xhosa.1918.soccercoach_NEW
OKUTSHA
Ukubamba ibhola ngonyawo
UKUFUNDISA unyana wakho ukudlal' ibhola ayikuko ukumthengela nje ibhola aza kuyikhaba-khaba ebaleni, utsho uMike "Tse-Tse Fly" Ntombela owayeyincutshe yeMamelodi Sundowns.
Sicel' uMike ukuba asinik' amacebiso okufundis' unyana ukudlal' ibhola, waza wathi mfundise ukubamba ibhola ngonyawo (i-"first touch") kuqala eselula. Ngoko xa ungafuni ukuva abantu besithi kuye: "Awukwazi ukukhontrola ibhola wena", mfundise ukubamba nokulawula ibhola ngonyawo. Oku kuza kumfundisa nokukhab' ibhola. [x]
Umbhali: Force Khashane
UBonginkosi Gonco noyise, uJohn Mkhabela.
UBUSAZI NA?
Abadlali abaninzi bafunda iindlela ezigwenxa zokudlal' ibhola phakathi kweminyak' emihlanu neli-11. "Amakhwenkwe athi efikelela kwibakala lokuqeqeshwa kumaqela abadlali abaselula xa eneminyaka ephakathi kwe-12 ne-15, ube sewenzekile umonakalo omkhulu," utsho uMike "Tse-Tse Fly" Ntombela.
Utata ngoyena mqeqeshi webhola ubalulekileyo kunyana wakhe, kuba kaloku nguye omele amfundise izinto ezisisiseko zokudlal' ibhola. Kodwa nabo ootata bayalufun' uncedo. Ukususela kule nyanga siza kuba nomhlathi wokunceda ootata baqeqeshe oonyana babe ziincutshe zangomso ebholeni
UKUBAMB' IBHOLA NGONYAWO
Kufuneka umqeqeshe koku kwindawo ethe tyaba. Kungaba kuqaqaqa okanye kwindawo egangathiweyo.
1 Kufuneka utata nonyana baphane isithuba esiyi-5m. Unyana makakhabe kuhle ibhola ngomphakathi wonyawo iye kuyise ngokucothayo.
2 Utata makayibambe ngomphakathi wonyawo naye ibhola. Aze naye ayikhabe kancinane ibuyele kunyana.
3 Mabaqinisekise ukuba ibhola iyafika komnye. Ukhumbule ubuchule bokubamb' ibhola ngonyawo kuxa ibhola uyibamba ime, ingabetheki kulo ihambe. Mayihlale elunyaweni de uyikhabe. Khabelanani niyibambe ngonyawo ibhola kahlanu ngonyawo ngalunye. Kubalulekile ukufund' ukuyibamba ngeenyawo zombini!
QAPHELA: Oku kukufundisa ukubamb' ibhola ngonyawo. Xa umntwana ephakathi kweminyak' emihlanu nesixhenxe, ungamngxameli. Kaloku ukukhab' ibhola kakhulu akubalulekanga kuye okwangoku!
Apha uBonginkosi ubonis' indlela ONGAFANELANGA ubambe ngayo ibhola. Uzam' ukuyibamba ngokubek' unyawo phezu kwayo, kungenzeka iphuncuke ibhola kuye. Yibambe ngecala lonyawo ibhola, ingasuki de uyikhabe wena.
UQEQESHO LWEBHOLA
ICEBISO
