" Ndiyaqhathwa.
ICEBISO LESCORPION
Uye untsokotha umcimbi we-inshorensi yeemoto kule minyaka idlulileyo kwaye nenkqatho ikhona. Kodwa cinga ngeendleko obuza kuzithwala ukuba ubungena-inshorensi - ubuza kuhlawula i-R30 000!
Inyaniso kukuba kukungabi nankathalo ukungabi ne-inshorensi yemoto kwaye kungatyabula kabuhlungu ngokwasezimalinni.
YINTONI I- EXCESS
I-"Excess" yimali ethe kratya oyihlawulayo xa imoto yakho ibenengozi iza kulungiswa ngeendleko ze-inshorensi.
Uninzi lweenkampani zidla ngokuthi ziza kuzama ukukubuyisela loo mali.
Kodwa xa uyifundisisa ipholisi yakho, akukho nto ithi zifanele zikwenze oko.
Oko ke kuthetha ukuba awunako ukuyinyanzela ikubuyisele loo mali!
Ezinye zithi ziza kuzama kodwa oko kungenzeki ngethemba lokuba uza kuyilibala.
ABAFOTIWEYO BAYALINGANISA
Thumela ingxaki yakho yomthetho kule dilesi: BONA Legal Advice, Box 32083, Mobeni, 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama- 30 ngaphandle kokuhlawula, kwi-ofisi zalo naphi na kweli okanye emnxebeni.
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
